Isahluko 19
Ukukhula Kunye Eluthandweni
XA BABEBHALELA amanye amaKristu, abapostile bakaYesu Kristu babonisa imfuneko yokuba abantu bakhule kungekuphela nje kulwazi oluchanileyo kodwa naseluthandweni. Oku kwakusekelwe kuthando olwaluboniswe nguThixo nothando lokuzincama lukaKristu, ababezabalazela ukuhamba emanyathelweni akhe. (Yoh. 13:34, 35; Efe. 4:15, 16; 5:1, 2; Fil. 1:9; 1 Yoh. 4:7-10) Babengabazalwana, ibe xa babencedana, amaqhina othando ayeqina ngakumbi.
Xa indlala yabangela ubunzima bezoqoqosho kubazalwana belakwaYuda, amaKristu aseSiriya naseGrisi abelana nabo ngezinto ukuze abancede. (IZe. 11:27-30; Roma 15:26) Xa abanye babetshutshiswa, ukubandezeleka kwabo kwaviwa nangamanye amaKristu, aza la afuna ukunceda.—1 Kor. 12:26; Heb. 13:3.
Kakade ke, bonke abantu banako ukubonakalisa uthando, ibe nabanye abangengomaKristu bayazenza izenzo zobubele bobuntu. Kodwa kwiindawo ezazingaphantsi kolawulo lweRoma abantu babeqonda ukuba uthando olwalubonakaliswa ngamaKristu lwalahlukile. UTertullian, owayeyingcali yomthetho eRoma, wacaphula amazwi abantu baseRoma ababewathetha ngamaKristu, esithi: “Bathi, ‘Khawubone indlela abathandana ngayo . . . nendlela abakulungele ngayo ukufelana.’” (Apology, XXXIX, 7) UJohn Hurst, kwincwadi yakhe ethi History of the Christian Church (uMqulu I, iphepha 146), ubalisa ukuba mandulo abantu eCarthage nakwelakwa-Alesandire, ngamaxesha endyikityha zezifo, babebagxotha phakathi kwabo abo babenesifo baze babahlube abo bafayo nantoni na eyayiyeyexabiso. Unikela ingxelo yokuba, ngokwahlukileyo koko, amaKristu kwezi ndawo ayesabelana ngezinto zawo, abanyamekele abagulayo, aze abangcwabe abafileyo.
Ngaba amaNgqina kaYehova namhlanje ayazibandakanya kwimisebenzi ebonisa inkxalabo enjalo ngempilo-ntle yabanye? Ukuba kunjalo, ngaba ezi zenzo zenziwa yimbinana esasazekileyo, okanye ngaba intlangano iphela iyayikhuthaza ize iyixhase imigudu enjalo?
Uncedo Lothando Kumabandla Asekuhlaleni
Phakathi kwamaNgqina kaYehova, ukunyamekela iinkedama nabahlolokazi ebandleni, kwanabaphi na abathembekileyo ababandezelekileyo, kujongwa njengenxalenye yonqulo lwawo. (Yak. 1:27; 2:15-17; 1 Yoh. 3:17, 18) Ngokuqhelekileyo oorhulumente behlabathi bayazilungiselela izibhedlele, izindlu zabakhulileyo, namalungiselelo entlalo-ntle abantu abangenamisebenzi ebuthweni ngokubanzi, ibe amaNgqina kaYehova ayawaxhasa la malungiselelo ngokuhlawula iirhafu zawo. Noko ke, ekubeni eqonda ukuba buBukumkani bukaThixo kuphela obunokuzicombulula ngokusisigxina iingxaki zoluntu, amaNgqina kaYehova azinikela wona nobuncwane bawo ngokuyintloko ekufundiseni abanye ngoko. Le yinkonzo ebalulekileyo ekungekho rhulumente wabantu uyinikelayo.
Kumabandla angaphezu kwama-69 000 amaNgqina kaYehova emhlabeni wonke, xa kuvela iintswelo ezikhethekileyo ngenxa yokwaluphala okanye ukugula ngokuqhelekileyo zinyanyekelwa ngabantu ngabanye. Njengokuba kuboniswa kweyoku-1 kuTimoti 5:4, 8, ngokuyintloko imbopheleleko yeyomKristu ngamnye ukuba anyamekele intsapho yakhe. Abantwana, abazukulwana, okanye ezinye izalamane ezisondeleyo zibonakalisa uthando lobuKristu ngokunikela uncedo kwabalupheleyo nabaneziphene ngokweentswelo zabo. Amabandla amaNgqina kaYehova awayiphelisi le mbopheleleko ngokuthabathela kuwo iimbopheleleko zentsapho. Noko ke, ukuba akukho malungu entsapho asondeleyo, okanye ukuba abo banembopheleleko abanako ukuwuthwala ngokwabo lo mthwalo, ngothando abanye ebandleni bayabanceda. Xa kuyimfuneko, ibandla liphela lisenokwenza ilungiselelo lokunceda umzalwana okanye udade osweleyo onethuba elide ekhonza ngokuthembeka.—1 Tim. 5:3-10.
Ukunyanyekelwa kwezo ntswelo akushiyelwa kumabona-ndenzile. Kwiinxalenye zocwangciso lweSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani, abadala abaye kuso izihlandlo eziliqela ukususela ngowe-1959, ngokufuthi kuye kwanikelwa ingqalelo ngokukhethekileyo kwiimbopheleleko zabo phambi koThixo kule nkalo njengabalusi bomhlambi. (Heb. 13:1, 16) Oku akuthethi ukuba babengayiqondi le ntswelo ngaphambi koko. Ngowe-1911, ngokomzekelo, iBandla laseOldham, eLancashire, eNgilani, lanikela uncedo lwezinto eziphathekayo kwabo phakathi kwalo babejamelene neengxaki zoqoqosho eziqatha. Noko ke, ukususela ngoko intlangano yomhlaba wonke yandile, inani labantu abajamelene neengxaki eziqatha landile, yaye amaNgqina kaYehova akuqonda ngakumbi oko iBhayibhile ibonisa ukuba afanele akwenze kwiimeko ezinjalo. Imbopheleleko umKristu ngamnye anayo ngokuphathelele abo phakathi kwawo baneentswelo ezikhethekileyo—abalupheleyo, abagulayo, iintsapho ezinomzali omnye, nabo bajamelene nobunzima bezoqoqosho—iye yaxutyuswa ngokukodwa kwiminyaka yakutshanje ngawo onke amabandla kwiintlanganiso zawo zebandla.a
Inkxalabo eboniswa liNgqina ngalinye kwabanye ingaphezu kunokuthi nje, “Yothani, hluthani.” Abonisa umdla wobuqu onothando. (Yak. 2:15, 16) Khawuqwalasele imizekelo embalwa.
Xa ibhinqa eliselula laseSweden, omnye wamaNgqina kaYehova, lafunyanwa sisifo sokudumba kwenwebu yobuchopho (meningitis) ngoxa lalityelele eGrisi ngowe-1986, nalo lakubona oko kuthethwa kukuba nabazalwana noodade abangamaKristu kumazwe amaninzi. Kwaxelelwa uyise eSweden. Ngokukhawuleza waqhagamshelana nomdala webandla lasekuhlaleni lamaNgqina kaYehova eSweden waza, ngoncedo lwakhe, waqhagamshelana neNgqina eliseGrisi. De lakwazi ukubuyela eSweden emva kweeveki ezintathu, abahlobo abatsha baseGrisi beli Ngqina liselula babesoloko bekunye nalo.
Ngokufanayo, xa iNgqina elisele likhulile, umhlolo, eWallaceburg, eOntario, eKhanada, lalifuna uncedo, intsapho elaliyincedile ngokomoya yabonisa uxabiso lwayo ngokulenza inxalenye yentsapho. Emva kweminyaka embalwa xa le ntsapho yayifudukela eBarry’s Bay, lahamba nayo. Lahlala nayo ibe lanyanyekelwa yiyo ngothando iminyaka eli-19, de lafa ngowe-1990.
KwisiXeko saseNew York, isibini esingamaNgqina sasinyamekela indoda esele ikhulile eyayisiza kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani, sakwenza oko iminyaka eli-15, de yafa ngowe-1986. Xa yafa icala, sasiyiyela ezivenkileni, siyicocela, siyiphekela, siyihlambela nempahla. Sayinyamekela ngokungathi yayinguyise.
Nezinye iintswelo ziyanyanyekelwa. Isibini esingamaNgqina eUnited States sasiyithengisile indlu yaso saza safudukela eMontana ukuze sincede ibandla lalapho. Noko ke, ekuhambeni kwethuba kwavela iingxaki ezinkulu zempilo, umzalwana waphelelwa ngumsebenzi, yaye imali yaso yashokoxeka. Babeza kuphila njani? Umzalwana wathandaza ecela uncedo kuYehova. Akugqiba nje ukuthandaza, elinye iNgqina lankqonkqoza emnyango. Baphuma bonke besiya kufumana ikomityi yekofu. Xa ebuya lo mzalwana, wafika itafile yasekhitshini izele kukutya. Kunye noko kutya kwakukho imvulophu enemali nephetshana elibhalwe oku: “Oku kusuka kubazalwana noodade, abanithanda gqitha.” Ibandla laliyiqondile intswelo yabo, laza lonke lancedisana ukuyanelisa. Bechukumiseke ngokunzulu luthando lwabo, lo mzalwana nomfazi wakhe abazange bakwazi ukuzibamba iinyembezi bembulela uYehova, oshukumisa abakhonzi bakhe ngomzekelo wakhe wothando.
Inkxalabo yesisa amaNgqina kaYehova ayibonisayo kwabo basweleyo phakathi kwawo yaziwa ngokubanzi. Maxa wambi, abantu abazenza amaNgqina baye bayisebenzisela inzuzo yabo. Ngoko kuye kwafuneka ukuba amaNgqina afunde ukusebenzisa ubulumko, ngoxa esaqhubeka enomnqweno wokunceda abafanelekayo.
Xa Imfazwe Ishiya Abantu Bengenanto
Kwimimandla emininzi yomhlaba, abantu baye bashiywa bengenanto yimfazwe. Iintlangano ezinikela uncedo ziyazama ukunceda, kodwa ngokufuthi indlela ezisebenza ngayo iyacotha. AmaNgqina kaYehova awathabathi imbono yokuba umsebenzi owenziwa yimibutho enjalo yoncedo iyawakhulula kwimbopheleleko anayo ngakubazalwana bawo abangamaKristu abakule mimandla. Xa esazi ukuba abazalwana bawo baswele, ‘awazivaleli iimfesane zawo’ kwabanjalo kodwa ngokukhawuleza enza okusemandleni awo ukubanceda.—1 Yoh. 3:17, 18.
Ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, kwanakumazwe awayethwaxwa kukunqongophala kwezinto, amaNgqina awayekwiindawo zasemaphandleni awayesenayo into etyiwayo ayesabelana nabazalwana bawo abasweleyo abasezixekweni. ENetherlands ukwenza oku kwakuthetha ukuzichanaba engozini enkulu ngenxa yemiqathango engqongqo eyayibekwe ngamaNazi. Xa wayehambisa olu ncedo ngesinye isihlando, uGerrit Böhmermann wayekhokela iqela labazalwana elalihamba ngeebhayisekile ezazizaliswe kukutya okugqunywe ngeeseyile. Ngesiquphe bafika kwindawo ekwakuhlolwa kuyo kwisixeko saseAlkmaar. UGerrit wathi: “Sasingenandlela mbini ngaphandle kokuthembela ngokupheleleyo ngoYehova.” Engasithobanga kangako isantya, wakhwaza ijoni elalilapho wathi: “Wo ist Amsterdam?” (Yiyiphi indlela eya eAmsterdam?) Eli joni lamela bucala laza lakhomba phambili likhwaza lisithi: “Geradeaus!” (Yiyo kanye le iphambi kwakho!) “Danke schön!” (Ndiyabulela!) watsho uGerrit njengokuba zonke ezo bhayisekile zazalidlula ngesantya esikhulu ngoxa isihlwele sabantu sasibukele simangalisiwe. Ngesinye isihlandlo, amaNgqina aphumelela ukuzisa iphenyana elizele ziitapile kubazalwana bawo abaseAmsterdam.
Phakathi kwiinkampu zoxinaniso zaseYurophu, amaNgqina kaYehova ayewubonakalisa lo moya. Ngoxa elinye iNgqina elineminyaka eli-17 ubudala lalivalelwe kwinkampu ekufutshane neAmersfoort, eNetherlands, labhitya langamathambo. Kodwa alizange lilibale ukuba emva kokuba babenyanzelwe ukwenza umthambo emvuleni de kwasezinzulwini zobusuku baza abanikwa ukutya, iNgqina elivela kwelinye icandelo lenkampu lakwazi ukuza kulo laza lalifumbathisa iqhekeza lesonka. Yaye kwinkampu yoxinaniso yaseMauthausen eOstriya, iNgqina umsebenzi walo owawulijikelezisa kumacandelo ahlukahlukeneyo enkampu ngokufuthi lalibeka ubomi balo esichengeni ngokuthabatha ukutya amanye amaNgqina awayekugcinile kwimixheso yawo engephi likuse kwamanye amaNgqina awayelanjiswa kakhulu.
Emva kwemfazwe amaNgqina kaYehova awaphuma kwiintolongo neenkampu zoxinaniso zaseJamani ayephelele kwiimpahla zasentolongweni awayezinxibile. Izinto zabaninzi ababengekho sentolongweni zazitshatyalalisiwe. Ukutya, iimpahla, nezibaso zazinqongophele kwiindawo ezininzi zaseYurophu. AmaNgqina kaYehova kula mazwe ngokukhawuleza alungiselela iintlanganiso zebandla aza aqalisa ukunceda abanye ngokomoya ngokwabelana nabo ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Kodwa nawo ayefuna ukuncedwa ngezinye iindlela. Abaninzi kuwo babebuthathaka gqitha ngenxa yendlala kangangokuba babesiwa isiduli ngokufuthi ebudeni beentlanganiso.
AmaNgqina ayengazange khe adibane nayo le imeko ngomlinganiselo omkhulu kangako ngaphambi kwemfazwe. Noko ke, ngenyanga imfazwe eyaphela ngokusemthethweni ngayo kummandla wePasifiki, amaNgqina kaYehova aqhuba indibano ekhethekileyo eCleveland, eOhio, apho axubusha ngoko kwakufuneka kwenziwe ukuze kuncedwe abazalwana bawo abangamaKristu kumazwe adlavulwe yimfazwe nendlela okwakunokwenziwa ngayo. Intetho echukumisayo ethi “Isipho Sakhe Esingenambaliso,” eyanikelwa nguF. W. Franz, yanikela isiluleko seZibhalo esasifaneleka ngokwenene kuloo meko.b
Kungaphelanga veki zingako, kwakuba nje kuvumelekile ukuhamba kuloo mimandla, uN. H. Knorr, umongameli weWatch Tower Society, noM. G. Henschel benjenjeya ukusinga eYurophu ukuze bazibonele iimeko ngawabo amehlo. Kwanangaphambi kokuba banduluke, kwakusele kuqalisiwe ngamalungiselelo okuthumela uncedo.
Izinto zokuqala ukuthunyelwa zazisuka eSwitzerland naseSweden. Kwalandela ezingakumbi ezivela eKhanada, eUnited States, nakwamanye amazwe. Nangona amaNgqina kumazwe awayenokukwazi ukuthumela olu ncedo ayemalunga nama-85 000 kuphela ngoko, aqalisa ukuthumela iimpahla nokutya kwamanye amaNgqina eBelgium, eBulgaria, eCzechoslovakia, eDenmark, eFinland, eFransi, eGrisi, eHungary, eItali, eJamani, eNetherlands, eNgilani, eNorway, eOstriya, kwiiPhilippines, ePoland, eRomania naseTshayina. Oku akuzange kwenziwe isihlandlo esinye kuphela. Impahla yokunceda yathunyelwa kangangeminyaka emibini enesiqingatha. Phakathi koJanuwari we-1946 noAgasti 1948, athumela iikhilogram zempahla ezingama-479 114, iiperi zezihlangu ezili-124 110, neekhilogram zokutya ezingama-326 081 njengezipho kwamanye amaNgqina. Akuzange kuthatyathwe nepeni emdaka kule mali ukwenzela iindleko zokwenza lo msebenzi. Ukulungiswa nokupakisha kwenziwa ngabasebenzi bokuzithandela abangahlawulwayo. Imali enikelweyo yonke yasetyenziselwa ukunceda abantu eyayibhekiswe kubo.
Kambe ke, imfuneko yoncedo kwiimbacu nabanye abashiywe behlelelekile yimfazwe ayizange iphelele emva apho ngeminyaka yee-1940. Kuye kwakho iimfazwe ezininzi ukususela ngowe-1945. Yaye amaNgqina kaYehova aqhubekile ebonisa ububele bothando obufanayo. Oku kwenziwa ebudeni bemfazwe yaseBiafra eNigeria, ukususela ngowe-1967 ukusa kowe-1970. Kuye kwalungiselelwa uncedo olufanayo eMozambiki ebudeni beminyaka yee-1980.
NaseLiberia, imfazwe eyaqalisa ngowe-1989 yabangela indlala. Njengoko abantu babebhaca, izakhiwo zeWatch Tower eziseMonrovia zazizaliswe ngamakhulu eembacu. Konke ukutya okwakukho apho, kwanamanzi equla, kwakusabelwana ngako nabamelwane abangamaNgqina nabangengomaNgqina. Kwathi, zakuba nje zivuma iimeko, kwafika uncedo luvela kumaNgqina aseSierra Leone naseCôte d’Ivoire eNtshona Afrika, eNetherlands naseItali eYurophu, naseUnited States.
Kwakhona, ngowe-1990, emva kokuba imfazwe yaseLebanon ishiye amacandelo athile aseBeirut ekhangeleka ngathi ebefikelwe yinyikima, abadala phakathi kwamaNgqina kaYehova balungiselela ikomiti yokunikela uncedo ukuze inikele uncedo oluyimfuneko kubazalwana. Akuzange kufuneke bacele abasebenzi bokuzithandela; suku ngalunye abaninzi bebezinikela ukuba banganceda.
Ebudeni beziphendu zobupolitika nezoqoqosho eziphawulekayo eYurophu, amaNgqina kaYehova eCzechoslovakia, eHungary, eOstriya naseYugoslavia athumela iitoni ezingaphezu kwama-70 zezinto ezifunekayo kubazalwana bawo abangamaKristu baseRomania ngowe-1990.
Oku kwalandelwa luncedo olungakumbi olwathunyelwa eMpuma Yurophu. IQumrhu Elilawulayo lacela isebe leWatch Tower Society eliseDenmark ukuba lilungiselele uncedo olunokuthunyelwa kumaNgqina asweleyo aseUkraine. Amabandla aziswa yaye ayesitsha ziintambo efuna ukuba nesabelo. NgoDisemba 18, 1991, iilori ezintlanu neeveni ezimbini eziqhutywa ngabasebenzi bokuzithandela abangamaNgqina zafika eLviv zithwele iitoni ezingama-22 zezinto zokunceda—imbonakaliso yenkxalabo yothando ngabazalwana bawo abangamaKristu. De kwaba ngowe-1992, bekusafika izinto zivela kumaNgqina aseOstriya—ngaphezu kweetoni ezili-100 zokutya nempahla. Izinto ezingakumbi ziye zathunyelwa ngamaNgqina aseNetherlands—kwaqala iitoni ezingama-26 zokutya, kwalandela iilori ezili-11 zithwele iimpahla, kwaza kwalandela ukutya okungakumbi kokuhlangabezana nentswelo engapheliyo. Abo bebethunyelelwa bebenombulelo kuThixo ibe bekhangele kuye ukuze bafumane ubulumko bokusebenzisa oko kuthunyelweyo. Babemanyana emthandazweni ngaphambi kokothula ezo lori baze baphinde wakuba ugqityiwe umsebenzi. Ezinye izinto eziluncedo zathunyelwa ngamaNgqina aseItali, eFinland, eSweden naseSwitzerland. Ngexesha ebekuqhubeka ngalo konke oku, iimeko ezimaxongo phakathi kweeriphabliki ezazisakuba yiYugoslavia zabangela kwakho intswelo nalapho. Kwakhona kwathunyelwa ukutya, iimpahla, namayeza kuloo mmandla. Ngaxeshanye, amaNgqina asezixekweni apho avula amakhaya awo ukuze anyamekele lawo imizi yawo yayitshatyalalisiwe.
Maxa wambi abo balufuna kakhulu uncedo bakwiindawo ezikwanti, yaye imeko yabo ayaziwa ngokubanzi. Oku kwakunjalo ngeentsapho ezingama-35 zamaNgqina kaYehova eGuatemala. Idolophana zazo zazihlaselwe ngamaqela alwayo. Xa ekugqibeleni zathi zakwazi ukubuyela kuzo ngowe-1989, zazifuna uncedo lokwakha kwakhona. Ukuze kongezwe uncedo olwalufumaneka kurhulumente kwabo babebuya, iofisi yesebe yeWatch Tower Society yaseka ikomiti yonxunguphalo ukuba incede ezi ntsapho zamaNgqina, ibe amanye amaNgqina amalunga nama-500 avela kumabandla angama-50 azinikela ukuba ancede ekwakheni kwakhona.
Zikho nezinye iimeko ezenza abantu baswele kakhulu ngezinto ezingelotyala labo. Iinyikima, iinkanyamba, nezikhukula zizehlo eziqhelekileyo. Ngokwesilinganiselo, kuthiwa, ihlabathi lithwaxa ziintlekele ezinkulu ezingaphezu kwama-25 nyaka ngamnye.
Xa Amandla Endalo Ehlasela
Xa iintlekele zemvelo zibangela imeko yonxunguphalo phakathi kwamaNgqina kaYehova, ngokukhawuleza kuthatyathwa amanyathelo okunikela uncedo oluyimfuneko. Abadala basekuhlaleni bayazi ukuba xa bejamelene neemeko ezinjalo, bafanele bazabalazele ukunxibelelana nomntu ngamnye osebandleni. Iofisi yesebe yeWatch Tower Society eyongamela umsebenzi woBukumkani kuloo mmandla ngokukhawuleza iyayihlola imeko ize ithumele ingxelo kwikomkhulu lehlabathi. Xa kufuneka uncedo olungakumbi kunolo lunokunikelwa ekuhlaleni, kwenziwa amalungiselelo okulungelelanisa izinto ngenyameko, maxa wambi kubandakanywa nabazalwana abakwamanye amazwe. Injongo asikokuzama ukuphucula umgangatho wokuphila wabo bachaphazelekayo kodwa kukubanceda bafumane izinto eziyimfuneko ebomini abebeziqhelile.
Ngokuqhelekileyo ingxelo ekumabonwakude engentlekele iyodwa idla ngokubangela amaNgqina amaninzi atsalele umnxeba abadala abanembopheleleko kuloo mmandla ezinikela ukunceda okanye enikela ngemali okanye izixhobo. Amanye asenokuthumela imali kwiofisi yesebe okanye kwikomkhulu lehlabathi ukuze isetyenziselwe injongo yokunikela uncedo. Ayazi ukuba kufuneka uncedo ibe afuna ukuba nesabelo. Xa kukho intswelo enkulu ngakumbi, iWatch Tower Society isenokwazisa abazalwana abakummandla othile ukuze bancede kangangoko kusemandleni abo. Kusekwa ikomiti yokunceda ukuze ilungelelanise ukusingathwa kwemicimbi kummandla wentlekele.
Ngaloo ndlela, xa inkoliso yeManagua, eNicaragua, yafikelwa yinyikima enamandla ngoDisemba 1972, abaveleli bamabandla amaNgqina kaYehova kuloo mmandla bahlanganisana kungaphelanga neeyure ezingako ukuze balungelelanise imigudu yabo. Ngokukhawuleza kwahlolwa intlalo-ntle yeNgqina ngalinye kweso sixeko. Kwangaloo mini kwaqalisa ukufika uncedo oluvela kumabandla akufutshane; kwaza ngokukhawuleza kwafika oluvela eCosta Rica, eHonduras, nase-El Salvador. Kwasekwa iindawo ezilishumi elinesine zokwaba impahla yokunceda ngasekupheleni kweManagua. Imali nezinto eziluncedo ezazivela kumaNgqina kwiindawo ezininzi zomhlaba zathunyelwa eNicaragua ngekomkhulu lomhlaba wonke leWatch Tower Society. Ukutya nezinye izinto eziluncedo (kuquka amakhandlela, iimatshisi, nesepha) zazisabiwa ngokobungakanani bentsapho nganye, ntsapho nganye inikwa izinto ezinokwanela iintsuku ezisixhenxe. Xa lo msebenzi wawuhamba ngesantya esiphezulu, ngabantu abamalunga nama-5 000—amaNgqina, iintsapho zawo, nezalamane awayehlala nazo—ababesondliwa. Olu ncedo lwaqhubeka kangangeenyanga ezilishumi. Isakubona okwakusenziwa, imibutho karhulumente nombutho woMnqamlezo Obomvu nayo yakhupha ukutya, iintente, nenye impahla yokunceda eyayikho.
Ngowe-1986, xa ugqabuko-dubulo lwanyanzelisa ukufuduswa kwabantu abali-10 000 kwisiqithi saseIzu-Oshima, kufutshane nonxweme lwaseJapan, amaphenyane athwele iimbacu ayehlangatyezwa ngamaNgqina kaYehova awayehlolisisa ngenkuthalo efuna abazalwana bawo bokomoya. Omnye wabo babefuduswa wathi: “Ekundulukeni kwethu eOshima, thina besingenalo nofifana ngendawo esiya kuyo.” Konke kwakwenzeke ngokukhawuleza gqitha. “Noko ke, ukuhla kwethu enqanaweni, sabona umqondiso othi ‘amaNgqina kaYehova.’ . . . Amehlo omfazi wam athi gwantyi iinyembezi njengoko wayekhululeka kukubona abazalwana bethu bezokusikhawulela ezibukweni.” Emva kokubona indlela amaNgqina awayefuduswa awanyanyekelwa ngayo, kungekuphela nje ekufikeni kodwa nasemva koko, kwanabantu ababefudula bewathiyile bathi: “Nenza kakuhle ukubambelela kolwa nqulo.”
AmaNgqina enza unako nako wokuthumela uncedo kwiindawo ezintlithwe ziintlekele ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka. Ngowe-1970, xa iPeru yahlaselwa yenye yezona nyikima zitshabalalisayo embalini yayo, ngokukhawuleza ikomkhulu lehlabathi eliseNew York lathumela imali yokunceda, kwaza kwalandela iitoni ezili-15 zempahla. Noko ke, kwanangaphambi kokuba loo mpahla ifike, amaNgqina ayesele eqhube ukrozo lweenqwelo-mafutha ezithwele izinto zokunceda ukuya kuloo mmandla ekwakutshatyalaliswe izixeko needolophana kuwo, oko ekwenza kungaphelanga neeyure ezingako iindlela zivuliwe. Ngokuthe ngcembe kwiintsuku neeveki ezalandelayo, anikela uncedo olufunekayo, lwezinto eziphathekayo nolokomoya, kumaqela awahlukahlukeneyo akwiintaba zeAndes. Yaye, ngowe-1980, xa imimandla ethile eItali yabethwa yinyikima eqatha ngengokuhlwa kaNovemba 23, ilori yokuqala eyayithwele izinto zokunceda eyathunyelwa ngamaNgqina yafika ngosuku olulandelayo kuloo mmandla wawuchaphazelekile. Ngokukhawuleza amisa elawo igumbi lokupheka, ekwakukhutshwa kulo ukutya okuphekwe ngoodade. Omnye owayebukele ngoxa kwakusenziwa imigudu yokunceda kwesinye seziqithi zeCaribbean wathi: “AmaNgqina ayesebenza ngokukhawuleza kunorhulumente.” Mhlawumbi oku kuba njalo maxa wambi, kodwa amaNgqina kaYehova ngokuqinisekileyo ayaluxabisa uncedo lwabasemagunyeni abenza kube lula ukuba imigudu yawo ifikelele kwimimandla yentlekele ngokukhawuleza.
Ebudeni bendlala ebithwaxa elaseAngola ngowe-1990, kwafunyaniswa ukuba amaNgqina apho ayekuswele kakhulu ukutya neempahla. Noko ke, ukufikelela kuwo kwakunokuba yingxaki ekubeni umsebenzi wamaNgqina kaYehova wawuvaliwe kangangeminyaka emininzi kwelo lizwe. Sekunjalo, abazalwana bawo abangamaKristu eMzantsi Afrika bazalisa ilori ngezinto zokunceda eziziitoni ezingama-25. Endleleni, baya kummeli welaseAngola baza banikwa imvume yokuwela umda. Ukuze bafike kubazalwana babo kwafuneka badlule iindawo amajoni awayehlola izithuthi kuzo ezingama-30, yaye kwindawo ibhulorho eyayidilizwe ngeziqhushumbisi kuyo, kwafuneka bawele umlambo ngexesha lezikhukula kwisakhiwo sokwexeshana esasakhiwe endaweni yayo. Phezu kwako konke oku, yonke le mpahla yokunceda yadluliselwa ngokukhuselekileyo.
Ngamaxesha eentlekele, kwenziwa okungakumbi kunokuthumela uncedo kuloo mmandla kuphela. Xa kwabakho ugqabhuko-dubulo nomlilo owatshabalalisa indawo ethile kwisiXeko saseMexico ngowe-1984, amaNgqina afika ngokukhawuleza ukuze anikele uncedo. Kodwa inkoliso yamaNgqina ahlala kuloo mmandla ayengaziwa ukuba aphi na, ngoko abadala balungiselela uhlolisiso olwenziwe ngenyameko lokufuna ngalinye. Amanye ayesasazeke kwezinye iindawo. Sekunjalo, abadala bazingisa de bawafumana onke. Kwanikelwa uncedo olwalufuneka. Kwimeko yodade owayefelwe ngumyeni nonyana wakhe, oku kwaquka ukunyamekela amalungiselelo omngcwabo nokumxhasa ngokupheleleyo, ngokwenyama nangokomoya, lo dade nabantwana bakhe abaseleyo.
Ngokufuthi, kufuneka okungakumbi kunamayeza, izidlo eziliqela, nempahla yokunxiba. Ngowe-1989 inkanyamba yatshabalalisa amakhaya amaNgqina ali-117 eGuadeloupe yaza yonakalisa amakhaya amanye amaNgqina angama-300. Ngokukhawuleza amaNgqina kaYehova eMartinique eza kuwanceda; aza amaNgqina aseFransi athumela impahla yokwakha eziitoni ezingaphezu kwe-100 njengesipho sokuwanceda. Kwisiqithi saseSt. Croix, xa iNgqina elaliphulukene nekhaya lalo laxelela abantu elalisebenza nabo ukuba amaNgqina elikhonza nawo ayeza kufika evela ePuerto Rico ezokunceda, bathi: “Wena abayi kukwenzela nento le. Wena umnyama, akungomSpanish njengabo.” Hayi indlela abamangaliswa ngayo abo lalisebenza nabo xa kungentsuku zatywala lalinendlu entsha ngokupheleleyo! Emva kwenyikima eCosta Rica ngowe-1991, amaNgqina asekuhlaleni nabasebenzi bokuzithandela abavela kwamanye amazwe bancedisana ukunceda amanye amaNgqina kummandla wentlekele. Bengalindelanga mbuyekezo, bakha ngokutsha amakhaya angama-31 neeHolo zoBukumkani ezi-5 baza bawalungisa amanye nezinye. Ababebukele bathi: ‘Amanye amaqela ayathetha ngothando; nina niyalubonakalisa.’
Indlela ephumelelayo uncedo oluye lwaphunyezwa ngayo ngamaNgqina kaYehova ngokufuthi ibashiya bebambe ongezantsi ababukeli. EKhalifoniya, eUnited States, ngowe-1986, udonga loMlambo iYuba lwaqhekeka yaye amanzi esikhukula abangela abantu abangamashumi amawaka banyanzeleka ukuba bawashiye amakhaya abo. Abadala abangamaKristu kuloo mmandla baqhagamshelana nekomkhulu eNew York, kwaza kwasekwa ikomiti yokunikela uncedo. Akuba amanzi eqalisile ukuwutha, amakhulu abasebenzi bokuzithandela ayesele elungele ukusebenza. Ngaphambi kokuba iintlangano zokunceda zikarhulumente zikwazi ukuqalisa, amakhaya amaNgqina ayesele elungiswa. Yintoni eyabangela akwazi ukuqalisa ngokukhawuleza kangako?
Uthunywashe oyintloko yayikukulungela kwamaNgqina ukusebenza ngokuzithandela ngokukhawuleza ngaphandle kokuhlawulwa, kwanesibakala sokuba anikela ngezinto ezifunekayo. Omnye uthunywashe yayikukuba anamava ekulungelelaniseni nasekusebenzeni kunye, ekubeni oku ekwenza rhoqo ukuze aqhube iindibano zawo yaye akhe iiHolo zoBukumkani ezintsha. Sekunjalo omnye uthunywashe obalulekiyo kukuba akuthabatha nzulu oko iBhayibhile ikuthethayo xa isithi, “Yibani nothandano olunyamekileyo.”—1 Pet. 4:8.
Iminikelo eyenziwayo ukuze ihlangabezane nezo ntswelo ngokufuthi ivela kubantu nabo abasweleyo. Njengokuba ngokufuthi iileta zabo zisitsho: ‘Lo mnikelo wona mncinane, kodwa sikhala kunye nabo abazalwana noodade wethu.’ ‘Akwaba bendingathumela okungakumbi, kodwa oko uYehova andivumeleyo ndanako ndingathanda ukwabelana nabanye ngako.’ NjengamaKristu enkulungwane yokuqala aseMakedoni, ngokunyaniseka bayalicela ilungelo lokuba nesabelo ekunikeleni ngezinto eziyimfuneko zobomi kwabo basweleyo. (2 Kor. 8:1-4) Xa abemi baseKorea abangaphezu kwama-200 000 basala bengenamakhaya ngenxa yezikhukula ngowe-1984, amaNgqina kaYehova kwiRiphabliki yaseKorea asabela ngobubele kangangokuba kwafuneka ukuba iofisi yesebe yazise ukuba uncedo alusafuneki.
Ababukeli banokuzibonela ukuba amaNgqina ashukunyiswa kokungakumbi kunemvakalelo yembopheleleko okanye ubuntu obuqhelekileyo. Abathanda ngokwenene abazalwana noodade bawo abangamaKristu.
Ukongezelela ekunyamekeleni iintswelo zokwenyama, amaNgqina kaYehova anikela ingqalelo ekhethekileyo kwiintswelo zokomoya zabazalwana bawo abakwimimandla ehlelwe yintlekele. Kwenziwa amalungiselelo ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka ukuba iintlanganiso zebandla ziqaliswe kwakhona. EGrisi, ngowe-1986, ukuze kwenziwe oku kwafuneka kumiswe intente enkulu ngaphandle kwesixeko saseKalamata ukuze isetyenziwe njengeHolo yoBukumkani, nezinye ezincinane kwiindawo ezahlukahlukeneyo ukwenzela iZifundo Zencwadi Zebandla eziqhutywa phakathi evekini. Ngokufanayo, emva kokuba iintswelo zokwenyama zabo babesinde kudaka olukhukulisayo eArmero eColombia, ngowe-1985, zinyanyekelwe, imali eseleyo yasetyenziselwa ukwakha iiHolo zoBukumkani ezintsha zamabandla amathathu kuloo mmandla.
Kwanangoxa umsebenzi wokwakha ngokutsha usaqhubeka, amaNgqina kaYehova ayaqhubeka ethuthuzela abanye ngeempendulo ezanelisayo ezinikelwa liLizwi likaThixo kwimibuzo yabo ngenjongo yobomi, isizathu sokubakho kweentlekele nokufa, nethemba ngekamva.
Imigudu yokunceda yamaNgqina ayenzelwa ukunyamekela iintswelo zokwenyama zakhe wonk’ ubani okummandla wentlekele. Ngokuvisisana namaGalati 6:10, le migudu ngokuyintloko yenzelwa “abendlu yokholo.” Kwangaxeshanye, ayakuvuyela ukunceda nabanye xa enako. Oku akwenzile, ngokomzekelo, xa ayenikela ukutya kumaxhoba enyikima eItali. EUnited States, xa enceda amaxhoba ezikhulula, aye acoca aza alungisa namakhaya abamelwane bamaNgqina abakhathazekileyo. Xa ebuzwa isizathu sokwenzela abantu angabaziyo ububele obunjalo, asuka nje aphendule ngokuthi ayabathanda abamelwane bawo. (Mat. 22:39) Emva kwenkanyamba eyenza umonakalo omkhulu kumzantsi Florida, eUnited States, ngowe-1992, inkqubo yokunceda elungelelaniswe kakuhle yamaNgqina yayisaziwa gqitha kangangokuba amashishini athile nabantu ngabanye ababengengomaNgqina ababefuna ukunikela ngoncedo baphethukela kumaNgqina. Babesazi ukuba izipho zabo aziyi kuyekwa zifumbe nje kuphela, yaye zingayi kusetyenziselwa ukuzuza ingeniso, kodwa ziya kusetyenziselwa ingenelo yamaxhoba enkanyamba ngokwenene, angamaNgqina nangengomaNgqina. Ukulungela kwawo ukunceda abantu abangengomaNgqina ngamaxesha entlekele kwaxatyiswa gqitha eDavao del Norte, kwiiPhilippines, kangangokuba amagosa edolophu enza isibhengezo esivakalisa oko.
Noko ke, asingabo bonke abantu abawathandayo amaKristu okwenyaniso. Ngokufuthi, aba ngamaxhoba entshutshiso eqatha. Nayo le imeko, ibangela ukuba amanye amaKristu anikele inkxaso ngothando.
Xa Etshutshiswa Ngokuqatha
Umpostile uPawulos wafanisa ibandla lamaKristu nomzimba womntu waza wathi: ‘Amalungu awo afanele anyamekelane; kuthi nokuba lilungu elinye eliva ubunzima, avelane amalungu onke.’ (1 Kor. 12:25, 26) Leyo yindlela amaNgqina kaYehova asabela ngayo xa esiva iingxelo zokutshutshiswa kwabazalwana bawo abangamaKristu.
EJamani ngexesha lamaNazi, urhulumente wathabatha amanyathelo aqatha okucinezela amaNgqina kaYehova. Kwakukho amaNgqina angama-20 000 kuphela eJamani ngelo xesha, iqela elincinane gqitha elalithiyiwe nguHitler. Kwakufuneka kuthatyathwe inyathelo ngokumanyeneyo. Ngo-Oktobha 7, 1934, onke amabandla amaNgqina kaYehova kulo lonke elaseJamani ahlanganisana ngokufihlakeleyo, athandaza kunye, aza athumela ileta kurhulumente echaza uzimiselo lwawo lokuqhubeka ekhonza uYehova. Yandula ke inkoliso yabo babekho ingoyiki yaphuma yaya kunikela ubungqina kubamelwane bawo ngegama noBukumkani bukaYehova. Kwangaloo mini, amaNgqina kaYehova emhlabeni wonke nawo ayehlanganisene emabandleni awo aza, emva kokuthandaza kunye, athumela iingcingo kurhulumente kaHitler exhasa abazalwana bawo abangamaKristu.
Ngowe-1948, emva kokubhencwa kwentshutshiso eyayiphenjelelwa ngabefundisi ijoliswe kumaNgqina kaYehova eGrisi, umongameli waseGrisi nabanye abaphathiswa bakarhulumente bafumana amawaka eeleta ezivela kumaNgqina kaYehova ezibhalwe ngenxa yabazalwana bawo abangamaKristu. Ezi zafika zivela kwiiPhilippines, eOstreliya, kuMntla nakuMzantsi Merika, nakwezinye iindawo.
Xa iphephancwadi uVukani! labhenca iindlela zokuncina ezazisetyenziswa nxamnye namaNgqina eSpeyin ngowe-1961, zafika zithontelana iileta ezazivakalisa ukungathandwa koku kwabasemagunyeni apho. Abasemagunyeni bothuka besakuva ukuba abantu emhlabeni wonke babekwazi ngqo oko babekwenza, kwaza ngenxa yoko, nangona intshutshiso yaqhubekayo, amanye amapolisa aqalisa ukuwaphatha ngendlela engembi kangako amaNgqina. Nakumazwe awahlukahlukeneyo aseAfrika, abasemagunyeni baye babhalelwa ngamaNgqina akweminye imimandla emininzi yomhlaba xa esiva ngokuphathwa ngenkohlakalo kwabazalwana noodade bawo abangamaKristu apho.
Ukuba urhulumente akaphenduli ngendlela eyanelisayo, amaNgqina atshutshiswayo akalityalwa. Ngenxa yokuba bezingisa kwintshutshiso yonqulo kangangeminyaka emininzi, abanye oorhulumente ngokuphindaphindiweyo baye bathunyelelwa iileta ezininzi zokukhalaza. Kwaba njalo eArgentina. Ngesinye isihlandlo ngowe-1959, unobhala weSebe Lemicimbi Yangaphandle Nezithethe wathabatha omnye wabazalwana bethu wamsa kwigumbi elalinethala leencwadi elalizele ziileta ezazifikile zivela ehlabathini lonke. Wayemangalisiwe kukuba umntu okude oseFiji angabhala ebongoza ukuba kubekho inkululeko yonqulo eArgentina.
Kwezinye iimeko kuye kwafunyanwa inkululeko engakumbi xa abalawuli beqonda ukuba abantu abasehlabathini lonke bayakwazi oko bakwenzayo yaye baninzi abakhathazeke ngokwenene. Oko kwaba njalo eLiberia ngowe-1963. Amajoni karhulumente ayebaphethe ngendlela embi kakhulu ababekho endibanweni eGbarnga. Umongameli waseLiberia wafikelwa ziileta ezivakalisa izikhalazo ezivela ehlabathini lonke, yaye iSebe Lezaseburhulumenteni laseUnited States langenelela ngenxa yokuba kwakubandakanyeke nommi waseUnited States. Ekugqibeleni, uMongameli Tubman wathumela ucingo kwikomkhulu leWatch Tower Society evakalisa ukuba wayekulungele ukubonana nabameli bamaNgqina kaYehova ukuze kuxutyushwe lo mbandela. Ababini kwaba bameli—uMilton Henschel noJohn Charuk—babekho eGbarnga. uMnu. Tubman wavuma ukuba okwakwenzekile “kwakukubi gqitha” waza wathi: “Ndilusizi kuba oku kwenzekile.”
Emva kolo dliwano-ndlebe, kwakhutshwa Isindululo Esivela Kwigunya Eliphakamileyo LikaRhulumente esasisazisa “bonke abantu kulo lonke elo lizwe, ukuba amaNgqina kaYehova anelungelo lokungena ngokukhululekileyo kuyo nayiphi na inxalenye yelo lizwe ukuze aqhubeke nomsebenzi wawo wobuvangeli nonqulo ngaphandle kokuphathwa kakubi nangubani na. Aya kukhuselwa ngumthetho wona nempahla yawo nelungelo lokunqula uThixo ngokukhululekileyo ngokwendlela izazela zawo ezifuna ngayo, ngoxa wona ehlonela imithetho yaloo Riphabliki ngokubonisa intlonelo xa indwe yesizwe inyuswa okanye isehliswa ngokuma ngentlonelo.” Kodwa akazange anyanzelelwe ukuba akhahlele, nto leyo engqubanayo nesazela sawo sobuKristu.
Noko ke, kude kube ngowe-1992, urhulumente waseMalawi ebengekakhuphi nelimdaka, nangona ugonyamelo olujoliswe kumaNgqina beluthothe ngomlinganiselo ophawulekayo. AmaNgqina kaYehova apho ebengamaxhoba enye yezona ntshutshiso zikrakra zonqulo kwimbali yeAfrika. Oku kukhe kwenzeka kwelo lizwe ngowe-1967; kwaza kwaphinda ngeminyaka yee-1970. Amashumi amawaka eeleta ezazibhalwe ngenxa yawo zafika zivela kwimimandla yonke yehlabathi. Kwatsalwa iminxeba. Kwathunyelwa iingcingo. Ngenxa yezizathu zobuntu abantu abaninzi ababalaseleyo behlabathi baye bashukunyiselwa ukuba bathethe ngokuphandle.
Le mpatho-mbi yayingaginyisi mathe kangangokuba amaNgqina kaYehova nabantwana bawo abanokuba li-19 000 abhaca awela umda angena eZambia ngowe-1972. Amabandla amaNgqina akufutshane aseZambia ngokukhawuleza ahlanganisa ukutya neengubo esenzela abazalwana bawo. Imali nezinto ezinikelwe ngamaNgqina kaYehova ehlabathini lonke zafika kwiiofisi zamasebe eWatch Tower zaza zathunyelwa kwiimbacu yiofisi elikomkhulu eseNew York. Kwafika ezingaphezu kwezifunekayo ukuze kunyanyekelwe iimbacu ezikwinkampu eseSinda Misale. Njengokuba kule nkampu babesiva ukuba kufike iilori ezinokutya, iimpahla neentente, abazalwana baseMalawi abazange bakwazi ukuzinceda zasuka zee waxa iinyembezi zovuyo ngenxa yobu bungqina bothando lwabazalwana babo abangamaKristu.
Nanini na abanye bawo bevalelwe entolongweni, amanye amaNgqina awabalahli, kwanaxa esenokuzichanaba engozini. Ebudeni bokuvalwa komsebenzi eArgentina, xa iqela lamaNgqina lavalelwa iiyure ezingama-45, amaNgqina amane alizisela ukutya nempahla elo qela, suka avalelwa nawo. Ngowe-1989 umfazi womveleli wesiphaluka eBurundi, esakuva ngempatho yabazalwana bakhe abangamaKristu, wazama ukubasela ukutya entolongweni. Kodwa naye wabanjwa waza wavalelwa iiveki ezimbini, ngenxa yokuba amapolisa ayezama ukubamba umyeni wakhe.
Ukongezelela kuyo nantoni na anokuyenza ngezi ndlela, uthando ngabazalwana bawo abangamaKristu lushukumisela amaNgqina kaYehova ukuba anyuse amazwi awo athandaze kuThixo ngenxa yabazalwana bawo. Awathandazeli ukuba uThixo aziphelise ngoko nangoko iimfazwe nokunqongophala kokutya, ngenxa yokuba uYesu Kristu waxela kwangaphambili ukuba izinto ezinjalo zaziya kwenzeka kumhla wethu. (Mat. 24:7) Yaye awathandazeli ukuba uThixo athintele yonke intshutshiso, ngenxa yokuba ngokucacileyo iBhayibhile ithi amaKristu okwenyaniso aya kutshutshiswa. (Yoh. 15:20; 2 Tim. 3:12) Kodwa ngokunyaniseka acela ukuba abazalwana noodade bawo abangamaKristu bomelezwe ukuze bame beqinile elukholweni phezu kwabo nabuphi na ubunzima obubafikelayo. (Thelekisa amaKolose 4:12.) Ingxelo engqinela ukuqina kwawo ngokomoya inikela ubungqina obuyintabalala bokuba imithandazo enjalo iye yaphendulwa.
[Footnotes]
a Bona IMboniselo, kaMatshi 15, 1981, iphepha 21-6 (Septemba 15, 1980, ngesiNgesi); Oktobha 15, 1986, iphepha 10-21; Juni 1, 1987, iphepha 4-18; Julayi 15, 1988, iphepha 21-3; Matshi 1, 1990, iphepha 20-2.
b Bona IMboniselo (yesiNgesi), kaDisemba 1, 1945, iphepha 355-63.
[Blurb on page 305]
Ukunyanyekelwa kweemeko ezikhethekileyo zokuswela akushiyelwa kumabona-ndenzile
[Blurb on page 307]
Uncedo olubangelwa yinkxalabo yobuqu enothando
[Blurb on page 308]
Ukuhlangabezana neentswelo ezinkulu zoncedo
[Blurb on page 312]
Iphulo elenziwa ngenyameko lokufuna iNgqina ngalinye kummandla wentlekele
[Blurb on page 315]
Ukwenza okulungileyo nakwabange-ngomaNgqina
[Blurb on page 317]
Iinyembezi zovuyo ngenxa yothando olubonakaliswa ngabazalwana babo abangamaKristu
[Box on page 309]
“Niyathandana Ngokwenene”
Ngemva kokubukela abasebenzi bokuzithandela abangamaNgqina kwiLebanon edlakazwe yimfazwe belungisa ngokupheleleyo ikhaya elonakele kakubi lomnye udade wawo ongumKristu, abamelwane bakhe baziva benyanzelekile ukuba bambuze: “Luvela phi olu thando? Ningabantu abanjani?” Yaye umfazi ongumSilamsi, owayebukele njengokuba ikhaya leNgqina lalicocwa yaye lilungiswa, wathi: “Niyathandana ngokwenene. Olwenu lunqulo oluchanileyo.”
[Box on page 316]
Abazalwana Noodade Bokwenyaniso
Mayela namaNgqina aseCuba awayeziimbacu eFort Chaffee, eArkansas, i-“Arkansas Gazette” yathi: “Aba ngawokuqala ukufumana amakhaya amatsha ngenxa yokuba ‘abazalwana noodade’ bawo—amanye amaNgqina kaYehova—baseMerika bawalungiselela. . . . Xa amaNgqina ebiza amaqabane awo okomoya kulo naliphi na ilizwe ngokuthi ‘abazalwana noodade,’ athetha oko ngokwenene.”—Inkupho ka-Aprili 19, 1981.
[Pictures on page 306]
Emva kweMfazwe Yehlabathi II, athumela ukutya neempahla kwamanye amaNgqina awayeswele kumazwe ali-18
EUnited States
ESwitzerland
[Pictures on page 310]
Ngowe-1990, amaNgqina akumazwe akufutshane amanyana kwimigudu yawo ukuze ancede amanye amakholwa aseRomania
[Pictures on page 311]
AmaNgqina awasinda kwinyikima ePeru azakhela esawo isixeko seembacu aza ancedana
Izinto zokunceda ezaziswa ngamanye amaNgqina (ngezantsi) zaba phakathi kwezokuqala ukufika kulo mmandla
[Pictures on page 313]
Imigudu yokunceda ngokufuthi iquka ukunikela ngempahla yokwakha nabasebenzi bokuzithandela bokunceda amanye amaNgqina akhe amakhaya awo kwakhona
EGuatemala
EPanama
EMexico
[Picture on page 314]
Uncedo olunikelwa ngamaNgqina luquka ukwakha ngokomoya. EKalamata, eGrisi, nangaphandle kweso sixeko, kwamiswa iintente zeentlanganiso ngokukhawuleza