“Yizani Kum, . . . Yaye Ndiza Kunihlaziya”
“Masenze Okulungileyo Kubo Bonke”
UKUSHUMAYELA nokufundisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo yayingumsebenzi oyintloko kaYesu. (Marko 1:14; Luka 8:1) Ekubeni abalandeli bakaKristu benqwenela ukumxelisa, bawugqala umsebenzi wokufundisa isigidimi seBhayibhile esingoBukumkani bukaThixo njengowona msebenzi uphambili ebomini babo. (Luka 6:40) Eneneni kubangela imincili kumaNgqina kaYehova ukubona indlela isigidimi soBukumkani esibahlaziya ngayo ngokungapheliyo abo basamkelayo—njengoko kwakunjalo xa uYesu wayesemhlabeni.—Mateyu 11:28-30.
Ngaphandle kokufundisa iLizwi likaThixo, uYesu wenza eminye imisebenzi elungileyo njengokuphilisa abagulayo nokondla abalambileyo. (Mateyu 14:14-21) Ngokufanayo, ukongezelela kumsebenzi amaNgqina kaYehova awenzayo wokufundisa ngeBhayibhile anceda abantu abasweleyo. Ngapha koko, iZibhalo ziwenza amaKristu awufanelekele “wonke umsebenzi olungileyo” yaye ziyawabongoza ukuba enze “okulungileyo kubo bonke.”—2 Timoti 3:16, 17; Galati 6:10.
“Abazalwana Bethu Babeze Kusinceda”
NgoSeptemba 1999, ilizwe laseTaiwan lathwaxwa yinyikima enamandla. Kwiinyanga ezimbalwa kamva, elaseVenezuela lagutyungelwa zizandyondyo zemvula nokuwa kweenduli zekhephu ezintabeni nto leyo eyabangela intlekele engazange ibekho ngaphambili kweli lizwe. Kutshanje, ilizwe laseMozambiki ladlakazwa zizikhukula ezikhulu. Kuzo zontathu ezi meko, amaNgqina kaYehova afika ngokukhawuleza kwezi ndawo ezise ukutya, amanzi, amayeza, iimpahla zokunxiba, iintente, nezinto zokupheka kwabo behlelwe zezi ntlekele. Abasebenzi bokuzithandela abanolwazi ngamayeza bakha iikliniki zokwexeshana ukunceda abo benzakeleyo, yaye abakhi abangamatsha-ntliziyo bakhela abo bangenamakhaya izindlu ezintsha.
Abo bahlelwe ziintlekele bachukumiseka gqitha ngoncedo abalufumana ngexesha elifanelekileyo. UMalyori, owayedilikelwe yindlu ngenxa yokuwa kwenduli yekhephu eVenezuela uthi: “Xa sasilufuna ngokwenene uncedo, abazalwana bethu beza kusinceda.” Emva kokuba abakhi abangamatsha-ntliziyo bakhele intsapho yakhe indlu entsha, uMalyori wadanduluka esithi: “Siswele imilomo eliwaka yokumbulela uYehova ngoko asenzele kona!” Yaye abo babethwaxwe zizikhukula eMozambiki bafumana izitshixo zezindlu zabo ezintsha, yaye elo qela liphela ladanduluka lacula ingoma yoBukumkani ethi “UYehova Ulihlathi Lethu.”a
Ukunceda abo basweleyo kwakubahlaziya nabo babelunikela ngokuzithandela. UMarcelo owayengumongikazi kwinkampu yeembacu eMozambiki wathi: “Kwandivuyisa gqitha ukunceda abazalwana ababexhwaleke ngale ndlela.” UHuang owayenikela uncedo ngokuzithandela esuka eTaiwan wathi: “Kwakuchwayitisa gqitha ukudlulisela kubazalwana abasweleyo ukutya neentente. Kwakusomeleza ukholo.”
Ucwangciso Lwamatsha-ntliziyo Oluphumelelayo
Umsebenzi wokuzithandela uye wahlaziya ngokomoya amabanjwa amaninzi ehlabathini lonke. Njani? Kwiminyaka yakutshanje, amaNgqina kaYehova aye asasaza iincwadi zeBhayibhile kumabanjwa angaphezu kwama-30 000 akwiintolongo ezinokuba ngama-4 000 eUnited States kuphela. Ukongezelela, xa kuvumeleka, amaNgqina atyelela iintolongo ukuze afundisise iBhayibhile namabanjwa aze aqhube iintlanganiso zamaKristu. Ngaba amabanjwa ayazuza?
Wambi amabanjwa afundisisa iBhayibhile aqalisa ukuthetha namanye ngeemfundiso zeLizwi likaThixo ezihlaziyayo. Ngenxa yoku, kwiintolongo eziliqela ehlabathini lonke ngoku kukho amaqela amabanjwa anqula uYehova kunye. Ngowama-2001 elinye ibanjwa laseOregon, eUnited States lathi “Iqela lethu liyanda. Sinabavakalisi boBukumkani abasixhenxe yaye siqhuba izifundo zeBhayibhile ezingama-38. Kwintetho yesidlangalala nakwiSifundo seMboniselo kuza abantu abangaphezu kwama-25 yaye kwiSikhumbuzo [sokufa kukaYesu] kwakuze abantu abangama-39. Kungekudala kuza kubhaptizwa abantu abangakumbi abathathu!”
Iinzuzo Nezizathu Zovuyo
Amagosa entolongo aye aphawula ukuba olu cwangciso lwamatsha-ntliziyo luyasebenza. Noko ke, eyona nto ichukumisa amagosa yinzuzo ehlala ihleli efumaneka kolu cwangciso lwamatsha-ntliziyo. Enye ingxelo ithi: “Kwiminyaka elishumi lukho olu cwangciso, akukho nalinye ibanjwa elikhululiweyo elalibhaptizwe entolongweni njengomnye wamaNgqina kaYehova eliye labuyela entolongweni—xa kuthelekiswa nomlinganiselo wama-50 ukusa kuma-60 ekhulwini amanye amaqela abuyelayo.” Echukunyiswe koko kuphunyezwe ngamatsha-ntliziyo angamaNgqina, umfundisi wentolongo yaseIdaho wathi kwileta yakhe awayibhalela ikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova: “Nangona mna ndingavumelani neenkolelo zenu, ndiyithulel’ umnqwazi intlangano yenu.”
Ukunceda abo basentolongweni kuye kwayinzuzo kumatsha-ntliziyo. Emva kokuqhuba iintlanganiso kunye neqela lamabanjwa awayecula iingoma zoBukumkani okokuqala, elinye itsha-ntliziyo labhala: “Kwakukhuthaza ukubona amadoda angama-28 ecula kunye iingoma zokudumisa uYehova. Yaye ayecula ngamazwi avakalayo! Hayi indlela ekwakulilungelo ngayo ukuba lapho!” Elinye itsha-ntliziyo elalityelele iintolongo eArizona lathi: “Hayi indlela ekuye kwaba yintsikelelo ngayo ukuba nenxaxheba kulo msebenzi ukhethekileyo!”
Amatsha-ntliziyo angamaNgqina asehlabathini lonke avumelana ngokupheleleyo noYesu, owathi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Kwakhona, ayavuma ukuba ukulandela isiluleko seBhayibhile sokwenza okulungileyo kubo bonke kuyahlaziya ngokwenene.—IMizekeliso 11:25.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona ingoma 85 kwiculo elithi Mvumeleni Iindumiso UYehova, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 8]
EVenezuela
[Umfanekiso okwiphepha 8]
ETaiwan
[Umfanekiso okwiphepha 8]
EMozambiki