Genesis
27 Kwathi akuba mdala uIsake namehlo akhe enorhatyazo,+ wabiza uEsawu unyana wakhe omkhulu, wathi kuye:+ “Nyana wam!” waza wathi yena kuye: “Ndilapha!” 2 Waqhubeka wathi: “Yabona, sendimdala+ ngoku. Andiyazi imini yokufa kwam.+ 3 Nceda ke, uthabathe ngesi sihlandlo izixhobo zakho, umphongolo wakho nesaphetha sakho, uze uphume uye endle, undizingelele inyamakazi.+ 4 Wandule ke undenzele ukutya okunencasa, okona ndikuthandayo, uze ukuzise kum, ndidle, ukuze umphefumlo wam ukusikelele ndingekafi.”+
5 Ke kaloku, uRebheka wayephulaphule ngoxa uIsake wayethetha noEsawu unyana wakhe. Waza uEsawu waphuma waya kuzingela inyamakazi endle, ukuze amzisele yona.+ 6 Wathi ke uRebheka kuYakobi unyana wakhe:+ “Yabona, ndisandul’ ukuva uyihlo ethetha noEsawu umntakwenu, esithi, 7 ‘Ndizisele inyamakazi uze undenzele ukutya okunencasa, ndidle, kuthi ngco kum, ukuze ndikusikelele phambi koYehova ndingekafi.’+ 8 Ngoko ke, nyana wam, liphulaphule ilizwi lam koko ndikuyalela kona.+ 9 Nceda, uye emhlambini, undithabathele khona amatakane amabini eebhokhwe, amahle, ukuze ndenzele uyihlo ukutya okunencasa, okona akuthandayo. 10 Wothi ke wena ukuse kuyihlo, adle, ukuze akusikelele engekafi.”
11 Wathi uYakobi kuRebheka unina: “Kodwa uEsawu umntakwethu uyindoda exhonti kwaye mna ndiyindoda egudileyo.+ 12 Kuthekani ukuba ubawo uyandiva?+ Yaye ngokuqinisekileyo ndiya kubonakala emehlweni akhe njengalowo umenza intlekisa,+ ndize ngokuqinisekileyo ndizizisele isiqalekiso kungekhona intsikelelo.”+ 13 Wathi ke unina kuye: “Makube phezu kwam ukuqalekiswa kwakho, nyana wam.+ Kuphela nje wena phulaphula ilizwi lam, uze uye kundithabathela wona.”+ 14 Ngako oko waya wawathabatha, wawazisa kunina, waza unina wenza ukutya okunencasa, okona akuthandayo uyise. 15 Emva koko uRebheka wathabatha izambatho zikaEsawu unyana wakhe omkhulu,+ ezona zinqwenelekayo ezazikuye endlwini,+ waza wamambathisa ngazo uYakobi unyana wakhe omncinane.+ 16 Zona izintsu zamatakane lawo eebhokhwe wambathisa ngazo izandla zakhe nenxalenye engenazinwele yentamo yakhe.+ 17 Wandula ke wakubeka ukutya okunencasa kunye nesonka awayesenzile esandleni sikaYakobi unyana wakhe.+
18 Ngoko wangena waya kuyise waza wathi: “Bawo!” waza yena wathi: “Ndilapha! Ungubani na, nyana wam?” 19 Waza wathi uYakobi kuyise: “NdinguEsawu izibulo lakho.+ Ndenze kanye njengoko ubuthethile kum. Nceda uvuke. Hlala phantsi uze udle inyamakazi yam, ukuze umphefumlo wakho undisikelele.”+ 20 Wathi uIsake kunyana wakhe: “Kutheni na le nto uye wakhawuleza kangaka ukuyifumana, nyana wam?” Wathi yena: “Kungenxa yokuba uYehova uThixo wakho undenze ndaqubisana nayo.” 21 Waza ke wathi uIsake kuYakobi: “Nceda usondele, ukuze ndikuve, nyana wam, ukuze ndazi ukuba ngokwenene ungunyana wam uEsawu okanye akunguye kusini na.”+ 22 Ngoko uYakobi wasondela kuIsake uyise, wamva, waza wathi: “Ilizwi lona lilizwi likaYakobi, kodwa izandla zizandla zikaEsawu.”+ 23 Akazange amqonde, kuba izandla zakhe zazixhonti njengezandla zikaEsawu umntakwabo. Ngako oko wamsikelela.+
24 Emva koko wathi: “Ngaba ngokwenene ungunyana wam uEsawu?” wathi yena: “Ndinguye.”+ 25 Waza ke wathi: “Sondeza kum ndidle inyamakazi yonyana wam, ukuze umphefumlo wam ukusikelele.”+ Wayisondeza kuye waza wadla, wamzisela newayini, wasela. 26 Wandula ke uIsake uyise wathi kuye: “Nceda usondele, uze undange, nyana wam.”+ 27 Ngoko wasondela waza wamanga, walijoja ivumba lezambatho zakhe.+ Wamsikelela ke wathi:
“Yabona, ivumba lonyana wam linjengevumba lomhlaba awusikeleleyo uYehova. 28 Yaye ngamana uTHIXO oyinyaniso angakunika umbethe wamazulu+ nokuchuma komhlaba+ nentabalala yokudla okuziinkozo newayini entsha.+ 29 Izizwana mazikukhonze namaqela eentlanga mawaqubude kuwe.+ Yiba yinkosi kubantakwenu, baqubude kuwe+ oonyana bakanyoko. Uqalekisiwe ngamnye okuqalekisayo, yaye usikelelekile ngamnye okusikelelayo.”+
30 Kwathi esandul’ ukugqiba nje uIsake ukusikelela uYakobi, ewe, esandul’ ukuphuma uYakobi ebusweni bukaIsake uyise, wabuya uEsawu umntakwabo evela kuzingela.+ 31 Naye wenza ukutya okunencasa. Wakuzisa kuyise waza wathi kuyise: “Khawuvuke bawo uze udle inyamakazi yonyana wakho, ukuze umphefumlo wakho undisikelele.”+ 32 Wathi uIsake uyise kuye: “Ungubani na wena?” wathi yena: “Ndingunyana wakho, izibulo lakho, uEsawu.”+ 33 Waqala wangcangcazela kakhulu, wagubha ngokugqithiseleyo uIsake, waza wathi: “Ngubani na, ke ngoko, lo uzingele inyamakazi waza wayizisa kum, ndadla yonk’ into ungekafiki wena ndaza ndamsikelela? Kunjalonje uya kusikeleleka!”+
34 Akuweva uEsawu amazwi kayise wadanduluka ngesikhalo esikhulu nesikrakra ngokugqithiseleyo, wathi kuyise:+ “Ndisikelele nam, bawo!”+ 35 Kodwa yena wathi: “Kufike umntakwenu ngenkohliso waza wayithabatha intsikelelo ebilungiselelwe wena.”+ 36 Waza wathi: “Kungokuba igama lakhe kusithiwa nguYakobi na, le nto endithabathele indawo yam ezi zihlandlo zozibini?+ Ilungelo lam lobuzibulo sele elithabathile,+ naku ngoku endithabathela nentsikelelo yam!”+ Kwaye wongeza wathi: “Akundibekelanga ntsikelelo na mna?” 37 Kodwa ekuphenduleni uEsawu uIsake waqhubeka wathi: “Yabona, ndimmisile ukuba abe yinkosi phezu kwakho,+ nabo bonke abantakwabo ndibanikele kuye njengabakhonzi,+ ndimjizeke ngokudla okuziinkozo nangewayini entsha ukuze zimxhase,+ yaye yintoni na ke endingaba sayenzela wena, nyana wam?”
38 Wandula ke uEsawu wathi kuyise: “Ngaba inye nje kuphela intsikelelo onayo, bawo? Ndisikelele nam, bawo!”+ Wasuka waliphakamisa izwi lakhe uEsawu, walila iinyembezi.+ 39 Waphendula uIsake uyise wathi kuye:
“Yabona, uya kuhlalela kude nokuchuma komhlaba, ube kude nombethe wamazulu ovela phezulu.+ 40 Kwaye uya kuphila+ ngekrele lakho, umkhonze+ umninawa wakho. Kodwa wothi wakudlokova, uyaphule ngenene idyokhwe yakhe entanyeni yakho.”+
41 Ngoko ke, uEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yentsikelelo awamsikelela+ ngayo uyise, waza wathi uEsawu entliziyweni yakhe:+ “Ziyasondela+ iintsuku zokuzilela ubawo. Emva koko ndiya kumbulala uYakobi umntakwethu.”+ 42 Uthe akuwaxelelwa uRebheka la mazwi kaEsawu unyana wakhe omkhulu, wathumela ngoko nangoko ukuba kubizwe uYakobi unyana wakhe omncinane waza wathi kuye: “Khangela! UEsawu umntakwenu uzithuthuzela ngawe—ngokuthi uza kukubulala.+ 43 Ngoko ke, nyana wam, phulaphula izwi lam, usuke,+ ubalekele kuLabhan umntakwethu kwaHaran.+ 44 Uze uhlale naye iintsuku ezithile, ide idambe+ ingqumbo yomntakwenu, 45 ude uphele umsindo womntakwenu ngakuwe aze akulibale oko ukwenzileyo kuye.+ Ndothi ke ngokuqinisekileyo ndithumele ukuba uphuthunywe khona. Yini na ukuba ndilahlekelwe nini nobabini ngamini-nye?”
46 Emva koko uRebheka wahlala esithi kuIsake: “Ndiyabenyanya ubomi bam ngenxa yezi ntombi zakwaHeti.+ Ukuba kwiintombi zeli lizwe, uYakobi uthe wathabatha umfazi ezintombini zakwaHeti, njengazo ezi, bungaba salunga ngantoni na ubomi kum?”+