Levitikus
14 Waqhubeka uYehova esithi kuMoses: 2 “Nanku umthetho omele ulandelwe ngemini ayokubonwa ngawo enoba ucocekile na umntu oneqhenqa. Umele aziswe kumbingeleli.+ 3 Uza kuphuma umbingeleli aye ngaphandle kwenkampu aze amhlole. Ukuba loo mntu uphilile kwisifo seqhenqa, 4 umbingeleli uza kumyalela ukuba azise iintaka ezimbini eziphilayo nezicocekileyo, isihlahla somsedare, uboya obubomvu krwe nesihlahla sehisope ukuze acocwe.+ 5 Umbingeleli uza kuyalela ukuba enye intaka ixhelelwe esityeni sodongwe phezu kwamanzi amatsha. 6 Kodwa umbingeleli ufanele athathe intaka ehleliyo, isihlahla somsedare, uboya obubomvu krwe nesihlahla sehisope, aze azithi nkxu zonke egazini lentaka exhelelwe phezu kwamanzi amatsha. 7 Emva koko, uza kumtshiza ngelo gazi kasixhenxe loo mntu uzicocayo kwiqhenqa aze athi ucocekile, ayiyeke ke intaka ephilayo ihambe iye endle.+
8 “Loo mntu uzicocayo umele azihlambe iimpahla zakhe, achebe zonke iinwele zakhe, aze ahlambe umzimba emanzini, abe ucocekile ngolo hlobo. Emva koko, angangena enkampini kodwa uza kuhlala ngaphandle kwentente yakhe iintsuku ezisixhenxe. 9 Ngosuku lwesixhenxe, umele achebe zonke iinwele ezisentloko, ezisesilevini namashiya akhe. Emva kokuba ezichebe zonke iinwele, uza kuhlamba iimpahla zakhe, ahlambe nomzimba wakhe emanzini aze ke acoceke.
10 “Ngosuku lwesibhozo, uza kuthatha iinkunzi ezimbini zamatakane eegusha aphilileyo, ithokazi legusha eliphilileyo+ elinonyaka omnye nezishumi ezithathu ze-efa* yomgubo ocoliweyo, zibe ngumnikelo wokutya ogalelwe ioli+ neoli engaphezulu nje kwekota yelitha,*+ 11 aze umbingeleli othi loo mntu uzicocayo ucocekile, amzise kunye nezo zinto phambi koYehova emnyangweni wentente yokuhlangana. 12 Umbingeleli uza kuthatha itakane legusha eliyinkunzi, alizise libe ngumnikelo wetyala,+ kunye neoli engaphezulu nje kwekota yelitha* aze azitshangatshangise zibe ngumnikelo otshangatshangiswayo phambi koYehova.+ 13 Emva koko, uza kuxhelela itakane legusha kwindawo oqhele ukuxhelelwa kuyo umnikelo wesono nomnikelo otshiswayo,+ kwindawo engcwele, kuba njengomnikelo wesono, umnikelo wetyala ngowombingeleli.+ Uyeyona nto ingcwele.+
14 “Emva koko, umbingeleli uza kuthatha igazi kumnikelo wetyala, aliqabe kwindlebe yasekunene yaloo mntu uzicocayo, kubhontsi wesandla sakhe sasekunene nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene. 15 Akugqiba athathe enye kula oli ingaphezulu nje kwekota yelitha,*+ ayigalele esandleni sakhe sasekhohlo. 16 Uza kuwuthi nkxu umnwe wakhe wasekunene kwioli esesandleni sakhe sasekhohlo aze atshize kasixhenxe phambi koYehova. 17 Emva koko umbingeleli uza kuqaba inxalenye yeoli esele esandleni sakhe kwindlebe yasekunene yaloo mntu uzicocayo, kubhontsi wesandla sakhe sasekunene nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene phezu kwegazi lomnikelo wetyala. 18 Umbingeleli uza kuqaba ioli eshiyeke esandleni sakhe kwintloko yaloo mntu uzicocayo, aze amhlawulele kuYehova.+
19 “Umbingeleli uza kubingelela ngomnikelo wesono+ aze amhlawulele loo mntu uzicocayo ekungcoleni kwakhe, emva koko axhele umnikelo otshiswayo. 20 Uza kubingelela ngawo nomnikelo wokutya + esibingelelweni, yaye uza kumhlawulela loo mntu+ aze acoceke.+
21 “Kodwa ke, ukuba ulihlwempu yaye akanazinto zaneleyo, uza kuthatha itakane legusha eliyinkunzi, libe ngumnikelo wetyala otshangatshangiswayo wokumhlawulela, isishumi se-efa* yomgubo ocoliweyo ogalelwe amafutha sibe ngumnikelo wokutya, ioli engaphezulu nje kwekota yelitha,* 22 namahobe amabini asendle okanye amantshontsho amabini amahobe afuywayo, lawo akwaziyo ukuwafumana. Elinye liza kuba ngumnikelo wesono lize elinye libe ngumnikelo otshiswayo.+ 23 Ngosuku lwesibhozo,+ uza kuwazisa kumbingeleli kumnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova, ukuze loo mntu acocwe.+
24 “Umbingeleli uza kuthatha itakane legusha eliyinkunzi yomnikelo wetyala+ neoli engaphezulu nje kwekota yelitha,* aze azitshangatshangise zibe ngumnikelo otshangatshangiswayo phambi koYehova.+ 25 Uza kuxhela itakane legusha eliyinkunzi yomnikelo wetyala, aze aqabe inxalenye yegazi lomnikelo wetyala kwindlebe yasekunene yaloo mntu uzicocayo, kubhontsi wesandla sakhe sasekunene nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene.+ 26 Uza kugalela inxalenye yeoli esandleni sakhe sasekhohlo,+ 27 aze ngomnwe wakhe wasekunene atshize kasixhenxe phambi koYehova. 28 Uza kuqaba inxalenye yeoli esesandleni sakhe kwindlebe yasekunene yaloo mntu uzicocayo, kubhontsi wesandla sakhe sasekunene nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene, kanye kweza ndawo ebeliqabe kuzo igazi lomnikelo wetyala. 29 Emva koko uza kuqaba ioli eshiyeke esandleni sakhe kwintloko yaloo mntu uzicocayo, ukuze amhlawulele phambi koYehova.
30 “Umbingeleli uza kubingelela elinye kumahobe asendle okanye kumantshontsho amahobe afuywayo, elo akwazileyo ukulifumana loo mntu uzicocayo,+ 31 libe ngumnikelo wesono lize elinye libe ngumnikelo otshiswayo+ kunye nomnikelo wokutya, yaye umbingeleli uza kumhlawulela loo mntu uzicocayo phambi koYehova.+
32 “Lowo ngumthetho omele ulandelwe ngumntu onesifo seqhenqa, ongenandlela yokuba nazo zonke izinto ezifunekayo ukuze acocwe.”
33 Emva koko wathi uYehova kuMoses noAron: 34 “Xa nifika kwilizwe lakwaKanan,+ endininika lona libe lilifa,+ ndize ndingcolise indlu ekwilizwe lenu ngesifo seqhenqa,+ 35 umnikazi waloo ndlu umele aye kumbingeleli, athi kuye, ‘Kukho into engathi kukungcola endlini yam.’ 36 Umbingeleli uza kuyalela ukuba kukhutshwe yonke into esendlini ngaphambi kokuba azokuhlola oko kungcola, ukuze angathi yonke into esendlini ayicocekanga. Emva koko uza kungena ayihlole loo ndlu. 37 Uza kuhlola loo ndawo ingcolileyo, yaye ukuba iindonga zaloo ndlu zinezibhaxu eziluhlaza-butyheli okanye bubomvurha, ibe zibonakala zingene nzulu eludongeni, 38 umbingeleli uza kuphuma kuloo ndlu aze ayivale iintsuku ezisixhenxe.+
39 “Uza kubuya ngosuku lwesixhenxe azokuyihlola. Ukuba ezo zibhaxu zinwenwile ezindongeni zayo, 40 umbingeleli uza kuyalela ukuba akhutshwe amatye anezibhaxu, aphoswe ngaphandle kwesixeko, kwindawo ekulahlwa kuyo izinto ezimdaka. 41 Emva koko, umele ayalele ukuba ixotyulwe yonke loo ndlu ngaphakathi, zize ezo zinto zixotyulweyo zilahlelwe ngaphandle kwesixeko, kwindawo ekulahlwa kuyo izinto ezimdaka. 42 Baza kufaka amanye amatye endaweni yalawo anezibhaxu ize loo ndlu ityatyekwe ngolunye udaka.
43 “Kodwa ke, ukuba izibhaxu ziphinde zavela emva kokuba ekhutshiwe amatye kwaza kwaxotyulwa nokutyatyekwa kwayo, 44 umbingeleli uza kungena ayihlole. Ukuba izibhaxu zinwenwile kuloo ndlu, liqhenqa elosulelayo elo.+ Loo ndlu ayicocekanga. 45 Uza kuyalela ukuba idilizwe loo ndlu, amatye ayo, amaplanga ayo, nazo zonke izinto ezixotyulwe kuyo zikhutshelwe ngaphandle kwesixeko, kwindawo ekulahlwa kuyo izinto ezimdaka.+ 46 Nabani na ongena kuloo ndlu kwiintsuku esavalwe ngazo,+ akazukucoceka kude kuhlwe.+ 47 Nabani na olala kuloo ndlu yaye nabani na otyela kuyo umele ahlambe iimpahla zakhe.
48 “Kodwa ke, ukuba umbingeleli uzile waza wabona ukuba isibhaxu asinwenwanga endlini emva kokuba iphinde yatyatyekwa, uza kuthi loo ndlu icocekile, ngenxa yokuba isibhaxu siphelile. 49 Ukuze ayicoce ekungcoleni,* umbingeleli uza kuthatha iintaka ezimbini, isihlahla somsedare, uboya obubomvu krwe nesihlahla sehisope.+ 50 Uza kuxhelela enye intaka esityeni sodongwe phezu kwamanzi amatsha. 51 Emva koko umbingeleli uza kuthatha isihlahla somsedare, isihlahla sehisope, uboya obubomvu krwe nentaka ephilayo, azithi nkxu zonke egazini lentaka exhelelwe phezu kwamanzi amatsha, yaye umele ayitshize loo ndlu kasixhenxe.+ 52 Uza kuyicoca loo ndlu ekungcoleni* ngegazi lentaka, ngamanzi amatsha, ngentaka ephilayo, ngesihlahla somsedare, ngesihlahla sehisope nangoboya obubomvu krwe. 53 Emva koko, uza kuyiyeka intaka ephilayo iye ngaphandle kwesixeko, endle. Ngaloo ndlela uza kususa ukungcola* endlini, ibe ke iyacoceka ngolo hlobo.
54 “Lowo ngumthetho waso nasiphi na isifo seqhenqa, isifo esisentlonzeni okanye ezindevini,+ 55 noweqhenqa eliba sempahleni+ okanye endlini,+ 56 nowokudumba, ukhwekhwe namabala,+ 57 ukuze kubonwe xa into ingacocekanga naxa icocekile.+ Lowo ngumthetho weqhenqa.”+