1 Tesalonika
3 Ngoko ke, sithe sakuqonda ukuba akunyamezeleki, sabona kulungile ukuba sisale sedwa eAthene;+ 2 saza sathumela uTimoti,+ umzalwana wethu nomlungiseleli kaThixo kwiindaba ezilungileyo+ ezingoKristu, ukuba aniqinise aze anithuthuzele ngenxa yokholo lwenu, 3 ukuze kungabikho nabani na onokuhexiswa zezi mbandezelo.+ Kuba niyazi ngokwenu ukuba simiselwe yona kanye le nto.+ 4 Enyanisweni, naxa sasinani, sasiye sinixelele kwangaphambili+ ukuba sasimiselwe ukubandezeleka,+ kanye njengokuba kuye kwenzeka nanjengokuba nisazi.+ 5 Kungenxa yoko le nto, eneneni, xa ndandingasenakunyamezela, ndathumelayo ukuze ndazi ngokuthembeka kwenu,+ njengokuba mhlawumbi ngandlela ithile uMhendi+ ebesenokunihenda, kuze ukusebenza kwethu kube lilize.+
6 Ngoku uTimoti usandul’ ukufika kuthi evela kuni,+ esiza neendaba ezimnandi ezingokuthembeka kwenu nothando,+ nokuba nisoloko niqhubeka ninenkumbulo entle ngathi, nilangazelela ukusibona njengoko kukwanjalo nakuthi ngani.+ 7 Ngenxa yoko, sitsho sathuthuzeleka+ bazalwana, kuyo yonke intswelo nembandezelo yethu, sisakuva ngokuthembeka enikubonisayo,+ 8 kuba kuyasiphilisa ukuma kwenu niqinile eNkosini.+ 9 Ndingambulela ndithini na uThixo ngenxa yalo lonke uvuyo nemihlali+ endinayo ngani phambi koThixo wethu, 10 ngoxa ubusuku nemini sikhunga+ ngokugqithiseleyo ukuba sibubone ubuso benu ukuze sinincede apho nisilela khona elukholweni?+
11 Wanga ke uThixo uBawo wethu neNkosi yethu uYesu+ bangayenza mhlophe indlela yethu eza kuni. 12 Ngaphezu koko, yanga iNkosi ingalukhulisa+ luphuphume uthando+ eninalo omnye ngomnye nangabo bonke abanye, kwanjengokuba sisenza nathi kuni; 13 ize iziqinise iintliziyo zenu, ukuze ningabi nakusoleka+ ebungcweleni phambi koThixo uBawo wethu ebudeni bobukho+ beNkosi yethu uYesu nabo bonke abangcwele bayo.+