Mika
3 Ndathi: “Khanincede, nive, nina zintloko zakwaYakobi nani baphathi bendlu kaSirayeli.+ Asikokwenu na ukwazi okusesikweni?+ 2 Nina bathiyi bokulungileyo+ nabathandi bobubi,+ nihlinza ulusu lwabantu nenyama yabo emathanjeni abo;+ 3 nina badle nenyama yabantu bam,+ nibahlube nolusu olu lwabo, namathambo abo nawakroboza aziingceba, nabatyumza baziingceba njengento esembizeni emlomo ubanzi nanjengenyama phakathi embizeni yokupheka.+ 4 Ngelo xesha baya kumemeza kuYehova becela uncedo, kodwa akayi kubaphendula.+ Uya kubufihla ubuso bakhe kubo ngelo xesha,+ ngenxa yobubi ababenzileyo.+
5 “Utsho uYehova nxamnye nabaprofeti ababangela abantu bam babhadule,+ abaluma ngamazinyo abo+ baze okunene bamemeze bathi, ‘Uxolo!’+ abathi, xa nabani na engafaki nto emilonyeni yabo, okunene bamngcwalisele imfazwe, ukuthi,+ 6 ‘Ngoko ke niya kuba nobusuku,+ ukuze kungabikho mbono;+ niya kuba nobumnyama, ukuze ningavumisi. Nelanga ngokuqinisekileyo liya kutshona kubaprofeti, nemini ibe mnyama kubo.+ 7 Iimboni+ ziya kuba neentloni,+ nabavumisi+ ngokuqinisekileyo baya kudana. Baya kugqubuthela amabhovu+ bonke, kuba akukho mpendulo ivela kuThixo.’”+
8 Yaye, kwelinye icala, mna ndizele ngamandla, ngomoya kaYehova, nowokusesikweni nowamandla,+ ukuze ndimxelele uYakobi imvukelo yakhe noSirayeli isono sakhe.+
9 Khanincede, nive oku, nina zintloko zendlu kaYakobi nani baphathi bendlu kaSirayeli,+ abo bakucekisayo okusesikweni nabo benza yonk’ into ethe tye ibe gwenxa;+ 10 abakha iZiyon ngezenzo zophalazo-gazi neYerusalem ngentswela-bulungisa.+ 11 Abo baziintloko zayo bagweba nje ngenxa yokunyotywa,+ nababingeleli bayo bayalela nje ngenxa yexabiso,+ nabaprofeti bakhe bavumisa nje ngenxa yemali;+ kanti bazixhasa ngoYehova, besithi: “Akakho phakathi kwethu na uYehova?+ Asiyi kufikelwa ntlekele.”+ 12 Ngoko ke ngenxa yenu iZiyon iya kulinywa njengentsimi nje, neYerusalem iya kuba yimfumba nje yamanxuwa,+ nentaba yendlu iya kuba njengeendawo eziphakamileyo zehlathi.