Mateyu
14 Kanye ngelo xesha uHerode, umlawuli wesithili, wayiva ingxelo engoYesu+ 2 waza wathi kubakhonzi bakhe: “Lo nguYohane umBhaptizi. Uvusiwe kwabafileyo, yiyo le nto enamandla okwenza ezi zinto.”+ 3 Kaloku uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni ngenxa kaHerodiya umfazi kaFilipu umntakwabo.+ 4 Kuba uYohane wayesithi kuye: “Akukho semthethweni ukuba abe ngowakho.”+ 5 Noko ke, nangona wayefuna ukumbulala, wayesoyika isihlwele, ngenxa yokuba sasimgqala njengomprofeti.+ 6 Kodwa xa kwakubhiyozelwa umhla wokuzalwa kukaHerode+ intombi kaHerodiya yangqungqa yaza yamkholisa uHerode kakhulu 7 kangangokuba wayithembisa ngesifungo ukuyinika nakuphi na ekucelayo.+ 8 Ke yona, ngokuqhutywa ngunina, yathi: “Ndinike apha ngesitya esimcaba intloko kaYohane umBhaptizi.”+ 9 Nangona wayebuhlungu ukumkani, kodwa ngenxa yezifungo zakhe nangenxa yabo babengqendeve naye wayalela ukuba iyinikwe;+ 10 wathumela umyalelo wokuba uYohane anqunyulwe intloko entolongweni. 11 Yaziswa intloko yakhe ngesitya esimcaba yaza yanikwa intombi, yona yayisa kunina.+ 12 Ekugqibeleni bafika abafundi bakhe basishenxisa isidumbu, bamngcwaba+ baza baya kuxelela uYesu. 13 Akukuva oku uYesu wemka apho ngesikhephe waya kwindawo engasese ukuba abe yedwa;+ kodwa izihlwele, zakukuva oko, zamlandela ngeenyawo zivela ezixekweni.
14 Akuphuma wabona isihlwele esikhulu; wasisizela,+ waza waphilisa abagulayo kuso.+ 15 Kuthe ke kwakuhlwa abafundi bakhe beza kuye, bathi: “Le yindawo engasese, nexesha sele limkile; ndulula izihlwele, ukuze ziye kwiidolophana zize zizithengele into yokudla.”+ 16 Noko ke, uYesu wathi kubo: “Akuyomfuneko ukuba zimke: Zinikeni nina into yokudla.”+ 17 Bathi kuye: “Asinanto apha ngaphandle kwezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini.”+ 18 Wathi: “Ziziseni apha kum.” 19 Wandula wayalela izihlwele ukuba zingqendeve engceni, wazithabatha izonka ezo ezihlanu neentlanzi ezimbini, wakhangela phezulu ezulwini, wacela intsikelelo,+ waza akuba eziqhekezile izonka, wazabela abafundi, abafundi bona bazabela izihlwele.+ 20 Ngoko bonke badla banela, kwaza kwakuqokelelwa amaqhekeza aseleyo, azalisa iingobozi ezilishumi elinesibini.+ 21 Ukanti abo babesidla yayingamadoda amalunga namawaka amahlanu, ngaphandle kwabafazi nabantwana abaselula.+ 22 Wandula ke, ngaphandle kokulibazisa, wabanyanzela abafundi bakhe ukuba bakhwele isikhephe baze bamandulele ukuya ngaphesheya, ngoxa yena wayendulula izihlwele.+
23 Akuba ezindulule izihlwele, wenyuka waya entabeni yedwa ukuze athandaze.+ Kwahlwa eyedwa khona apho. 24 Kungokunje isikhephe sasimgama kangangamakhulu amaninzi eemitha ukusuka emhlabeni, sitsaliswa nzima ngamaza,+ ngenxa yokuba babejongene nomoya. 25 Kodwa ngesihlandlo somlindo wesine wobusuku weza kubo, ehamba phezu kolwandle.+ 26 Bakumbona ehamba phezu kolwandle, abafundi bakhathazeka, besithi: “Ngumbono!”+ Batsho bakhala kukoyika. 27 Kodwa kwaoko uYesu wathetha kubo wathi: “Yomelelani, ndim;+ musani ukoyika.” 28 Ekuphenduleni uPetros wathi kuye: “Nkosi, ukuba nguwe, ndiyalele ndize kuwe phezu kwamanzi.” 29 Wathi: “Yiza!” Wesuka ke uPetros, wehla esikhepheni,+ wahamba phezu kwamanzi waya kuYesu. 30 Kodwa akukhangela kwisaqhwithi somoya, woyika waza, akuqala ukutshona, wadanduluka wathi: “Nkosi, ndisindise!” 31 Ngoko nangoko wolula isandla sakhe uYesu wambamba waza wathi kuye: “Wena ulukholo luncinane, kutheni uthandabuza nje?”+ 32 Kwaye bakuba bekhwele esikhepheni, sadamba isaqhwithi somoya. 33 Bandula ke abo basesikhepheni baqubuda kuye, besithi: “Ngokwenene unguNyana kaThixo.”+ 34 Yaye bawelela ngaphesheya baza bafika kumhlaba waseGenesarete.+
35 Bakumqonda abantu baloo ndawo bathumela kuyo yonke imimandla yelo lizwe, yaye abantu bamzisela bonke abo babegula.+ 36 Kwaye bambongoza ukuba bachukumise nje umphetho wesambatho sakhe sangaphezulu;+ yaye bonke abo basichukumisayo baphiliswa ngokupheleleyo.