Indlela Yokulungiselela Ukuze Sibe Nobuchule Bokufundisa
UYesu wabuzwa umbuzo ofanayo ngobomi obungunaphakade izihlandlo ezimbini, kodwa sihlandlo ngasinye impendulo yakhe wayeyenza ilungele iimeko zaloo mntu ubuzileyo. (Luka 10:25-28; 18:18-20) Ngoko ke, nangona sisenokuzazi kakuhle iincwadi zokufundisa iBhayibhile, kufuneka sizilungiselele kusengaphambili sicinga ngaloo mntu sifunda naye iBhayibhile. Ziziphi iingongoma ekusenokuba nzima ukuba aziqonde okanye azamkele? Ziziphi izibhalo ezibonisiweyo esimele sizifunde naye? Sifanele sifunde kangakanani? Kusenokufuneka silungiselele umzekelo, ingcaciso, okanye imibuzo ethile ukuze sincede isifundo siqonde loo nto kuthethwa ngayo. Ukongezelela, ekubeni inguYehova owenza imbewu yenyaniso ikhule ezintliziyweni, simele simcele asisikelele xa silungiselela ukufunda nomntu, xa siqhuba eso sifundo nakwimizamo yethu yokusinceda sazi ngoThixo.—1 Kor. 3:6; Yak. 1:5.