Yoshuwa
18 Emva koko ibandla lamaSirayeli ladibana eShilo,+ yaye lamisa intente yokuhlangana apho,+ kuba ngoku lalisele liloyisile ilizwe.+ 2 Kodwa kwakukho izizwe ezisixhenxe zamaSirayeli ezazingekalinikwa ilifa lazo. 3 Ngoko uYoshuwa wathi kumaSirayeli: “Kuza kude kube nini nisonqena ukulithatha ilizwe aninike lona uYehova uThixo wookhokho benu?+ 4 Ndinikeni amadoda amathathu kwisizwe ngasinye endiza kuwathuma; amele ahambe ayokwenza imaphu yelizwe ngokwelifa lezizwe zawo. Emva koko amele abuyele kum. 5 Amele alahlule libe yimihlaba esixhenxe.+ UYuda uza kuhlala ekumhlaba wakhe osemzantsi,+ ize indlu kaYosefu ihlale ikumhlaba wayo osemntla.+ 6 Kodwa nina niza kulahlula ilizwe libe yimihlaba esixhenxe, nize nizokundixelela, kwaye ndiza kunenzela amaqashiso+ phambi koYehova uThixo wethu. 7 Kodwa abaLevi abanalifa phakathi kwenu,+ kuba ilifa labo kukuba ngababingeleli bakaYehova;+ yaye uGadi, uRubhen nehafu yesizwe sakwaManase+ balithathile ilifa labo elisempuma kweYordan abalinikwa nguMoses umkhonzi kaYehova.”
8 Loo madoda awayeza kwenza imaphu yelizwe, alungiselela ukuhamba, waza uYoshuwa wathi kuwo: “Hambani kulo lonke eli lizwe, nenze imaphu yalo nize nibuyele kum. Ndiza kunenzela amaqashiso apha phambi koYehova eShilo.”+ 9 Emva koko loo madoda alihamba lonke ilizwe, enza imaphu, alahlula ngokwezixeko, laba yimihlaba esixhenxe, aza abhala encwadini. Akugqiba abuyela kuYoshuwa eShilo. 10 UYoshuwa wabenzela amaqashiso eShilo phambi koYehova.+ Wawahlulela apho ilizwe amaSirayeli ngokwelifa lawo.+
11 Iqashiso laphuma nesizwe sakwaBhenjamin ngokweentsapho zaso, ibe umhlaba waso wawuphakathi kowabantu bakwaYuda+ nabakwaYosefu.+ 12 Kwicala elingasemntla, umda waso wawuqala eYordan, unyuke uye kwithambeka laseYeriko+ emntla, uye entabeni ngasentshona, uze udlulele kwintlango yaseBhete-aven.+ 13 Ukusuka apho wawusiya eLuzi, kwithambeka laseLuzi ngasemzantsi, oko kukuthi, iBheteli,+ uhle uyokutsho eAtaroti-adare+ kwintaba engasemzantsi kweBhete-horon Esezantsi.+ 14 Loo mda wawusuka kwicala elingasentshona, ujikele uye ngasemzantsi ukusuka kwintaba ejongene neBhete-horon, ngasemzantsi; wawuphela eKiriyati-bhahali, oko kukuthi iKiriyati-yarim,+ isixeko sakwaYuda. Elo ke licala elingasentshona.
15 Icala elingasemzantsi lalisuka ngasesiphelweni seKiriyati-yarim, ibe umda walo wawungasentshona, udlulela kumthombo wamanzi aseNefetowa.+ 16 Loo mda wawusehla uye kwicala lentaba ejonge kwiNtlambo Yonyana KaHinom,+ ekwiNtlambo YamaRefa*+ ngasemntla, wehle uye kwiNtlambo KaHinom, udlulele kwithambeka lesixeko samaYebhusi+ ngasemzantsi, uze wehlele e-En-rogele.+ 17 Loo mda wawudlula ngasemntla, uye e-En-shemeshe naseGeliloti, ephambi kweqhina laseAdumim,+ yaye wawusehla uye kwilitye+ likaBhohan+ unyana kaRubhen. 18 Wawudlula uye kwithambeka elingasemntla eliphambi kweArabha uze wehle uye eArabha. 19 Loo mda wawudlulela kwithambeka elingasemntla laseBhete-hogela,+ uyokuphela emantla oLwandle LweTyiwa,*+ ekupheleni kweYordan emzantsi. Lowo ke yayingumda osemzantsi. 20 IYordan yaba ngumda kwicala elingasempuma. Loo mhlaba waba lilifa lenzala kaBhenjamin ngokweentsapho zayo, njengoko imida yayibonisa macala onke.
21 Nazi izixeko zesizwe sakwaBhenjamin ngokweentsapho zaso: yiYeriko, iBhete-hogela, iEmeki-ketsitse, 22 iBhete-arabha,+ iTsemarayim, iBheteli,+ 23 iAvi, iPara, iOfra, 24 iKefar-amoni, iOfeni neGebha,+ izixeko eziyi-12 neelali zazo.
25 IGibheyon,+ iRama, iBheheroti, 26 iMizpe, iKefira, iMotsa, 27 iRekem, i-Irpeli, iTarala, 28 iTselaha,+ iHa-elefe, iYebhusi, oko kukuthi iYerusalem,+ iGibheya+ neKiriyati, izixeko eziyi-14 neelali zazo.
Elo yayililifa lenzala kaBhenjamin ngokweentsapho zayo.