UThixo Uyabanyamekela Abantu Abadala
AKUMANGALISI ukwanda kangaka kokuphathwa kakubi kwabalupheleyo. Kude kudala, iBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba “ngemihla yokugqibela” yale nkqubo yezinto engamhloneliyo uThixo, abantu baya kuba ‘ngabazithandayo, bengenawo umsa wemvelo.’ (2 Timoti 3:1-3) Igama lesiGrike eliguqulelwa ngokuthi “umsa wemvelo” linokuquka uthando oludla ngokubakho phakathi kwamalungu entsapho. Ngokuvisisana nesiprofeto seBhayibhile, lo msa awukho kwaphela namhlanje.
Ngokwahlukileyo kwabo babaphatha kakubi abalupheleyo, uYehova uThixo ubaxabisa gqitha yaye ubakhathalele. Qwalasela indlela okuboniswe ngayo oku eBhayibhileni.
‘Umgwebi Wabahlolokazi’
Indlela uYehova uThixo abakhathalela ngayo abalupheleyo ibonakala kwiZibhalo zesiHebhere. Ngokomzekelo kwiNdumiso 68:5, uDavide ubiza uThixo ngokuthi ‘ngumgwebi wabahlolokazi,’ ngokuqhelekileyo abadla ngokuba ngabantu abalupheleyo.a Kwezinye iinguqulelo zeBhayibhile, igama elithi “umgwebi” liguqulelwa ngokuthi “umthetheleli,” “umkhuseli” nokuthi “ummeli.” Kucacile ukuba, uYehova ubakhathalele abahlolokazi. Kaloku, iBhayibhile ithi ukuba baphathwa kakubi, uye uvuthe umsindo wakhe. (Eksodus 22:22-24) Abahlolokazi—nabo bonke abalupheleyo abathembekileyo—baxatyiswa gqitha nguThixo nangabakhonzi bakhe. IMizekeliso 16:31 ichaza indlela uYehova uThixo nabantu bakhe ababajonga ngayo abantu abadala xa isithi: “Isithsaba sokuhomba zizimvi xa sifunyanwa endleleni yobulungisa.”
Akumangalisi ke ukuba, ukuhlonela abalupheleyo kwakuyinxalenye ebalulekileyo yoMthetho uYehova awawunika amaSirayeli. AmaSirayeli anikwa lo myalelo: “Uze usukume phambi kwengwevu, uyihlonele indoda enkulu, umoyike uThixo wakho. NdinguYehova.” (Levitikus 19:32) Ngoko ke, kwaSirayeli ukuhlonela abalupheleyo kwakunxulunyaniswa nolwalamano lukabani noYehova uThixo. Ubani wayengenakuthi uyamthanda uThixo ukuba ubaphatha kakubi abalupheleyo.
AmaKristu akakho phantsi koMthetho kaMoses. Noko ke, aphantsi ‘komthetho kaKristu,’ onendima enkulu kwindlela aziphatha ngayo nesimo sengqondo sawo, kuquka nokubonisa uthando nenkathalo kubazali nabantu abadala. (Galati 6:2; Efese 6:1-3; 1 Timoti 5:1-3) AmaKristu abonisa uthando kungekhona ngenxa yokuba nje eyalelwa ukuba enjenjalo kodwa ngenxa yokuba ashukunyiswa yintliziyo. Umpostile uPetros wabongoza: “Thandanani kakhulu ngokusuka entliziyweni.”—1 Petros 1:22.
Umfundi uYakobi unikela isizathu esingakumbi sokuba sinyamekele abalupheleyo. Wabhala: “Unqulo oluhlambulukileyo nolungadyobhekanga ngokwembono kaThixo noBawo wethu lulo olu: ukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo, nokuzigcina ungenabala kulo ihlabathi.” (Yakobi 1:27) UYakobi uveza ingongoma echukumisayo. Oku kusenza sibone indlela ababaluleke ngayo kuYehova, abantu abalupheleyo.
Ngoko ke, akwanele nje ukuphepha ukubaphatha kakubi abalupheleyo. Kunoko, simele sibanyamekele ngokubanceda ngako konke okusemandleni ethu. (Funda ibhokisi ethi “Uthando Lubonakaliswa Ngezenzo,” kwiphepha 6-7.) UYakobi wabhala: ‘Ukholo ngaphandle kwemisebenzi lufile.’—Yakobi 2:26.
Bathuthuzele “Embandezelweni Yabo”
Kukho enye ingongoma esinokuyifunda kula mazwi kaYakobi. Phawula ukuba uYakobi wathi amaKristu amele anyamekele abahlolokazi “embandezelweni yabo.” Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘imbandezelo’ ngokuyintloko lithetha ukudandatheka, inkxwaleko okanye ukubandezeleka okubangelwa ziingcinezelo zobomi. Akuthandabuzeki ukuba baninzi abalupheleyo abajamelana nezo mbandezelo. Bambi bangamalolo. Abanye badandathekiswa kukungakwazi ukwenza izinto ezithile ngenxa yokwaluphala. Kwanabo bamaxhaphetshu ekukhonzeni uThixo basenokudimazeka. Khawucinge ngoJohn,b umvakalisi woBukumkani bukaThixo okhonze ngokuthembeka iminyaka engaphezu kwama-40, nalapho achithe engama-30 kwinkonzo yexesha elizeleyo ekhethekileyo. Ngoku ukwiminyaka engama-80, yaye uthi maxa wambi ukhe adimazeke. Uthi: “Ndithi ndakujonga emva ndicinge ngeempazamo zam, ndibone ukuba ninzi kwazo. Ndiye ndivakalelwe kukuba ndandinako ukwenza bhetele kunoko.”
Abavakalelwa ngalo ndlela banokuthuthuzelwa kukwazi ukuba, nangona uYehova efezekile, akalindelanga ukuba sifezeke. Nakubeni ezazi iimpazamo zethu, iBhayibhile ithi ngaye: “Ukuba ubulinda iziphoso, Ya, Owu Yehova, ngubani na obenokuma?” (INdumiso 130:3) Ewe, uYehova akasoloko ejonge iimpazamo zethu kodwa ujonga oko kusentliziyweni. Sikwazi njani oku?
UKumkani uDavide—owenza iimpazamo ezininzi—waphefumlelwa nguThixo ukuba aqambe la mazwi alandelayo, abhalwe kwiNdumiso 139:1-3: “Owu Yehova, undigocagocile, yaye uyandazi. Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokuvuka kwam. Uziqwalasele iingcamango zam ukude. Ukuhamba kwam nokulala kwam ndinabile ukulinganisile, kwaye uye waqhelana nazo zonke iindlela zam.” Apha ibinzana elithi “ukulinganisile” ngokoqobo lithetha “ukuhluza,” njengaxa umlimi esela umququ aze ashiye iinkozo. Ephefumlelwe nguThixo, uDavide usiqinisekisa ukuba uYehova unokuziphosa kwelokulibala iimpazamo zethu aze akhumbule imisebenzi yethu elungileyo.
UBawo wethu wasezulwini onenceba uyayikhumbula—yaye eyixabisa—imisebenzi yethu elungileyo logama nje sisathembekile kuye. Eneneni, iBhayibhile ithi ukujonga njengentswela-bulungisa ukulibala umsebenzi wethu nothando esiye salubonisa ngegama lakhe.—Hebhere 6:10.
“Izinto Zangaphambili Zidlule”
IBhayibhile ibonisa ukuba uThixo wayengenanjongo yokuba abantu baluphale. Abantu baqala ukwaluphala emva kokuba abazali bethu bokuqala, indoda nomfazi wokuqala, bevukele uMdali wabo baza ke bajamelana nemiphumo yako. (Genesis 3:17-19; Roma 5:12) Oku akuyi kuqhubeka ngonaphakade.
Njengoko sele kuphawuliwe, uninzi lwezinto ezimbi ezisehlelayo namhlanje—kuquka ukuphathwa kakubi kwabalupheleyo—zibubungqina bokuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’ yale nkqubo yezinto. (2 Timoti 3:1) Injongo kaThixo kukushenxisa imiphumo yesono, kuquka imiphumo ebuhlungu yokwaluphala nokufa. IBhayibhile ithi: “[UThixo] uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—ISityhilelo 21:4.
Kwihlabathi elitsha likaThixo, iintlungu zokwaluphala nokuphathwa kakubi kwabo ziya kuba yinto yezolo. (Mika 4:4) Kwanabo bafayo abakwinkumbulo kaThixo baya kuvuselwa ebomini, ukuze nabo bafumane ithuba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi. (Yohane 5:28, 29) Ngelo xesha, kuya kucaca mhlophe ukuba uYehova uThixo akakhathalelanga abalupheleyo nje kuphela kodwa bonke abamthobelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kakade ke, abanye abahlolokazi abaluphelanga. Isibakala sokuba uThixo ukhathalela nabahlolokazi abasebatsha, sisibona kwiLevitikus 22:13.
b Asilogama lakhe eli.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 6, 7]
Uthando Lubonakaliswa Ngezenzo
Kwibandla lamaNgqina kaYehova, abadala ngabona baphambili ekunyamekeleni abalupheleyo. Abasithabathi lula isibongozo sikaPetros esithi: “Waluseni umhlambi kaThixo eniwunyamekelayo.” (1 Petros 5:2) Ukunyamekela abalupheleyo ngokubanceda xa kufuneka yinxalenye yokunyamekela umhlambi kaThixo. Yintoni enokuqukwa koku?
Kufuneka ubani abe nomonde aze abatyelele izihlandlo eziliqela abalupheleyo ukuze akuqonde ngokupheleleyo oko bakufunayo. Kusenokwenzeka ukuba bafuna umntu wokuya kubathengela izinto ezithile noza kubacocela, into yokubathwala baye kwiintlanganiso zamaKristu, ukufundelwa iBhayibhile neempapasho zamaKristu nezinye izinto ezininzi. Nanini na iimeko zivuma, kufanelwe kwenziwe amalungiselelo okuba bancedwe ngokoqobo.c
Noko ke, kuthekani ukuba umzalwana okanye udade owalupheleyo ebandleni ufuna uncedo olukhawulezileyo, mhlawumbi lwemali? Kuya kuba kuhle ukuba kuqale, kufunyaniswe ukuba abakho na abantwana okanye ezinye izalamane ezinokunceda. Oko kuya kuvisisana noko kuthethwa kweyoku-1 kuTimoti 5:4: “Ukuba umhlolokazi unabantwana okanye abazukulwana, mabafunde ukuqhelisela uzinikelo lobuthixo ekhaya kuqala, babuyekeze abazali noomawokhulu babo, kuba oko kwamkelekile emehlweni kaThixo.”
Kusenokwenzeka ukuba owalupheleyo ufuna ukuncedwa aqonde ukuba ukufanelekele kusini na ukufumana uncedo lukarhulumente. Mhlawumbi abathile ebandleni banokumnceda. Ukuba alukho uncedo anokulufumana kwezi ndawo, abadala banokuhlola enoba lowo walupheleyo uyakufanelekela kusini na ukuncedwa libandla. Kwezinye iimeko, oku kwakuvumelekile kwibandla lenkulungwane yokuqala, kuba umpostile uPawulos wabhalela uTimoti owayesebenza naye wathi: “Makabhalwe kuludwe lwabahlolokazi umhlolokazi ongekho ngaphantsi kwamashumi amathandathu eminyaka ubudala, ongumfazi wendoda enye, odume ngemisebenzi emihle, njengokuba nengqeqesho ebantwaneni, ukwamkela abasemzini, ukuhlamba iinyawo zabangcwele, ukunceda abasembandezelweni, nokukhuthalela yonke imisebenzi elungileyo.”—1 Timoti 5:9, 10.
[Umbhalo osemazantsi]
c Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda inqaku elithi “Ukuhlangabezana Neentswelo Zabantu Bethu Abakhulileyo—Ucelomngeni LwamaKristu,” kwiMboniselo kaJulayi 15, 1988.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
UDorkas wayebanyamekela abahlolokazi abasweleyo.—IZenzo 9:36-39