USirayeli Ngemihla KaDavide NekaSolomon
UTHIXO wathembisa ukunika imbewu ka-Abram ilizwe ‘elisusela kumlambo waseYiputa ukusa kumlambo umEfrate.’ (Gen 15:18; Eks 23:31; Dut 1:7, 8; 11:24) Emva kokungena kukaYoshuwa eKanan, kwadlula iinkulungwane ezine ngaphambi kokuba libe lelayo lonke elo Lizwe Lesithembiso.
UKumkani uDavide woyisa ubukhosi bama-Aram obabuphantsi kukaTsobha, obabufikelela kumEfrate okumantla eSiriya.a Emazantsi, uDavide woyisa amaFilisti ukuya kufikelela kumda waseYiputa.—2Sa 8:3; 1Kr 18:1-3; 20:4-8; 2Kr 9:26.
Ngoko uSolomon walawula “ukususela eMlanjeni [umEfrate] ukusa kwilizwe lamaFilisti nakumda waseYiputa,” yaye ulawulo lwakhe lwalufanekisela ulawulo oluseluxolweni lukaMesiya. (1Ku 4:21-25; 8:65; 1Kr 13:5; Nd 72:8; Zek 9:10) Sekunjalo, ummandla wakwaSirayeli wawusaziwa ngokuqhelekileyo ngokuba “ususela kwaDan ukusa eBher-shebha.”—2Sa 3:10; 2Kr 30:5.
Esaphula umyalelo kaThixo, uKumkani uSolomon wazandisela amahashe neenqwelo zokulwa. (Dut 17:16; 2Kr 9:25) Wayeziqhuba kwiindlela ezixananazileyo nakoohola beendlela. (Yos 2:22; 1Ku 11:29; Isa 7:3; Mat 8:28) Sinenkcazelo eneenkcukacha ngezimbalwa kuphela zezi ndlela, ‘njengohola wendlela onyuka usuka eBheteli uye kwaShekem nakumzantsi weLebhona.’—ABa 5:6; 21:19.
Incwadi iThe Roads and Highways of Ancient Israel ithi: “Eyona nto yenza kube nzima ukuphanda ngeendlela zakwaSirayeli wamandulo kukuba zonke iindlela ezikhankanywe kwiTestamente Endala zatshabalala, kuba [ngaloo maxesha] kwakusetyenziswa iindlela zomhlaba.” Noko ke, iimaphu ezibonisa ubume bomhlaba nezinto ezivunjululweyo zezixeko ngezixeko zibonisa iindawo olwalukuzo uninzi lweendlela.
Amajoni ayedla ngokuhamba kwezi ndlela. (1Sa 13:17, 18; 2Ku 3:5-8) Xa ayesiya kuhlasela uSirayeli, amaFilisti amatsha esuka e-Ekron naseGati aya kummandla ‘ophakathi kweSokho neAzeka.’ Umkhosi kaSawule waqubisana nawo apho “entilini kaElaha.” Emva kokubulala kukaDavide uGoliyati, amaFilisti asabela eGati nase-Ekron, waza yena uDavide wenyuka waya eYerusalem.—1Sa 17:1-54.
ILakishe (D10), iAzeka (D9), neBhete-shemeshe (D9) zazimi ngakwiindlela ezinkulu ezazinqumla kwiShefela ukuya ngakwiinduli zakwaYuda. Ngoko ke ezi zixeko zaziluncedo kakhulu ekuthinteleni iintshaba ezazihamba ngeNdlela Yolwandle ukuba zingangeni kwilizwe lakwaSirayeli.—1Sa 6:9, 12; 2Ku 18:13-17.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ummandla wakwaRubhen wawufikelela kwiNtlango yaseSiriya, ekwakukho umEfrate kumda wayo ongasempuma.—1Kr 5:9, 10.
[Ibhokisi ekwiphepha 16]
IINCWADI ZEBHAYIBHILE EZINEZIGANEKO ZELO XESHA:
Eyoku-1 neyesi-2 kaSamuweli
IiNdumiso (inxalenye yazo)
IMizekeliso (inxalenye yayo)
INgoma yazo iiNgoma
INtshumayeli
[Iimaphu ezikwiphepha 17]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Ummandla Neendlela Ebudeni Bolawulo Lwamazwe Amanyeneyo
Imida (ngomhla kaSolomon)
ITifesa
IHamati
ITademore
IBherotayi (IKun?)
ISidon
IDamasko
ITire
KwaDan
IYerusalem
IGaza
IArohere
IBher-shebha
ITamare
IEtsiyon-gebhere
IElati (IEloti)
[Imilambo nemijelo]
UmEfrate
Intlambo YaseYiputa
UDavide NoSolomon (iindlela)
B10 IGaza
C8 IYopa
C9 IAshdode
C10 IAshkelon
C11 ITsikelage
C12 INTLANGO YASEPARAN
D5 IDore
D6 IHefere
D8 IAfeki
D8 IRama
D9 IShahalebhim
D9 IGezere
D9 IMakatse
D9 IEkron
D9 IBhete-shemeshe
D9 IGati
D9 IAzeka
D10 ISok(h)o
D10 IAdulam
D10 IKeyila
D10 ILakishe
D11 IYatire
D12 IBher-shebha
E2 ITire
E4 IKabhuli
E5 IYokenam (IYokemam?)
E5 IMegido
E6 ITahanaki
E6 IArubhoti
E7 IPiratoni
E8 ILebhona
E8 ITsereda
E8 IBheteli
E9 Emazantsi EBhete-horon
E9 Emantla EBhete-horon
E9 IGebha
E9 IGibheyon
E9 IGibheya
E9 IKiriyati-yarim
E9 INobhi
E9 IBhahali-peratsim
E9 IYerusalem
E9 IBhetelehem
E10 ITekowa
E10 IHebron
E11 IZifi
E11 IHoreshi?
E11 IKarmele
E11 IMahon
E11 IEshtemowa
F5 IEn-dore
F5 IShunem
F5 IYizereli
F6 IBhete-sheyan
F7 ITirtsa
F7 KwaShekem
F8 ITsaretan
F8 IShilo
F8 IOfra?
F9 IYeriko
F11 IEn-gedi
G2 IAbheli-bhete-mahaka
G2 KwaDan
G3 IHatsore
G3 IMAHAKA
G5 ILo-debhare (IDebhiri)
G5 IRogelim
G6 IAbheli-mehola
G7 ISukoti
G7 IMahanayim
H1 ISIRIYA
H4 IGESHURE
H6 IRamoti-giliyadi
H8 IRabha
H9 IMedebha
H11 IArohere
H12 KWA-MOWABHI
I4 IHelam?
I9 KWA-AMONI
[Oohola bendlela]
C10 Indlela Yolwandle
H6 Indlela Kakumkani
[Iintaba]
F5 Intaba YeGilbhowa
[Amanzi]
C8 Ulwandle LweMeditera (Ulwandle Olukhulu)
F10 Ulwandle LweTyuwa (Ulwandle Olufileyo)
G4 Ulwandle LwaseGalili
[Umthombo okanye iqula]
E9 IEn-rogele
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
Ngasekunene: Intlambo yase-Elaha, ukusa ngasempuma kwiinduli zakwaYuda
Ngasezantsi: Iindlela ezixananazileyo ekwakuhanjwa kuzo kwiLizwe Lesithembiso