IMizekeliso
18 Ozahlulayo uya kufuna ulangazelelo lwakhe lokuzingca;+ uya kuphambuka kubo bonke ubulumko bobuqili.+
2 Nabani na osisiyatha akayoliswa kukuqonda,+ ngaphandle kokutyhila okusentliziyweni yakhe.+
3 Xa ongendawo efika, kwanokudelwa kumele kufike;+ ukungcikiva+ kuhambisana nehlazo.
4 Amazwi omlomo womntu ngamanzi anzulu.+ Iqula lobulumko ngumsinga ompompozayo.+
5 Akulunganga ukukhetha ubuso bongendawo,+ nokugqwetha isigwebo selungisa.+
6 Imilebe yesiyatha ingena engxabanweni,+ yaye umlomo waso kanye ubiza imivumbo.+
7 Umlomo wesiyatha uyasitshabalalisa,+ yaye imilebe yaso ingumgibe emphefumlweni waso.+
8 Amazwi omnyelisi anjengento eginywa ngokubawa,+ eyehlela embilinini wesisu.+
9 Obonakalisa ukudangala emsebenzini wakhe+—ungumzalwana walowo wonakalisayo.+
10 Yinqaba eyomeleleyo+ igama likaYehova. Ilungisa libalekela kulo lize likhuseleke.+
11 Izinto zexabiso zesityebi ziyidolophu yaso eyomeleleyo,+ yaye zinjengodonga olukhuselayo kwingcamango yaso.+
12 Phambi kokuwa intliziyo yomntu iphakamile,+ yaye phambi kozuko kukho intobeko.+
13 Ukuba nabani na uphendula umbandela ngaphambi kokuwuva,+ bubudenge obo kuye nokuthotywa.+
14 Umoya womntu unokusinyamezela isifo sakhe;+ kodwa umoya oxhwalekileyo, ngubani na onokuwunyamezela?+
15 Intliziyo yoqondayo izuza ukwazi,+ nendlebe yezilumko ifuna ukufumana ukwazi.+
16 Isipho somntu simvulela indawo enkulu,+ size simkhokele ebusweni babantu abakhulu.+
17 Othetha kuqala kwelakhe ityala ulilungisa;+ yaye idlelane lakhe ngokuqinisekeliyo lifika limgocagoce.+
18 Iqashiso liphelisa usukuzwano,+ yaye lahlukanisa abanamandla.+
19 Umzalwana ekunxaxhwe nxamnye naye ungaphezu kwedolophu eyomeleleyo;+ yaye kukho usukuzwano olunjengomvalo wenqaba yokuhlala.+
20 Ngesiqhamo somlomo wakhe umntu isisu sakhe siya kwanela;+ uya kwanela kwanayimveliso yemilebe yakhe.+
21 Ukufa nobomi kusemandleni olwimi,+ noluthandayo uya kudla isiqhamo salo.+
22 Kukho bani na ufumene umfazi olungileyo?+ Ufumene into elungileyo,+ yaye uzuze inkoliseko kaYehova.+
23 Osweleyo uthetha ngezibongozo,+ kodwa isityebi siphendula ngendlela erhabaxa.+
24 Wambi amaqabane ayonakalisana,+ kodwa kukho umhlobo onamathela ngokusondele ngakumbi kunomntakwenu.+