Yoshuwa
17 Ngoko iqashiso+ laphuma nesizwe sakwaManase,+ kuba wayelizibulo+ likaYosefu. Ekubeni izibulo likaManase, uMakire,+ utata kaGiliyadi wayeyindoda yemfazwe, wafumana iGiliyadi neBhashan.+ 2 Emva koko iqashiso laphuma nenye inzala kaManase ngokweentsapho zayo, laphuma noonyana baka-Abhi-ezere,+ oonyana bakaHeleki, oonyana baka-Asriyeli, oonyana bakaShekem, oonyana bakaHefere noonyana bakaShemida. Aba yinzala kaManase unyana kaYosefu, amadoda ngokweentsapho zawo.+ 3 Kodwa uTselofehadi+ unyana kaHefere, unyana kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, wayengenabo oonyana, eneentombi kuphela, yaye nanga amagama eentombi zakhe: uMahala, uNowa, uHogela, uMilka noTirtsa. 4 Ngoko ezo ntombi zaya kuEleyazare+ umbingeleli, uYoshuwa unyana kaNun neenkosi, zaza zathi: “NguYehova owayalela uMoses ukuba asinike ilifa phakathi kwabantakwethu.”+ Ngoko wazinika ilifa lazo phakathi kwabantakwaboyise, ngokomyalelo kaYehova.+
5 Kwakhona isizwe sakwaManase sanikwa imihlaba elishumi ukongeza kwiGiliyadi neBhashan, ezazikwelinye icala* leYordan,+ 6 kuba iintombi zikaManase zafumana ilifa kunye noonyana bakhe, yaye umhlaba waseGiliyadi waba ngowenye inzala kaManase.
7 Umda wakwaManase wawusuka eAshere uye eMikematati,+ emelene neShekem,+ yaye umda wawuhamba uye ngasemzantsi* ngakwindawo ababehlala kuyo abantu base-En-Tapuwa. 8 Umhlaba waseTapuwa+ waba ngowesizwe sakwaManase, kodwa iTapuwa ekumda wakwaManase yaba yeyenzala kaEfrayim. 9 Loo mda wawusehla uye kwiNtlambo YaseKana, ngasemzantsi. Kwakukho izixeko zesizwe sakwaEfrayim phakathi kwezixeko zakwaManase,+ yaye umda wakwaManase wawungasemntla kwentlambo, uze uyokuphela elwandle.+ 10 Ngasemzantsi loo mda wawungowakwaEfrayim, ngasemntla, ingowakwaManase, yaye ulwandle lwalungumda wakwaManase.+ Emantla, umhlaba wakwaManase wawufika eAshere, uze empuma, uyokutsho kwaIsakare.
11 Kumhlaba wakwaIsakare nowakwa-Ashere, isizwe sakwaManase sanikwa iBhete-sheyan needolophu eziphantsi kwayo, i-Ibleyam+ needolophu eziphantsi kwayo,* abantu baseDore+ needolophu eziphantsi kwayo, abantu base-En-dore+ needolophu eziphantsi kwayo, abantu baseTahanaki+ needolophu eziphantsi kwayo, nabantu baseMegido needolophu eziphantsi kwayo, iindawo ezintathu eziphakamileyo.
12 Kodwa inzala kaManase zange ikwazi ukuzithatha ezi zixeko; amaKanan aba nenkani, awafuna ukuhamba apho.+ 13 Athe amaSirayeli akuba namandla, awasebenzisa ngenkani amaKanan,+ kodwa awazange awagxothe* ngokupheleleyo.+
14 Inzala kaYosefu yathi kuYoshuwa: “Kutheni usisikele* isiqwenga somhlaba esinye ngeqashiso elinye?+ Sisisizwana esikhulu kuba uYehova usisikelele.”+ 15 UYoshuwa wathi: “Ukuba nisisizwana esikhulu, hambani ke niye kumhlaba wamaPerizi+ namaRefa,+ nize nizigecele ihlathi eliphaya, xa niza kuxinana kummandla weentaba wakwaEfrayim.”+ 16 Yona inzala kaYosefu yathi: “Ummandla weentaba awusanelanga, yaye amaKanan ahlala kummandla olithafa* aneenqwelo zemfazwe+ ezinamarhengqa amakhulu entsimbi,* lawo ahlala eBhete-sheyan+ nakwiidolophu eziphantsi kwayo, nalawo akwiNtlambo YaseYizereli.”*+ 17 Ngoko uYoshuwa wathi kwindlu kaYosefu, kwisizwe sakwaEfrayim nesakwaManase: “Nisisizwana esikhulu, yaye ninamandla. Anizukufumana iqashiso elinye,+ 18 kodwa niza kufumana nommandla weentaba.+ Nakuba ulihlathi niza kuligeca, ibe uza kuba ngowenu wonke. Kuba niza kuwagxotha amaKanan, nangona enamandla yaye eneenqwelo zemfazwe ezinamarhengqa entsimbi.”*+