Kubalisa UMateyu
14 Ngelo xesha, uHerode owayelawula ingingqi yaseGalili, weva ngoYesu,+ 2 waza wathi kwizicaka zakhe: “Lo nguYohane umBhaptizi. Uvusiwe, yiloo nto enamandla okwenza le mimangaliso mikhulu kangaka.”+ 3 UHerode* wayethe makabanjwe uYohane, abotshwe aze avalelwe ejele ngenxa kaHerodiya. UHerodiya lo wayekade engumfazi kaFilipu umntakwabo Herode.+ 4 Kaloku uYohane wayemana esithi kuye: “Akukho semthethweni ukuba utshate uHerodiya.”+ 5 Kodwa, nangona wayefuna ukumbulala, wayesoyika abantu, kuba babesithi uYohane ngumprofeti.+ 6 Kodwa xa kwakubhiyozelwa umhla wokuzalwa kukaHerode,+ intombi kaHerodiya yadanisa kwathi ngco kuHerode+ kangangokuba 7 wafunga ukuba uza kuyinika nantoni na eyicelayo. 8 Iqhutywa ngumama wayo, yathi: “Ndinike ngesitya intloko kaYohane umBhaptizi.”+ 9 Ekhathazeke kakhulu ukumkani, wayalela ukuba iyinikwe, kuba efuna ukugcina isifungo awayesenze phambi kweendwendwe zakhe awayehleli nazo etafileni. 10 Ngoko wathumela ukuba uYohane anqunyulwe intloko ejele. 11 Yaziswa ke intloko yakhe ngesitya yaza yanikwa intombi, yona yayisa kumama wayo. 12 Ekuhambeni kwexesha, bafika abafundi bakaYohane, basithatha isidumbu bayokusingcwaba; emva koko bayokuxelela uYesu. 13 Uthe akuyiva le nto uYesu, wemka apho ngesikhephe wayokuhlala yedwa. Kodwa abantu beva ukuba uhambile, bamlandela ngeenyawo bevela ezixekweni.+
14 Uthe akufika elunxwemeni, wabona abantu abaninzi, wabasizela,+ waza wabaphilisa abagulayo.+ 15 Kwathi kwakuhlwa, abafundi bakhe beza kuye, bathi: “Ikude le ndawo, ibe sekurhatyele; yithi aba bantu mabahambe ukuze bayokuzithengela ukutya kwiilali ezikufutshane.”+ 16 Kodwa uYesu wathi kubo: “Akunyanzelekanga ukuba bahambe; bapheni ngokwenu ukutya.” 17 Bathi: “Asinanto apha ngaphandle kwezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini.” 18 Wathi: “Ziziseni apha.” 19 Wayalela abantu ukuba bahlale phantsi engceni. Emva koko, wazithatha ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wajonga ezulwini, wathandaza,*+ emva koko waziqhekeza ezo zonka, wazinika abafundi bakhe, bona bazinika abantu. 20 Ngoko bonke batya bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskithi eziyi-12 zamaqhekeza ashiyekileyo.+ 21 Apho kwatya amadoda amalunga ne-5 000, abafazi nabantwana abancinci.+ 22 Emva koko, ngoko nangoko wathi abafundi bakhe mabakhwele esikhepheni bamshiye baze bawelele ngaphesheya, ngoxa yena esajonge ukuba abantu bagoduke.+
23 Emva kokuba abantu bemkile, wenyuka intaba yedwa eyokuthandaza.+ Kwada kwahlwa elapho yedwa. 24 Ngeli xesha, isikhephe sasisele sihambe amakhulukhulu eemitha* ukusuka elunxwemeni, sintlithwa ngamaza kuba umoya wawuvela ngaphambili. 25 Ekuzeni kusa* weza kubo, ehamba phezu kolwandle. 26 Bathe abafundi bakumbona ehamba phezu kolwandle, bothuka bathi: “Ngumbono lo!” Batsho bakhala. 27 Ngoko nangoko uYesu wathi kubo: “Yibani nesibindi! Ndim; sanukoyika.”+ 28 UPetros wathi: “Nkosi, ukuba nguwe, yithi mandize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.” 29 Wathi: “Yiza!” Ngoko uPetros wehla esikhepheni, wahamba phezu kwamanzi, waya kuYesu. 30 Kodwa uthe akujonga kwisaqhwithi, woyika, waza akuqalisa ukutshona, wakhala esithi: “Nkosi, ndisindise!” 31 Ngoko nangoko uYesu wolula isandla, wambamba wathi kuye: “Wena unokholo oluncinci, kutheni uye wathandabuza nje?”+ 32 Bathi bakukhwela esikhepheni, saphela isaqhwithi. 33 Abo babesesikhepheni baqubuda kuye, besithi: “Unguye nyhani uNyana kaThixo.” 34 Bawelela ngaphesheya kummandla waseGenesarete.+
35 Bathi bakumqaphela abantu balapho, baxelela abantu abakwiilali ezikufutshane, baza bona bamzisela bonke abagulayo. 36 Bamcenga, befuna ukubamba nje oku kwemisonto yempahla yakhe,+ yaye bonke abo bayibambayo baphila qete.