Numeri
19 UYehova waphinda wathi kuMoses noAron: 2 “Nanku umthetho awukhuphileyo uYehova, ‘Xelelani amaSirayeli ukuba anizisele inkomo ebomvu ephilileyo, engenasiphene,+ nengazange yafakwa dyokhweni. 3 Nize niyinike uEleyazare umbingeleli, ayise ngaphandle kwenkampu, ize ixhelwe phambi kwakhe. 4 Emva koko uEleyazare umbingeleli uza kuthatha elinye igazi layo, athi nkxu umnwe wakhe kulo, aze afefe ngalo kasixhenxe ejongise ententeni yokuhlangana.+ 5 Emva koko loo nkomo iza kutshiswa phambi kwakhe. Kuza kutshiswa isikhumba sayo, inyama yayo, igazi layo nobulongwe bayo.+ 6 Emva koko umbingeleli uza kuthatha umsedare, ihisope+ noboya obubomvu krwe, aze aziphose ezo zinto kuloo mlilo itshiswa kuwo inkomo. 7 Akugqiba umbingeleli makahlambe aze ahlambe neempahla zakhe, emva koko angangena enkampini; kodwa ke akazukucoceka de kuhlwe.
8 “‘Umntu obetshisa loo nkomo makahlambe aze ahlambe neempahla zakhe, ibe akazukucoceka de kuhlwe.
9 “‘Indoda ecocekileyo mayiluwole uthuthu lwaloo nkomo,+ ilugalele endaweni ecocekileyo ngaphandle kwenkampu, luze lugcinwe libandla lamaSirayeli ukuze kwenziwe amanzi okucoca.+ Lowo ngumnikelo wesono. 10 Loo mntu uwola uthuthu lwenkomo umele ahlambe iimpahla zakhe yaye akazukucoceka de kuhlwe.
“‘Lowo iza kuba ngumthetho oza kuhlala ulawula amaSirayeli nabantu basemzini abahlala nani.+ 11 Nabani na ochukumisa umntu ofileyo uza kuhlala engacocekanga iintsuku ezisixhenxe.+ 12 Loo mntu ufanele azicoce ngamanzi okucoca ngosuku lwesithathu, yaye uza kucoceka ngosuku lwesixhenxe. Kodwa ukuba akazicoci ngosuku lwesithathu, akazukucoceka ngosuku lwesixhenxe. 13 Wonke umntu ochukumisa umntu ofileyo, aze angazicoci ngamanzi okucoca, uyingcolisile intente engcwele kaYehova,+ yaye ufanele abulawe.+ Ngenxa yokuba engafefwanga ngamanzi okucoca,+ akacocekanga yaye uza kuhlala engacocekanga.
14 “‘Nanku umthetho oza kusebenza xa kuye kwafela umntu ententeni: Bonke abantu abangena kuloo ntente nabasele bengaphakathi, abazukucoceka iintsuku ezisixhenxe. 15 Zonke izitya ezineziciko ezingavalisiswanga* azicocekanga.+ 16 Wonke umntu ongaphandle ochukumisa umntu obulewe ngekrele, isidumbu somntu ozifeleyo, ithambo lomntu okanye ingcwaba, akazukucoceka iintsuku ezisixhenxe.+ 17 Bamele bamcuntsulele kuthuthu lwala mnikelo wesono obutshisiwe, balufake esityeni baze bagalele amanzi asandula ukukhiwa. 18 Emva koko umntu ococekileyo+ uza kuthatha ihisope,+ ayithi nkxu emanzini aze atshize intente, zonke izitya ezingacocekanga, abantu abebelapho nomntu obechukumise ithambo okanye umntu obuleweyo okanye isidumbu somntu ozifeleyo okanye ingcwaba. 19 Lo mntu ucocekileyo uza kutshiza lowo ungacocekanga ngosuku lwesithathu nangosuku lwesixhenxe, atsho acoceke ngosuku lwesixhenxe.+ Lowo ungacocekanga umele ahlambe aze ahlambe neempahla zakhe, yaye uza kucoceka ngokuhlwa.
20 “‘Kodwa umntu ongacocekanga waza akafuna ukuzicoca, umele abulawe+ kuba ungcolise indawo engcwele kaYehova. Ngenxa yokuba engafefwanga ngamanzi okucoca, akacocekanga.
21 “‘Nanku umthetho ekuza kufuneka bahlale bewuthobela: Umntu otshiza ngamanzi okucoca+ ufanele ahlambe iimpahla zakhe, nalowo uchukumisa amanzi okucoca, akazukucoceka de kuhlwe. 22 Kwanto echukunyiswe ngumntu ongacocekanga ayizukucoceka, nomntu ochukumise loo nto akazukucoceka de kuhlwe.’”+