Yoshuwa
13 Ke kaloku uYoshuwa wayemdala, iminyaka ihambile.+ Ngoko uYehova wathi kuye: “Wena umdala kwaye iminyaka ihambile kuwe, kwaye ilizwe elimele lithatyathwe njengelifa lisasele ngomkhamo omkhulu.+ 2 Nali ilizwe elisaseleyo:+ yonke imimandla yamaFilisti+ neyamaGeshure onke+ 3 (ukusuka kwisebe lomNayile elingaphambi kweYiputa ukusa kumda wase-Ekron ngasentla,+ yayifudula ibalelwa kumaKanan);+ iinkosi ezimanyeneyo zamaFilisti ezintlanu,+ amaGaza+ nama-Ashdode,+ ama-Ashkelon,+ amaGati+ namaEkron;+ nama-Avi.+ 4 Ngasemzantsi lonke ilizwe lamaKanan; neMeyara, yamaSidon,+ ukuya kufikelela eAfeki, ukuya kufikelela kumda wama-Amori; 5 nelizwe lamaGebhali+ nayo yonke iLebhanon ukuya ngasempumalanga, ukususela eBhahali-gadi+ phantsi kweNtaba yeHermon ukuya kufikelela ekungeneni eHamati;+ 6 bonke abemi bommandla weentaba, ukusuka eLebhanon+ ukuya eMisrefoti-mayim,+ onke amaSidon;+ mna ndiya kubahlutha ilizwe labo phambi koonyana bakaSirayeli.+ Kuphela lenze liwele kuSirayeli njengelifa, kanye njengoko ndakuyalelayo.+ 7 Ke kaloku yahlula eli lizwe njengelifa kwizizwe ezisithoba nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase.”+
8 AmaRubhen namaGadi kunye nesinye isiqingatha sesizwe, alithabatha ilifa lawo uMoses awawanika lona ngaphesheya kweYordan ukuya ngasempuma, kanye njengoko uMoses umkhonzi kaYehova wayewanikile,+ 9 ukusuka eArohere,+ engaselunxwemeni lwentlambo yaseArnon,+ nesixeko esiphakathi kwentlambo, nawo wonke umhlaba othe thabalala waseMedebha+ ukuya kufikelela eDibhon;+ 10 nazo zonke izixeko zikaSihon ukumkani wama-Amori, owayelawula eHeshbhon, ukusa kumda woonyana baka-Amoni;+ 11 neGiliyadi nommandla wamaGeshure+ namaMahakati nayo yonke iNtaba yeHermon+ neBhashan+ yonke, ukuya kufikelela eSaleka;+ 12 wonke ummandla wobukhosi bukaOgi+ eBhashan, owalawula eAshtaroti nase-Edreyi+—nguye owasalayo kumaRefa+—yaye uMoses wawaxabela waza wawahlutha ilizwe lawo.+ 13 Yaye oonyana bakaSirayeli abazange bawahluthe+ amaGeshure namaMahakati ilizwe lawo, kodwa uGeshure+ noMahakati baqhubeka behlala phakathi koSirayeli de kwanamhla.
14 Sisizwe sabaLevi kuphela angazange asinike ilifa.+ Iminikelo yasemlilweni+ kaYehova uTHIXO kaSirayeli lilifa laso,+ kanye njengoko wayesithembisile.+
15 Waza uMoses wasinika isipho isizwe soonyana bakaRubhen ngokweentsapho zaso, 16 kwaye yaba ngummandla wabo ukususela eArohere,+ eselunxwemeni lwentlambo yaseArnon, nesixeko esiphakathi kwentlambo, nawo wonke umhlaba othe thabalala ongaseMedebha;+ 17 iHeshbhon+ nazo zonke iidolophu zayo+ ezikumhlaba othe thabalala, iDibhon+ neBhamoti-bhahali+ neBhete-bhahali-meyon,+ 18 neYahatsa+ neKedemoti+ neMefehati,+ 19 neKiriyatayim+ neSibhema+ neTsereti-shahare kwintaba esentilini, 20 neBhete-peyore namathambeka asePisga+ neBhete-yeshimoti,+ 21 nazo zonke izixeko ezikumhlaba othe thabalala+ nawo wonke ummandla wobukhosi bukaSihon ukumkani wama-Amori, owayelawula eHeshbhon,+ nalowo uMoses wamxabelayo,+ kunye nezikhulu zakwaMidiyan, uEvi noRekem noTsure noHure noRebha,+ iindwalutho zikaSihon, ezazihlala kwelo lizwe. 22 NoBhileham unyana kaBhehore,+ umvumisi,+ wayengomnye wababulawa ngoonyana bakaSirayeli ngekrele kunye nababulawayo babo. 23 Umda woonyana bakaRubhen waba yiYordan; yaye lo mmandla wawulilifa loonyana bakaRubhen+ ngokweentsapho zabo, nezixeko nemizi yazo.
24 Ngaphezu koko, uMoses wenza isipho kwisizwe sakwaGadi, oonyana bakaGadi ngokweentsapho zabo,+ 25 yaye ummandla wabo waba yiYazere+ nazo zonke izixeko zaseGiliyadi+ nesiqingatha selizwe loonyana baka-Amoni+ ukuya kufikelela eArohere,+ ephambi kwaseRabha;+ 26 nokusuka eHeshbhon+ ukuya eRamati-mitsepe neBhetonim nokusuka eMahanayim+ ukuya kumda weDebhiri;+ 27 nakwintili yaseBhete-haram+ neBhete-nimra+ neSukoti+ neTsafon, nomnye ummandla wobukhosi bukaSihon ukumkani waseHeshbhon,+ iYordan ingumda ukuya kufikelela esiphelweni solwandle lwaseKinereti+ phesheya kweYordan ukuya ngasempuma. 28 Eli yayililifa loonyana bakaGadi+ ngokweentsapho zabo, nezixeko nemizi yazo.
29 Ngaphezulu, uMoses wenza isipho kwisiqingatha sesizwe sakwaManase, saba sisiqingatha sesizwe soonyana bakaManase ngokweentsapho zabo.+ 30 Yaye ummandla wabo wasusela eMahanayim+ nayo yonke iBhashan, nawo wonke ummandla wobukhosi bukaOgi ukumkani waseBhashan,+ nazo zonke iidolophana zeentente zaseYayire+ eziseBhashan, iidolophu ezingamashumi amathandathu. 31 Nesiqingatha seGiliyadi, neAshtaroti+ ne-Edreyi,+ izixeko zommandla wobukhosi bukaOgi eziseBhashan, zaba zezoonyana bakaMakire+ unyana kaManase, isiqingatha soonyana bakaMakire ngokweentsapho zabo.
32 Ezi zezo uMoses awabanika zona njengelifa, kumathafa ayinkqantosi akwaMowabhi phesheya kweYordan, eYeriko, ngasempuma.+
33 Yaye isizwe sabaLevi uMoses akazange asinike lifa.+ UYehova uTHIXO kaSirayeli lilifa laso, kanye njengoko wasithembisayo.+