Yoshuwa
13 Ngoku ke uYoshuwa wayemdala, iminyaka ihambile.+ UYehova wathi kuye: “Umdala yaye iminyaka yakho ihambile, kodwa usemkhulu umhlaba ekusafuneka uthathiwe. 2 Nanku umhlaba osashiyekileyo:+ zonke iingingqi zamaFilisti nazo zonke iingingqi zamaGeshure+ 3 (ukusuka kumlanjana ophuma kumNayile, ongasempuma yeYiputa ukuya kumda wase-Ekron ngasentla, ekwakukade kusithiwa ngumhlaba wamaKanan)+ neengingqi zeenkosi ezintlanu zamaFilisti,+ amaGaza, ama-Ashdode,+ ama-Ashkelon,+ amaGati+ namaEkron;+ iingingqi zama-Avi+ 4 ngasemzantsi; wonke umhlaba wamaKanan; iMeyara engumhlaba wamaSidon,+ ukuya kutsho eAfeki nakumda wama-Amori; 5 umhlaba wamaGebhali+ nayo yonke iLebhanon ukuya ngasempuma, ukususela eBhahali-gadi esemazantsi eNtaba IHermon ukuya eLebho-hamati;*+ 6 bonke abantu abahlala kummandla weentaba, ukususela eLebhanon+ ukuya eMisrefoti-mayim;+ nawo onke amaSidon.+ Ndiza kubagxotha* phambi kwamaSirayeli.+ Wena nje kufuneka uwunike amaSirayeli lo mhlaba ube lilifa lawo, kanye njengokuba ndikuyalele.+ 7 Lahlule ke eli lizwe, ulahlulele izizwe ezisithoba nehafu yesizwe sakwaManase, libe lilifa lazo.”+
8 Enye ihafu yesizwe sakwaManase, amaRubhen namaGadi alithatha ilizwe awayelinikwe nguMoses ngasempuma yeYordan, kanye njengokuba uMoses umkhonzi kaYehova wayewahlulele:+ 9 ukusuka eArohere,+ esecaleni kweNtlambo YaseArnon,+ nesixeko esiphakathi entlanjeni, nawo wonke umhlaba othe tyaba waseMedebha ukuya kutsho eDibhon; 10 nazo zonke izixeko zikaKumkani uSihon wama-Amori, owayelawula eHeshbhon, ukuya kutsho kumda wama-Amoni;+ 11 kwaneGiliyadi nomhlaba wamaGeshure nowamaMahakati,+ nayo yonke iNtaba IHermon, nayo yonke iBhashan,+ ukuya kutsho eSaleka;+ 12 wonke umhlaba owawungowobukhosi bukaOgi eBhashan, owalawula eAshtaroti nase-Edreyi. (Wayengomnye wamaRefa okugqibela.)+ UMoses waboyisa waza wabagxotha.*+ 13 Kodwa amaSirayeli awazange awagxothe+ amaGeshure namaMahakati, kuba amaGeshure namaMahakati asahlala namaSirayeli nanamhlanje.
14 Sisizwe sabaLevi kuphela angazange asinike lifa.+ Ilifa laso yaba yiminikelo etshiswayo eyenzelwa uYehova uThixo wamaSirayeli,+ kanye njengokuba wayesithembisile.+
15 Emva koko uMoses wanika isizwe sakwaRubhen ilifa ngokweentsapho zaso, 16 kwaye umhlaba waso wawususela eArohere, engakwiNtlambo YaseArnon, nesixeko esiphakathi entlanjeni, nawo wonke umhlaba othe tyaba ongaseMedebha; 17 iHeshbhon nazo zonke iidolophu zayo+ ezikumhlaba othe tyaba, iDibhon, iBhamoti-bhahali, iBhete-bhahali-meyon,+ 18 iYahatsa,+ iKedemoti,+ iMefehati,+ 19 iKiriyatayim, iSibhema+ neTsereti-shahare ekwintaba esethafeni, 20 iBhete-peyore, amathambeka ePisga,+ iBhete-yeshimoti,+ 21 zonke izixeko ezikumhlaba othe tyaba nawo wonke umhlaba owawungowobukhosi bukaKumkani uSihon wama-Amori, owayelawula eseHeshbhon.+ UMoses wamoyisa,+ woyisa neenkosana zakwaMidiyan, uEvi, uRekem, uTsure, uHure noRebha,+ ababelawula phantsi kukaSihon, behlala kwelo lizwe. 22 UBhileham+ unyana kaBhehore, owayevumisa,+ ngomnye wabantu ababulawa ngamaSirayeli ngekrele. 23 Umda wamaRubhen wawuyiYordan; yaye loo mhlaba, izixeko zawo neendawo zokuhlala waba lilifa lamaRubhen ngokweentsapho zawo.
24 Ngaphezu koko, uMoses wanika isizwe sakwaGadi ilifa ngokweentsapho zaso, 25 yaye umhlaba waso wawuquka iYazere,+ zonke izixeko zaseGiliyadi nehafu yomhlaba wama-Amoni+ ukuyokutsho eArohere, ejongene neRabha;+ 26 nokusuka eHeshbhon+ ukuya eRamati-mitsepe naseBhetonim, nokusuka eMahanayim+ ukuya kumda weDebhiri; 27 nakwintlambo,* eBhete-haram, eBhete-nimra,+ eSukoti+ naseTsafon, wonke umhlaba owawungowobukhosi bukaKumkani uSihon waseHeshbhon,+ yaye iYordan ingumda osusela emazantsi oLwandle LwaseKinereti*+ ngasempuma yeYordan. 28 Eli lifa, izixeko neendawo zokuhlala zaba zezamaGadi ngokweentsapho zawo.
29 Kwakhona uMoses wanika ihafu yesizwe sakwaManase ilifa ngokweentsapho zaso.+ 30 Umhlaba waso wawususela eMahanayim,+ yaye uquka yonke iBhashan, wonke umhlaba owawungowobukhosi bukaKumkani uOgi waseBhashan, nazo zonke iilali zikaYayire+ eziseBhashan. Loo mhlaba wawuneedolophu eziyi-60. 31 Ihafu yeGiliyadi, iAshtaroti ne-Edreyi,+ ezazikade zizizixeko zobukhosi bukaOgi eziseBhashan, zanikwa oonyana bakaMakire+ unyana kaManase, oko kukuthi ihafu yoonyana bakaMakire ngokweentsapho zabo.
32 Eli lilifa uMoses awabanika lona kwintlango yakwaMowabhi ngaphesheya kweYordan, ngasempuma yeYeriko.+
33 Kodwa isizwe sabaLevi uMoses akazange asinike lifa.+ UYehova uThixo kaSirayeli lilifa labo, kanye njengokuba wayebathembisile.+