Levitikus
27 UYehova waqhubeka wathi kuMoses: 2 “Yithi kumaSirayeli, ‘Ukuba umntu wenza isifungo esikhethekileyo+ sokunikela kuYehova ngemali elingana nexabiso lomntu* elibekiweyo, 3 ixabiso elibekiweyo lendoda esusela kwiminyaka eyi-20 ukuya kweyi-60, liza kuba ziishekele* eziyi-50 zesilivere ngokweshekele yendawo engcwele.* 4 Kodwa ukuba libhinqa, ixabiso elibekiweyo liza kuba ziishekele eziyi-30. 5 Ukuba iminyaka yaloo mntu isusela kweyi-5 ukuya kweyi-20, ixabiso elibekiweyo loyindoda liza kuba ziishekele eziyi-20, lize elebhinqa libe ziishekele eziyi-10. 6 Ukuba loo mntu ususela kwinyanga enye ukuya kwiminyaka emihlanu, ixabiso elibekiweyo loyinkwenkwana liza kuba ziishekele ezintlanu zesilivere lize elentombazana libe ziishekele ezintathu zesilivere.
7 “‘Ukuba iminyaka yakhe iyi-60 nangaphezulu, ixabiso elibekiweyo loyindoda liza kuba ziishekele eziyi-15, lize elebhinqa libe ziishekele eziyi-10. 8 Kodwa ukuba lowo wenza isifungo uhlwempuzeke kakhulu ukuba angalifikelela ixabiso elibekiweyo,+ umntu ekunikelwa ngaye uza kumiswa phambi kombingeleli, yaye umbingeleli uza kubeka ixabiso lakhe. Umbingeleli uza kubeka ixabiso anokulifikelela+ lowo wenza isifungo.
9 “‘Ukuba isifungo sibandakanya isilwanyana ekunokunikelwa ngaso kuYehova, nantoni na ekunokunikelwa ngayo kuYehova iza kuba yinto engcwele. 10 Akanakuzisa esinye endaweni yaso okanye atshintshe esilungileyo ngesingalunganga okanye esingalunganga ngesilungileyo. Kodwa ukuba uzisa isilwanyana endaweni yesinye, zombini ezo zilwanyana, esokuqala neso atshintshise ngaso, ziza kuba ngcwele. 11 Ukuba sisilwanyana esingacocekanga+ nekungenakunikelwa ngaso kuYehova, uza kusimisa phambi kombingeleli. 12 Umbingeleli uza kubeka ixabiso laso, ngokomgangatho waso.* Ixabiso elibekwe ngumbingeleli liza kuma. 13 Kodwa ukuba ufuna ukuphinda asithenge, umele ongeze isihlanu kwixabiso laso elibekiweyo.+
14 “‘Ukuba umntu unikela ngendlu yakhe kuYehova njengento engcwele, umbingeleli uza kubeka ixabiso layo, ngokomgangatho wayo.* Loo ndlu iza kubiza elo xabiso libekwe ngumbingeleli.+ 15 Kodwa ukuba lowo unikela ngendlu yakhe ufuna ukuphinda ayithenge, umele ongeze isihlanu kwixabiso layo elibekiweyo, ize emva koko ibe yeyakhe.
16 “‘Ukuba umntu unikela ngomhlaba wakhe kuYehova njengento engcwele, ixabiso lawo liza kulinganiselwa ngokwembewu eza kutyalwa kuwo: ihomere* yembewu yerhasi iza kuba ziishekele eziyi-50 zesilivere. 17 Ukuba unikela ngentsimi yakhe ngoNyaka Wenkululeko,*+ ixabiso elibekiweyo liza kuma. 18 Ukuba unikela ngomhlaba wakhe emva koNyaka Wenkululeko,* umbingeleli uza kumbalela ixabiso lawo ngokweminyaka eshiyekileyo ukuya kuNyaka Wenkululeko* olandelayo, kuze kuphungulwe kwixabiso elibekiweyo.+ 19 Kodwa ukuba lowo unikele ngomhlaba uye waphinda wawuthenga, umele ongeze isihlanu kwixabiso lawo elibekiweyo, uze loo mhlaba uhlale ungowakhe. 20 Ukuba akaphindi awuthenge umhlaba uze uthengiselwe omnye umntu, awunakuba sathengwa kwakhona. 21 Xa umhlaba ukhululwa ngoNyaka Wenkululeko,* uza kuba yinto engcwele kuYehova, kuba ungumhlaba onikelwe kuye. Uza kuba ngowababingeleli.+
22 “‘Ukuba umntu unikela kuYehova umhlaba awuthengileyo, ongeyonxalenye yelifa lakhe,+ 23 umbingeleli uza kumbalela ixabiso lawo ukuya kuNyaka Wenkululeko,* yaye uza kulibhatala ngolo suku elo xabiso libekiweyo.+ Liyinto engcwele kuYehova. 24 NgoNyaka Wenkululeko,* umhlaba uza kubuyela kulowo awuthenge kuye, lowo ungowakhe.+
25 “‘Onke amaxabiso mawabekwe ngokweshekele yendawo engcwele. Ishekele imele ibe ziigera* eziyi-20.
26 “‘Kodwa ke, akukho mntu umele anikele ngezibulo lesilwanyana, kuba lizalwa lilelikaYehova.+ Sele ilelikaYehova kakade, enoba liyinkunzi yenkomo okanye yegusha.+ 27 Ukuba lelesilwanyana esingacocekanga yaye ulikhulula ngexabiso elibekiweyo, umele ongeze isihlanu kwelo xabiso.+ Kodwa ukuba aliphindanga lathengwa, liza kuthengiswa ngexabiso elibekiweyo.
28 “‘Kodwa akukho nanye into umntu ayithathe ezintweni zakhe waza wayinikela kuYehova ngokupheleleyo,* emele ithengiswe okanye iphinde ithengwe, nokuba ngumntu okanye sisilwanyana okanye ngumhlaba wakhe. Yonke into enikelweyo iyeyona nto ingcwele kuYehova.+ 29 Akukho namnye umntu ogcinelwe intshabalalo omele aphinde athengwe.+ Ufanele nakanjani abulawe.+
30 “‘Sishumi ngasinye+ somhlaba, enoba sesemveliso yomhlaba okanye seseziqhamo zomthi, sesikaYehova. Siyinto engcwele kuYehova. 31 Ukuba umntu ufuna ukuphinda asithenge isishumi sakhe, ufanele ongeze isihlanu kwixabiso laso. 32 Isilwanyana seshumi ngasinye kumhlambi weenkomo, oweegusha noweebhokhwe, esidlula phantsi kwentonga yomalusi, siza kuba yinto engcwele kuYehova. 33 Akamele ahlole ukuba umgangatho waso mhle okanye mbi na, yaye angasitshintshi afake esinye. Kodwa ukuba uye wasitshintsha wafaka esinye, zombini ezo zilwanyana, esokuqala neso asifake endaweni yaso, ziza kuba yinto engcwele.+ Azimele ziphinde zithengwe.’”
34 Yiyo leyo imiyalelo uYehova awayinika uMoses eNtabeni YaseSinayi+ ukuba ayinike amaSirayeli.