Ingoma 59
Sizahlulele KuThixo!
Printed Edition
1. UYehova usitsalele kuKristu.
Ngoko singabafundi bakhe.
Uyasikhanyisela
Ngolwazi lwenyaniso.
Lomeleza ukholo
Kuye uThixo uMdali.
(CHORUS)
Sizahlulele kuThixo ngentliziyo.
Siyamthanda uThixo noYesu.
2. Sisondela kuYehova ngomthandazo.
Sizimisele ukumkhonza.
Sikuvuyela gqitha
Ukwazisa abantu
NgoThixo oluthando
NangoBukumkani bakhe.
(CHORUS)
Sizahlulele kuThixo ngentliziyo.
Siyamthanda uThixo noYesu.
(Bona nezi: INdu. 43:3; 107:22; Yoh. 6:44.)