Imihla Ebalulekileyo Kwimithendeleko Yembali Yakwasirayeli
“Izihlandlo ezithathu ngomnyaka mayibonakale into yonke eyindoda ebusweni bukaYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyula . . . Makangabonakali ke engaphethe lutho ebusweni bukaYehova.”—DUTERONOMI 16:16.
1. Yintoni esiyaziyo ngemithendeleko yamaxesha okubhalwa kweBhayibhile?
UKHUMBULA ntoni xa ucinga ngomthendeleko? Kweminye imithendeleko yamandulo abantu babezifica yaye beziphatha kakubi. Kusenjalo nakweminye imithendeleko yale mihla. Kodwa imithendeleko eyayenzelwe uSirayeli ebhalwe kuMthetho kaThixo yayahlukile. Nangona yayizizihlandlo zovuyo, kwakhona yayinokuchazwa ‘njengeentlanganiso ezingcwele.’—Levitikus 23:2.
2. (a) Yintoni ekwakufuneka amadoda akwaSirayeli ayenze kathathu ngonyaka? (b) Ngokwendlela elisetyenziswe ngayo eli gama kwiDuteronomi 16:16, yintoni “umthendeleko”?
2 Amadoda athembekileyo akwaSirayeli—ngokufuthi awayehamba neentsapho zawo—ayefumana uyolo oluhlaziyayo ngokuya eYerusalem, ‘indawo enyulwe nguYehova,’ ibe ayenikela ngesisa kule mithendeleko mithathu ibalaseleyo. (Duteronomi 16:16) Incwadi ethi Old Testament Word Studies ichaza igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “umthendeleko” kwiDuteronomi 16:16 “njengesihlandlo sokugcoba . . . ekwakubhiyozelwa iziganeko ezingaqhelekanga zenceba kaThixo ngamadini nangezidlo.”a
Ukuxabiseka Kwemithendeleko Emikhulu
3. Imithendeleko emithathu yaminyaka le isikhumbuza ngaziphi iintsikelelo?
3 Ekubeni ayengabalimi, amaSirayeli ayexhomekeke ekubeni uThixo awasikelele ngemvula. Imithendeleko emithathu emikhulu yoMthetho kaMoses yayingqamene nokuhlanganiswa kwesivuno serhasi ekuqaleni kwentwasahlobo, isivuno sengqolowa ngasekupheleni kwentwasahlobo, kunye nesivuno sokugqibela ngasekupheleni kwehlobo. Ezi yayizizihlandlo zemigcobo nokubulela kuMlondolozi womjikelo wemvula nakuMenzi womhlaba ochumileyo. Kodwa le mithendeleko yayibandakanya okungaphezulu lee kunoko.—Duteronomi 11:11-14.
4. Sisiphi isiganeko esinembali esabhiyozelwa ngomthendeleko wokuqala?
4 Umthendeleko wokuqala wawubakho kwinyanga yokuqala yekhalenda yamandulo yeBhayibhile, ukususela ngoNisan 15 ukusa kowama-21, ixesha elingqamene nasekupheleni kukaMatshi okanye ekuqaleni kuka-Aprili wekhalenda yethu. Wawubizwa ngokuba nguMthendeleko Wezonka Ezingenagwele, yaye ekubeni wawuba semva kwePasika kaNisan 14, wawukwabizwa ngokuba ‘ngumthendeleko wepasika.’ (Luka 2:41; Levitikus 23:5, 6) Lo mthendeleko wawukhumbuza amaSirayeli ngokuhlangulwa kwawo kwiintsizi zaseYiputa, yaye izonka ezingenagwele zazibizwa ngokuba ‘zizonka zeentsizi.’ (Duteronomi 16:3) Wawuwakhumbuza ukuba asaba sele egxabhagxabhisa eYiputa kungasekho nexesha eli lokufaka igwele aze alinde intlama ukuba inyuke. (Eksodus 12:34) Ebudeni balo mthendeleko kwakungamele kubekho nentwana le yegwele kwikhaya lamaSirayeli. Nabani na owayekulo mbhiyozo, kuquka nomphambukeli, owayesidla isonka esinegwele wayesohlwaywa ngokubulawa.—Eksodus 12:19.
5. Liliphi ilungelo elisenokuba lalikhunjulwa ngomthendeleko wesibini, ibe ngoobani ababequkwa kuloo migcobo?
5 Umthendeleko wesibini wawubakho kwiiveki ezisixhenxe (iintsuku ezingama-49) emva koNisan 16 uze uphele ngomhla wesithandathu wenyanga yesithathu, uSivan, engqamene nokuphela kukaMeyi wekhalenda yethu. (Levitikus 23:15, 16) Wawubizwa ngokuba nguMthendeleko Weeveki (ngomhla kaYesu, wawukwabizwa ngokuba yiPentekoste, ngesiGrike ethetha “Owamashumi Amahlanu”), yaye wawusenziwa malunga nexesha lonyaka awathi amaSirayeli angena ngalo kumnqophiso woMthetho kwiNtaba yeSinayi. (Eksodus 19:1, 2) Ebudeni balo mthendeleko amaSirayeli athembekileyo asenokuba ayecamngca ngelungelo lawo lokunyulwa njengohlanga lukaThixo olungcwele. Kwakufuneka athobele uMthetho kaThixo ukuze abe ngabantu abakhethekileyo bakaThixo, njengomyalelo wokubonakalisa inyameko enothando kwabahlelelekileyo ukuze nabo banandiphe lo mthendeleko.—Levitikus 23:22; Duteronomi 16:10-12.
6. Umthendeleko wesithathu wawubakhumbuza ntoni abantu bakaThixo?
6 Owokugqibela kule mithendeleko mithathu emikhulu yaminyaka le wawubizwa ngokuba nguMthendeleko Wokuhlanganisa, okanye uMthendeleko Weminquba. Wawusenziwa ngenyanga yesixhenxe, uTishri okanye uEthanim, ukususela ngomhla we-15 ukusa kowama-21, engqamene nokuqala kukaOktobha. (Levitikus 23:34) Ebudeni beli xesha, abantu bakaThixo babesithi ngqwadalala ngaphandle kwezindlu zabo okanye bahlale kumaphempe (iminquba) akhiwe ngamasebe namagqabi emithi phezu kwamaphahla ezindlu zabo. Oku kwakubakhumbuza ngohambo lwabo lweminyaka engama-40 olwalusuka eYiputa lusinge kwiLizwe Ledinga, xa kwafuneka olo hlanga lufunde ukwayama ngoThixo ukuze iintswelo zalo zemihla ngemihla zaneliswe.—Levitikus 23:42, 43; Duteronomi 8:15, 16.
7. Yintoni esiyizuzayo ngokuhlolisisa imibhiyozo yemithendeleko yamaSirayeli amandulo?
7 Makhe sihlolisise eminye imithendeleko eyangqineka ibalulekile kwimbali yabantu bakaThixo bamandulo. Oku kufanele kusikhuthaze namhlanje, ekubeni nathi simenywa ukuba sihlanganisane veki nganye nangezihlandlo ezithathu ngonyaka kwiindibano ezinkulu nezincinane.—Hebhere 10:24, 25.
Ngexesha Lookumkani Bomnombo KaDavide
8. (a) Nguwuphi umthendeleko owawumkhulu embalini owaqhutywa ngemihla kaKumkani uSolomon? (b) Yiyiphi incopho ezukileyo yoMthendeleko Weminquba esinokukhangela phambili kuyo?
8 Ebudeni bolawulo oluphumelelayo lukaKumkani uSolomon, unyana kaDavide, kwabakho umbhiyozo owawumkhulu embalini ngexesha loMthendeleko Weminquba. Kwakuhlanganisene “ibandla elikhulu kunene” elalivela kwezona ndawo zikude zeLizwe Ledinga lize kuMthendeleko Weminquba nakunikezelo lwetempile. (2 Kronike 7:8) Ekupheleni kwawo, uKumkani uSolomon wabandulula abo babeze kubhiyoza, abaqalisa ‘ukumbonga ukumkani, baya ke ezintenteni zabo, bevuya, bechwayithile ngenxa yokulunga konke awakwenzayo uYehova kuDavide umkhonzi wakhe, nakumaSirayeli abantu bakhe.’ (1 Kumkani 8:66) Lowo waba ngumthendeleko obaluleke ngokwenene. Namhlanje, abakhonzi bakaThixo bakhangele phambili kwincopho ezukileyo yoko kwakufuziselwa nguMthendeleko Weminquba ekupheleni koLawulo Lwewaka Leminyaka lukaSolomon Omkhulu, uYesu Kristu. (ISityhilelo 20:3, 7-10, 14, 15) Ngelo xesha, abantu abahlala kuzo zonke iimbombo zomhlaba, kuquka abavusiweyo nabasinde kwiArmagedon, baya kumanyana ekunquleni uYehova uThixo ngovuyo.—Zekariya 14:16.
9-11. (a) Yintoni eyakhokelela kumthendeleko obalaseleyo ngemihla kaKumkani uHezekiya? (b) Nguwuphi umzekelo owamiselwa ngabaninzi kubukumkani basentla bezizwe ezilishumi, kwaye usikhumbuza ntoni namhlanje?
9 Omnye umthendeleko obalaseleyo okhankanywe eBhayibhileni wabakho emva kolawulo lukaKumkani uAhazi owayelitshijolo, owayevale itempile waza wadala uwexuko kubukumkani bakwaYuda. UKumkani uHezekiya owayelungile wangena ezihlangwini zika-Ahazi. Ngonyaka wokuqala wolawulo lwakhe, eneminyaka engama-25 ubudala, uHezekiya waqalisa inkqubo ebalaseleyo yokubuyisela nokulungisa izinto. Zisuka nje wayivula itempile waza wenza amalungiselelo okuba ilungiswe. Emva koko lo kumkani wathumela iileta kumaSirayeli akubukumkani basentla bezizwe ezilishumi ezinobutshaba zakwaSirayeli, ewamema ukuba aze kubhiyozela iPasika noMthendeleko Wezonka Ezingenagwele. Amaninzi aza, nangona ayegculelwa ngoogxa bawo.—2 Kronike 30:1, 10, 11, 18.
10 Ngaba waphumelela lo mthendeleko? IBhayibhile ithi: “Oonyana bakaSirayeli abafunyanwayo eYerusalem bawenza ke umthendeleko wezonka ezingenagwele imihla esixhenxe, bevuya kakhulu, bemdumisa uYehova iimini ngeemini abaLevi nababingeleli, ngeempahla zokumzukisa.” (2 Kronike 30:21) Onjani ukuba mhle umzekelo owamiselwa ngaloo maSirayeli kubantu bakaThixo namhlanje, uninzi lwabo olunyamezela inkcaso noluhamba imigama emide lusiya ezindibanweni ezinkulu!
11 Ngokomzekelo, khawucinge ngeeNdibano ZeSithili “Zokuhlonela UThixo” ezintathu ezaqhutywa ePoland ngowe-1989. Phakathi kwabali-166 518 ababekho kwakukho abaninzi ababevela kwilizwe elalisakuba yiSoviet Union nakwamanye amazwe aseMpuma Yurophu apho umsebenzi wamaNgqina kaYehova wawuvaliwe ngelo xesha. Incwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixob inikela le ngxelo: “Kwabanye ababekho kwezi ndibano, yayisisihlandlo sokuqala ukuba baye kwindibano enkulu enabantu bakaYehova abangaphezu kwabali-15 okanye kwabangama-20. Iintliziyo zabo zazaliswa luxabiso njengokuba babekhangele amashumi amawaka awayekho kumabala emidlalo, ethelela nabo emthandazweni, baza bahlanganisa amazwi abo kwiingoma zokudumisa uYehova.”—Iphepha 279.
12. Yintoni eyakhokelela kumthendeleko obalaseleyo ebudeni bolawulo lukaKumkani uYosiya?
12 Emva kokufa kukaHezekiya, abemi belakwaYuda baphinda batshona zwabha kunqulo lobuxoki phantsi koKumkani uManase noAmon. Emva koko kwalandela ulawulo lomnye ukumkani olungileyo, uYosiya owayeselula, owathi ngenkalipho walubuyisela unqulo lokwenyaniso. Xa wayeneminyaka engama-25 ubudala, uYosiya wayalela ukuba itempile ilungiswe. (2 Kronike 34:8) Xa yayilungiswa, kwafunyanwa uMthetho owawubhalwe nguMoses etempileni. UKumkani uYosiya wachukumiseka ngokunzulu koko wakufunda kuMthetho kaThixo waza wenza ilungiselelo lokuba ufundwe kubo bonke abantu. (2 Kronike 34:14, 30) Wandula ke, ngokuvisisana noko kwakubhaliwe, walungiselela ukuba kubhiyozelwe iPasika. Lo kumkani wakwamisela umzekelo omhle ngokunikela ngesisa kwesi sihlandlo. Ngenxa yoko, iBhayibhile inikela le ngxelo: “Bekungazanga kwenziwe pasika ngokwaleyo kwaSirayeli, kususela kwimihla kaSamuweli umprofeti.”—2 Kronike 35:7, 17, 18.
13. Isikhumbuza ntoni imibhiyozo yemithendeleko kaHezekiya noYosiya namhlanje?
13 Iinguqu ezeza noHezekiya noYosiya zifana nqwa nokubuyiselwa okungummangaliso konqulo lokwenyaniso okuye kwenzeka kumaKristu okwenyaniso ukususela ekubekweni kukaYesu Kristu etroneni ngowe-1914. Njengoko kwakunjalo ngokukodwa ngeenguqu ezeza noYosiya, ukubuyiselwa okwenziwa kule mihla kuye kwasekelwa koko kubhalwe eLizwini likaThixo. Yaye ngokufanayo nemihla kaHezekiya noYosiya, ukubuyiselwa okwenziwa kule mihla kuye kwakhatshwa ziindibano ezinkulu nezincinane ekuye kwafumaneka iingcaciso ezibangel’ imincili zesiprofeto seBhayibhile nendlela esexesheni yokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. Ukongezelela kuvuyo oluziswa zezi zihlandlo zokufunda kuye kwakho inani elikhulu lababhaptizwayo. NjengamaSirayeli awaguqukayo ngemihla kaHezekiya noYosiya, abasandul’ ukubhaptizwa baye balulahla uqheliselo olungendawo lweNgqobhoko nolwehlabathi likaSathana liphela. Ngowe-1997, bangaphezu kwama-375 000 abaye babhaptizwa befuzisela uzahlulelo lwabo kuThixo ongcwele, uYehova—umlinganiselo wabangaphezu kwe-1000 ngosuku.
Emva Kokuthinjwa
14. Yintoni eyakhokelela kumthendeleko obalaseleyo wama-537 B.C.E.?
14 Emva kokufa kukaYosiya, kwakhona olu hlanga lwabuyela kunqulo lobuxoki oluthob’ isidima. Ekugqibeleni, ngowama-607 B.C.E., uYehova wabohlwaya abantu bakhe ngokwenza imikhosi yaseBhabhiloni ihlasele iYerusalem. Esi sixeko kunye netempile yaso satshatyalaliswa, yaye elo lizwe laba yinkangala. Kwalandela iminyaka engama-70 yokuthinjwa kwamaYuda eBhabhiloni. Emva koko uThixo wayivuselela intsalela yamaYuda eguqukileyo, awabuyela kwiLizwe Ledinga ukuze abuyisele unqulo lokwenyaniso. Afika kwisixeko esibhodlokileyo saseYerusalem ngenyanga yesixhenxe yonyaka wama-537 B.C.E. Into yokuqala awayenzayo kukumisa isibingelelo ukuze anyuse amadini emihla ngemihla njengoko kuchazwe kumnqophiso woMthetho. Oku kwenziwa kanye ngexesha lomnye umbhiyozo obalulekileyo embalini. “Enza umthendeleko weminquba njengoko kubhaliweyo.”—Ezra 3:1-4.
15. Nguwuphi umsebenzi owawumele wenziwe yintsalela ebuyiselweyo ngowama-537 B.C.E., kwaye yabakho njani imeko efanayo ngowe-1919?
15 Kwakukho umsebenzi omkhulu ekwakufuneka wenziwe ngabo babevela ekuthinjweni—ukuphinda bakhe itempile kaThixo kunye neYerusalem neendonga zayo. Yayininzi inkcaso eyayivela kubamelwane babo ababebhuqwa ngumona. Xa yayisakhiwa loo tempile, ‘kwakuyimini yezinto ezincinane.’ (Zekariya 4:10) Le meko yafana neyamaKristu athanjisiweyo athembekileyo ngowe-1919. Ngaloo nyaka ungalibalekiyo, akhululwa ekuthinjweni kokomoya yiBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. Ayebalwa kumawaka ambalwa yaye ejamelene nehlabathi elivath’ iqaqa. Ngaba iintshaba zikaThixo zaziya kukwazi ukuthintela inkqubela yonqulo lokwenyaniso? Impendulo yalo mbuzo itsho sikhumbule imithendeleko emibini yokugqibela ebhalwe kwiZibhalo zesiHebhere.
16. Yintoni owawubalasele ngayo umthendeleko wama-515 B.C.E.?
16 Ekugqibeleni itempile yagqitywa ngenyanga ka-Adar yowama-515 B.C.E., kanye ngexesha lomthendeleko wasekwindla kaNisan. IBhayibhile inikela le ngxelo: “Benza umthendeleko wezonka ezingenagwele imihla yasixhenxe bevuyile; ngokuba uYehova ebebavuyisile ngokuyibuyisela kubo intliziyo yokumkani waseAsiriya, ukuze izandla zabo zomelezwe emsebenzini wendlu kaThixo, uThixo kaSirayeli.”—Ezra 6:22.
17, 18. (a) Nguwuphi umthendeleko obalaseleyo owaqhutywa ngowama-455 B.C.E.? (b) Yiyiphi imeko efanayo esijamelene nayo namhlanje?
17 Kwiminyaka engama-60 kamva, ngowama-455 B.C.E., kwenzeka esinye isiganeko esibalulekileyo. UMthendeleko Weminquba waloo nyaka waphawula ukugqitywa kokuhlaziywa kweendonga zeYerusalem. IBhayibhile ithi: “Lonke ibandla elalibuye ekuthinjweni lenza iminquba, lahlala eminqubeni; ngokuba oonyana bakaSirayeli babengenzanga ngokunjalo kususela kwimihla kaYoshuwa unyana kaNun, kwada kwayiloo mini. Kwabakho ke uvuyo olukhulu kunene.”—Nehemiya 8:17.
18 Okunjani ukubalasela ukubuyiselwa konqulo lokwenyaniso lukaThixo phezu kwayo nje inkcaso ekrakra! Kusenjalo ke nanamhlanje. Nangona kugquba intshutshiso nenkcaso, umsebenzi ozukileyo wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo uye wafikelela eziphelweni zomhlaba, kwaye izigidimi zemigwebo kaThixo ziye zavakaliswa kwanakwiindawo ezikude. (Mateyu 24:14) Ukutywinwa kokugqibela kwentsalela yabathanjiswa be-144 000 sele kusemnyango. Kuye kwahlanganiswa amaqabane ayo “ezinye izimvu” angaphezu kwezigidi ezihlanu avela kuzo zonke iintlanga aza aba ‘ngumhlambi omnye’ nentsalela ethanjisiweyo. (Yohane 10:16; ISityhilelo 7:3, 9, 10) Enjani ukuba ntle inzaliseko yoMthendeleko Weminquba ongokwesiprofeto! Kwaye lo msebenzi uzukileyo wokuhlanganisa uza kuqhubeka uye kutsho kwihlabathi elitsha xa amawaka ezigidi zabavusiweyo eya kumenywa ukuba athelele ekubhiyozeleni uMthendeleko Weminquba wokomfuziselo.—Zekariya 14:16-19.
Ngenkulungwane Yokuqala YeXesha Eliqhelekileyo
19. Yintoni eyenza uMthendeleko Weminquba wama-32 C.E. wabalasela?
19 Alithandabuzeki elokuba phakathi kweyona mibhiyozo yemithendeleko ebalaseleyo kwebhalwe eBhayibhileni yileyo kwakukho kuyo uNyana kaThixo, uYesu Kristu. Ngokomzekelo, khawucinge ngokuya kukaYesu kuMthendeleko Weminquba (okanye weeTabanakile) wonyaka wama-32 C.E. Wasebenzisa elo thuba ukuze afundise iinyaniso ezibalulekileyo waza waxhasa imfundiso yakhe ngokucaphula kwiZibhalo zesiHebhere. (Yohane 7:2, 14, 37-39) Rhoqo kulo mthendeleko kwakuye kukhanyiswe izibane ezikhulu ezine kwintendelezo engaphakathi yetempile. Oku kwakuwenza unandipheke umthendeleko owawuqhubeka de kube sebusuku. Kuyabonakala ukuba, uYesu wayebhekisela kwezi zibane zikhulu xa wathi: “Mna ndilukhanyiselo lwehlabathi. Lowo undilandelayo akasayi kuze nangayiphi na indlela ahambe ebumnyameni, kodwa uya kuba nokukhanya kobomi.”—Yohane 8:12.
20. Kwakutheni ukuze iPasika yowama-33 C.E. ibalasele?
20 Emva koko kwalandela iPasika noMthendeleko Wezonka Ezingenagwele wonyaka obalulakileyo wama-33 C.E. Ngaloo Mhla wePasika, uYesu wabulawa ziintshaba zakhe waza waba yiMvana yePasika eyayimfuzisele, esifa ukuze kususwe “isono sehlabathi.” (Yohane 1:29; 1 Korinte 5:7) Kwiintsuku ezintathu kamva, ngoNisan 16, uThixo wamvusa uYesu enomzimba wokomoya ongafiyo. Oku kwavisisana nomnikelo weentlahlela zesivuno serhasi esichazwe eMthethweni. Ngaloo ndlela, iNkosi uYesu Kristu evusiweyo yaba ‘yintlahlela kwabalele ekufeni.’—1 Korinte 15:20.
21. Kwenzeka ntoni ngePentekoste yowama-33 C.E.?
21 Owona mthendeleko wawubalasele ngokwenene ngowePentekoste yowama-33 C.E. Ngalo mhla amaYuda amaninzi kunye nabangeni ebuYudeni babehlanganisene eYerusalem, kuquka abafundi bakaYesu abamalunga ne-120. Ngoxa umthendeleko wawuqhubeka, iNkosi uYesu Kristu evusiweyo yathulula umoya oyingcwele kaThixo kwabali-120. (IZenzo 1:15; 2:1-4, 33) Ngaloo ndlela bathanjiswa baza baba luhlanga olutsha olunyuliweyo lukaThixo ngomnqophiso omtsha owawuzakuzelwa nguYesu Kristu. Ebudeni baloo mthendeleko umbingeleli omkhulu wamaYuda wayenikela kuThixo izonka ezinegwele ezibini ezenziwe ngeentlahlela zesivuno sengqolowa. (Levitikus 23:15-17) Ezi zonka zinegwele zifuzisela abantu abangafezekanga abali-144 000 uYesu ‘awabathenga baba ngabakaThixo’ ukuze bakhonze ‘njengookumkani nababingeleli baze balawule njengookumkani phezu komhlaba.’ (ISityhilelo 5:9, 10; 14:1, 3) Isibakala sokuba aba balawuli basezulwini bevela kwiminombo emibini yabantu abanesono, amaYuda nabeeNtlanga, sisenokufuziselwa zizonka ezinegwele ezibini.
22. (a) Kutheni amaKristu engayibhiyozeli imithendeleko yomnqophiso woMthetho? (b) Yintoni esiza kuyiqwalasela kwinqaku elilandelayo?
22 Xa umnqophiso omtsha waqalisa ukusebenza ngePentekoste yowama-33 C.E., wawuthetha ukuba umnqophiso woMthetho omdala wawungasenaxabiso emehlweni kaThixo. (2 Korinte 3:14; Hebhere 9:15; 10:16) Oko akuthethi kuthi amaKristu athanjisiweyo akanamthetho. Aphantsi komthetho kaThixo ofundiswa nguYesu Kristu nobhalwe ezintliziyweni zawo. (Galati 6:2) Ngoko ke, imithendeleko emithathu eyayiqhutywa minyaka le, neyayiyinxalenye yomnqophiso omdala woMthetho, ayibhiyozelwa ngamaKristu. (Kolose 2:16, 17) Noko ke, sinokufunda lukhulu kwindlela abakhonzi bakaThixo ababephila ngaphambi kwexesha lamaKristu ababeyijonga ngayo le mithendeleko kunye nezinye iintlanganiso zonqulo. Kwinqaku lethu elilandelayo, siza kuqwalasela imizekelo ngokuqinisekileyo eya kusishukumisela sonke ukuba siqonde imfuneko yokuya rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona neInsight on the Scriptures, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc., uMqulu 1, iphepha 820, icandelo 1, isiqendu 1 nesesi-3, phantsi komxholo othi “Festival [Umthendeleko].”
b Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
Imibuzo Yempinda
◻ Yiyiphi injongo eyaphunyezwa yimithendeleko emikhulu emithathu yakwaSirayeli?
◻ Yayibalasele ngantoni imithendeleko yomhla kaHezekiya nokaYosiya?
◻ Nguwuphi umbhiyozo obalaseleyo owaqhutywa ngowama-455 B.C.E., yaye kutheni ulukhuthazo kuthi?
◻ Yintoni eyayibalasele ngayo iPasika nePentekoste yowama-33 C.E.?
[Ibhokisi ekwiphepha 12]
Oko Sikufunda Kwimithendeleko Namhlanje
Bonke abo baya kuzuza iingenelo ezihlala zihleli kwidini elicamagushela izono likaYesu bamele baphile ngokuvisisana noko kufuziselwa nguMthendeleko Wezonka Ezingenagwele. Lo mthendeleko wokomfuziselo ngumbhiyozo wokugcoba wamaKristu athanjisiweyo ngenxa yokuhlangulwa kwawo kweli hlabathi lingendawo nokukhululwa kwawo kwisohlwayo sesono ngentlawulelo kaYesu. (Galati 1:4; Kolose 1:13, 14) Umthendeleko wokoqobo wawuthabatha iintsuku ezisixhenxe—inani eBhayibhileni elisetyenziswa ukufuzisela ukuphelela kwezinto zokomoya. Umthendeleko wokomfuziselo uyaqhubeka logama nje ibandla lamaKristu athanjisiweyo lisemhlabeni yaye umele ubhiyozelwe ‘ngokunyaniseka nenyaniso.’ Oko kuthetha ukuba ahlale elumkele igwele lokomfuziselo. EBhayibhileni igwele lisetyenziswa ukufanekisela iimfundiso ezitenxileyo, ukuhanahanisa nobubi. Abanquli bokwenene bakaYehova bamele balithiye igwele elinjalo, bangalivumeli ukuba lonakalise ubomi babo yaye bangalivuleli umtyhi wokugxobhagxobha ubunyulu bebandla lamaKristu.—1 Korinte 5:6-8; Mateyu 16:6, 12.
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Minyaka le kwakunikelwa isithungu sesivuno esitsha serhasi ngoNisan 16, usuku awavuswa ngalo uYesu
[Umfanekiso okwiphepha 10]
UYesu usenokuba wayebhekisela kwizibane zomthendeleko xa wayezibiza ngokuba ‘ulukhanyiselo lwehlabathi’