Hebhere
10 Kuba ekubeni uMthetho unesithunzi+ sezinto ezilungileyo eziza kuza, kodwa ungenawo owona mongo wezinto, abantu abanakuze babe nako ukubenza bagqibelele abo basondela ukuza kunikela imibingelelo efanayo ngokuqhubekayo unyaka nonyaka.+ 2 Kungenjalo, ngekwakungasele kuyekiwe na ukunikelwa kwemibingelelo, kuba abo banikela inkonzo engcwele abaye bahlanjululwa kwaba kanye bebengayi kubuye babe nasazela sazono kwakhona?+ 3 Ngokwahlukileyo koko, ngale mibingelelo kukhunjuzwa ngezono unyaka nonyaka,+ 4 kuba akunakwenzeka ukuba igazi leenkunzi zeenkomo neleebhokhwe lisuse izono.+
5 Ngoko ke xa engena ehlabathini uthi: “‘Akufunanga mbingelelo namnikelo,+ kodwa undilungiselele umzimba.+ 6 Akukholiswanga yiminikelo etshiswa kuphele nangumnikelo wesono.’+ 7 Ndandula ke ndathi, ‘Khangela! Ndiyeza (emqulwini wencwadi kubhaliwe ngam)+ ukuza kwenza intando yakho, Thixo.’”+ 8 Emva kokuba eqale wathi: “Akuzange uyifune yaye ungazange ukholiswe yimibingelelo neminikelo kwanayiminikelo etshiswa kuphele neminikelo yesono”+—mibingelelo leyo enikelwa ngokuvumelana noMthetho+— 9 wandula ke okunene athi: “Khangela! Ndiyeza ukuza kwenza intando yakho.”+ Uyakubhangisa okokuqala ukuze amisele okwesibini.+ 10 Kungenxa yale “ntando”+ yakhe le nto siye sangcwaliswa+ ngokunikelwa+ komzimba kaYesu Kristu kwaba kanye.+
11 Kanjalo, wonke umbingeleli usuka eme+ imihla ngemihla+ ukuze anikele inkonzo kawonke-wonke nokuze anikele imibingelelo efanayo ngokufuthi, njengoko yona ingakwazi nangaliphi na ixesha ukususa izono ngokupheleleyo.+ 12 Kodwa yena lo mntu wanikela umbingelelo omnye wezono ngokungapheliyo+ waza wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo,+ 13 elindele ukuba zide iintshaba zakhe zibekwe njengesihlalo seenyawo zakhe.+ 14 Kuba ngomnikelo+ omnye wombingelelo ubenze bagqibelela+ ngokungapheliyo abo bangcwalisiweyo. 15 Ngaphezu koko, nomoya oyingcwele+ uyasingqinela, kuba emva kokuba uthe: 16 “‘Nguwo lo umnqophiso endiya kunqophisana ngawo nabo emva kwaloo mihla,’ utsho uYehova. ‘Ndiza kuyibeka imithetho yam ezintliziyweni zabo, ndize ndiyibhale ezingqondweni zabo,’”+ 17 uthi emva koko: “Ibe andisayi kuze ndizikhumbule kwakhona izono zabo nezenzo zabo zokuchas’ umthetho.”+ 18 Zakuba ke zixolelwe,+ akubi sabakho mnikelo wesono.+
19 Ngoko ke, bazalwana, ekubeni sinenkalipho yokungena+ kwindawo engcwele+ ngegazi likaYesu, 20 leyo ayisungule ngenxa yethu njengendlela entsha nephilayo ngalo ikhuselo,+ oko kukuthi, inyama yakhe,+ 21 yaye ekubeni sinombingeleli omkhulu kwindlu kaThixo,+ 22 masisondele ngeentliziyo ezinyanisekileyo siqiniseke ngokupheleleyo ngokholo, iintliziyo zethu zifefiwe sasuswa isazela esingendawo+ nemizimba yethu ihlanjwe ngamanzi ahlambulukileyo.+ 23 Masilubambe nkqi uvumo lwasesidlangalaleni lwethemba lethu+ ngaphandle kokuxengaxenga,+ kuba uthembekile+ lowo uthembisileyo. 24 Kanjalo masinyamekelane, sivuselelane+ eluthandweni nasemisebenzini emihle,+ 25 singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye,+ njengoko kulisiko labathile ukwenjenjalo, kodwa masikhuthazane,+ ngokungakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.+
26 Ukuba siqhelisela isono ngabom+ emva kokufumana ulwazi oluchanileyo lwenyaniso,+ akusekho mbingelelo wezono useleyo,+ 27 kodwa siya kulindelwa ngumgwebo owoyikekayo+ nekhwele lomlilo eliya kubadla abo bachasayo.+ 28 Nawuphi na umntu oye wagatya umthetho kaMoses ufa ngaphandle kwemfesane, ngobungqina bababini okanye abathathu.+ 29 Nicinga ukuba, uya kubalelwa ekuthini ufanelwe sisohlwayo+ esiqatha ngakumbi kangakanani na ke yena umntu oye wanyathela+ uNyana kaThixo noye walibalela ekuthini lelexabiso eliqhelekileyo igazi+ lomnqophiso awangcwaliswa ngalo, noye wawucaphukisa ngendelelo umoya+ wobubele obungasifanelanga? 30 Kuba siyamazi lowo wathi: “Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna”;+ nowathi kwakhona: “UYehova uya kubagweba abantu bakhe.”+ 31 Kuyinto eyoyikekayo ukuwela ezandleni zoThixo ophilayo.+
32 Noko ke, hlalani niyikhumbula imihla yangaphambili enithe kuyo, nakuba nikhanyiselwe,+ nanyamezela imbambano enkulu phantsi kweembandezelo,+ 33 nisesichengeni sengcikivo neembandezelo ngokungathi nikwindawo yokubonela,+ nibandezeleka kunye nabo babephethwe kakubi.+ 34 Kuba nabonakalisa uvelwano ngabo basentolongweni naza nakwamkela ngovuyo ukuphangwa+ kwempahla yenu, nisazi ukuba nina ngokwenu ninokuthile eninako okulunge ngakumbi nokuhlala kuhleli.+
35 Musani, ke ngoko, ukuyilahla inkululeko yenu yokuthetha,+ enothi ngayo nihlawulwe umvuzo omkhulu.+ 36 Kuba kufuneka ninyamezele,+ ukuze, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo,+ namkele inzaliseko yesithembiso.+ 37 Kuba “sekulithuba elincinane kakhulu,”+ ukuba athi “lowo uzayo afike yaye akayi kulibala.”+ 38 “Kodwa owam yena lowo ulilungisa uya kuphila ngenxa yokholo,”+ yaye, “ukuba uthe wahlehla, umphefumlo wam awukholiswa nguye.”+ 39 Ke thina asingabahlehla baye entshabalalweni,+ kodwa siluhlobo olunokholo olugcina umphefumlo uphila.+