2 Kronike
7 Ngoko ngokukhawuleza nje akugqiba ukuthandaza uSolomon,+ kwehla umlilo uvela emazulwini+ waza wadla umnikelo otshiswayo+ nemibingelelo, baza ubuqaqawuli bukaYehova+ bayizalisa indlu. 2 Yaye ababingeleli abazange bakwazi ukungena endlwini kaYehova+ kuba ubuqaqawuli bukaYehova babuyizalisile indlu kaYehova. 3 Bonke oonyana bakaSirayeli babebukele xa umlilo wawusihla nobuqaqawuli bukaYehova buphezu kwendlu, ngokukhawuleza bathoba+ babhekisa ubuso babo emhlabeni phezu kwendlela egangathiweyo baza baqubuda+ babulela uYehova, “kuba elungile,+ kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.”+
4 Yaye ukumkani nabo bonke abantu babenikela umbingelelo phambi koYehova.+ 5 UKumkani uSolomon wabingelela ngamashumi amabini anesibini amawaka eenkomo nekhulu elinamashumi amabini amawaka ezimvu.+ Ngaloo ndlela ukumkani nabo bonke abantu bayisungula+ indlu kaTHIXO oyinyaniso. 6 Ababingeleli+ babemi kwizigxina ababesebenza kuzo, nabaLevi+ bephethe izixhobo zengoma+ kaYehova awazenzayo uDavide+ ukumkani ukuba kubulelwe kuYehova, “kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo,” ekudumiseni kukaDavide ngezandla zabo; nababingeleli babekhalisa amaxilongo+ ngokuvakalayo phambi kwabo, ngoxa onke amaSirayeli ayemile.
7 Wandula uSolomon wangcwalisa+ umphakathi wentendelezo eyayiphambi kwendlu kaYehova, ngenxa yokuba wayenzela apho iminikelo etshiswayo+ namanqatha emibingelelo yobudlelane, kuba isibingelelo sobhedu+ awasenzayo uSolomon sasingenako ukuwuqulatha umnikelo otshiswayo nomnikelo wokudla okuziinkozo+ namanqatha.+ 8 Yaye ngelo xesha uSolomon waqhuba umthendeleko+ iintsuku ezisixhenxe, yaye wonke uSirayeli ekunye naye,+ ibandla elikhulu kakhulu+ ukususela ekungeneni eHamati+ kuse kwintlambo yaseYiputa.+ 9 Kodwa ngosuku lwesibhozo baba nendibano engcwele,+ ngenxa yokuba ukusungulwa kwesibingelelo babekwenze iintsuku ezisixhenxe nomthendeleko iintsuku ezisixhenxe. 10 Ngosuku lwamashumi amabini anesithathu ngenyanga yesixhenxe wabandulula abantu baya emakhayeni abo, bevuya+ yaye bechwayitile ezintliziyweni ngako konke ukulunga+ awayekwenzile uYehova kuDavide nakuSolomon nakumaSirayeli abantu bakhe.+
11 Ngaloo ndlela uSolomon wayigqiba indlu kaYehova+ nendlu kakumkani;+ nayo yonk’ into eyafika entliziyweni kaSolomon ukuba ayenze ngokuphathelele indlu kaYehova nendlu yakhe wayiphumeza. 12 UYehova wabonakala+ kuSolomon ngobo busuku waza wathi kuye: “Ndiwuvile umthandazo wakho,+ yaye ndizikhethele+ le ndawo njengendlu yam yokubingelela.+ 13 Xa ndivala amazulu ukuba imvula ingabikho+ naxa ndiyalela iintethe ukuba zidle ilizwe ziligqibe+ nokuba ndithumela indyikitya yokufa phakathi kwabantu bam,+ 14 baze abantu bam+ ababizwa ngegama lam+ bazithobe+ bathandaze+ bafune ubuso bam+ yaye babuye ezindleleni zabo ezimbi,+ ke mna ndiya kuva ndisemazulwini+ ndisixolele isono sabo,+ ndiliphilise ilizwe labo.+ 15 Ke kaloku aya kuvuleka amehlo am+ neendlebe zam+ ziwuphulaphule umthandazo kule ndawo. 16 Ke ndiyinyule+ ndayingcwalisa le ndlu ukuba libe kuyo igama lam+ ukusa kwixesha elingenammiselo,+ ngokuqinisekileyo amehlo am nentliziyo yam ziya kusoloko zilapho.+
17 “Ukuba wena uya kuhamba phambi kwam, kanye njengoko uDavide+ uyihlo wahambayo, wenze ngokuvumelana nako konke endikuyalele kona,+ uyigcine imimiselo yam+ nezigwebo zam,+ 18 nam ndiza kuyimisela itrone yobukumkani bakho,+ kanye njengoko ndandenze umnqophiso noDavide uyihlo,+ ndisithi, ‘Akukho ndoda kumadoda akho eya kunqunyulwa ekulawuleni kwaSirayeli.’+ 19 Kodwa ukuba niya kujika+ nize niyishiye imimiselo yam+ nemiyalelo yam+ endiyibeke phambi kwenu, nize nikhonze abanye oothixo+ kwaye niqubude kubo,+ 20 nam ndiza kubancothula kumhlaba wam endabanika wona;+ nale ndlu endiyingcwalisele+ igama lam, ndiya kuyilahla phambi kwam,+ yaye ndiya kuyenza umzekelo+ nesingcikivo phakathi kwezizwana zonke.+ 21 Ke yona le ndlu eyimfumba yamanxuwa,+ wonk’ ubani odlula ngakuyo uya kuyijonga ethe manga+ aze ngokuqinisekileyo athi, ‘Kungenxa yasiphi isizathu ukuba uYehova enjenje kweli lizwe nakule ndlu?’+ 22 Kuya kufuneka bathi, ‘Kungenxa yokuba bamshiya uYehova+ uTHIXO wookhokho babo owabakhupha kwilizwe laseYiputa,+ yaye babambelela kwabanye oothixo+ baza baqubuda kubo babakhonza.+ Kungenxa yoko le nto eye wabazisela yonke le ntlekele.’”+