Hezekile
19 “Umele ucule ingoma yokuzila ngeenkosi zakwaSirayeli, 2 uze uthi,
‘Wayeyintoni na umama wakho? Wayeyimazi yengonyama phakathi kweengonyama.
Wahlala phakathi kweengonyama ezinamandla* waza wakhulisa amathole akhe.
3 Wakhulisa elinye lamathole akhe laba yingonyama enamandla.+
Lafunda indlela yokudlakaza ixhoba,
Lade laqwenga nabantu.
5 Walinda wade wancama, engaboni themba lokuba lingaze libuye.
Wathatha elinye kumathole akhe, walithuma ukuba libe yingonyama enamandla.
6 Nalo lahambahamba phakathi kweengonyama laza laba yingonyama enamandla.
Lafunda indlela yokudlakaza ixhoba, lade laqwenga nabantu.+
7 Lahamba-hamba phakathi kweenqaba zabo ezikhuselekileyo, lazitshabalalisa izixeko zabo,
Kangangokuba kwelo lizwe lingenabantu kwakusitsho umgqumo walo.+
8 Iintlanga ezazivela kwiingingqi ezijikelezileyo zeza kulibamba ngomnatha,
Labanjiswa emngxunyeni wazo.
9 Zalifaka ehokweni ngeehaki, zalizisa kukumkani waseBhabhiloni.
Zalivalela apho, ukuze ilizwi lalo lingaphinde livakale ezintabeni zakwaSirayeli.
10 Umama wakho wayenjengomthi weediliya+ egazini lakho,* otyalwe ngasemanzini.
Wathwala isiqhamo waba namasebe amaninzi ngenxa yamanzi amaninzi.
11 Wantshula amasebe omeleleyo anokuba* ziintonga zabalawuli.
Wakhula waba mde kuneminye imithi,
Wabonakala ngenxa yobude bawo namahlamvu awo amaninzi.
Amasebe akhe omeleleyo aphulwa aza oma,+ aqwengwa ngumlilo.+
14 Umlilo wasuka emasebeni akhe* wanwenwela kumasetyana nakwiziqhamo zakhe.
Akukho sebe lomeleleyo lasindayo, akwabikho ntonga yokulawula.+
“‘Yingoma yokuzila leyo, yaye iza kuhlala iyingoma yokuzila.’”