Levitikus
26 “‘Nize ningazenzeli oothixo abangenaxabiso,+ yaye ningazimiseli umfanekiso oqingqiweyo+ okanye nizenzele intsika engcwele, yaye ningabeki litye+ elizweni lenu ngenjongo yokuqubuda kulo,+ kuba ndinguYehova uThixo wenu. 2 Nimele nizigcine iisabatha zam, yaye niyihlonele indawo* yam engcwele. NdinguYehova.
3 “‘Ukuba niyaqhubeka niphila ngemiyalelo yam nize nithobele imithetho yam, niyenze,+ 4 ndiza kuninisela imvula eninzi ngexesha elifanelekileyo,+ lize ilizwe libe nemveliso,+ nemithi yentsimi ivelise iziqhamo zayo. 5 Niza kubhula kude kufike ixesha lokuba nivune iidiliya, nexesha lokuvuna iidiliya liza kuqhubeka de kube lixesha lokutyala, yaye niza kutya isonka senu nide nanele nize nihlale nikhuselekile elizweni lenu.+ 6 Ndiza kuzisa uxolo elizweni,+ niza kulala kungekho mntu unoyikisayo,+ ndize ndiwaphelise amarhamncwa enzakalisayo elizweni, yaye akukho mntu uza kulwa nani ngekrele elizweni lenu. 7 Nakanjani niza kuzileqa iintshaba zenu, nizoyise ngekrele. 8 Abahlanu kuni baza kuleqa abayi-100, abayi-100 baleqe abayi-10 000, nizoyise ngekrele iintshaba zenu.+
9 “‘Ndiza kunisikelela,* ndinenze niqhame, ndize ndinandise,+ ibe ndiza kusigcina isivumelwano endisenze nani.+ 10 Kuza kuthi kusekho isivuno sonyaka ophelileyo, kufuneke nisilahle ukuze nifake esitsha. 11 Ndiza kubeka intente yam engcwele phakathi kwenu,+ ibe andizukunilahla. 12 Ndiza kuba nani, ndibe nguThixo wenu,+ yaye nina niza kuba ngabantu bam.+ 13 NdinguYehova uThixo wenu, owanikhupha elizweni laseYiputa, ukuze niyeke ukuba ngamakhoboka awo, ndazaphula iidyokhwe zenu ndaza ndanenza abantu abahamba beziphakamisile iintloko zabo.*
14 “‘Kodwa, ukuba anizukundimamela okanye anizukuyithobela yonke le mithetho,+ 15 yaye ukuba niyayilahla* imiyalelo yam,+ ibe niyazenyanya izigwebo zam ukuze ningayithobeli yonke imiyalelo yam, nize nisaphule nesivumelwano sam,+ 16 nazi izinto endiza kuzenza kuni: ndiza kunohlwaya ngokunibangela intlungu, ngokunenza nibe nesifo sephepha nomkhuhlane otshisayo, amehlo angaboni kakuhle nize niphelelwe ngamandla. Akuzukuninceda nganto ukutyala imbewu, kuba iza kutyiwa ziintshaba zenu.+ 17 Ndiza kunichasa, yaye niza koyiswa ziintshaba zenu.+ Abo banizondayo baza kuninyathela,+ nibaleke kungekho mntu unileqayo.+
18 “‘Ukuba ezi zinto azinenzi nindimamele, ndiza kunibetha kasixhenxe kunakuqala ngenxa yezono zenu. 19 Ndiza kuliphelisa ikratshi nenkani yenu, izulu lenu ndilenze libe njengentsimbi+ nomhlaba wenu ube njengekopolo. 20 Niza kuwaqobela ilize amandla enu, kuba umhlaba wenu awuzukuninika imveliso yawo,+ nemithi yelizwe ayizukuninika ziqhamo.
21 “‘Kodwa ukuba aniyeki ukundichasa nize ningandimameli, ndiza kuphinda ndinibethe kasixhenxe ngokwezono zenu. 22 Ndiza kuthumela izilwanyana zasendle kuni,+ yaye ziza koxutha abantwana benu,+ ziqwenge nezilwanyana zenu zasekhaya zize zinciphise inani lenu, neendlela zenu zingahanjwa mntu.+
23 “‘Ukuba nasemva kwezi zinto anivumi ukulungiswa ndim,+ ibe aniyeki ukundichasa, 24 nam ndiza kunichasa, yaye mna lo ndiza kunibetha kasixhenxe ngenxa yezono zenu. 25 Ndiza kuphindisa ngekrele ngenxa yokwaphula kwenu isivumelwano.+ Ukuba nibalekela ezixekweni zenu, ndiza kuthumela izifo kuni,+ yaye niza kunikelwa esandleni sotshaba.+ 26 Xa ndisenza singafumaneki kuni isonka,*+ abafazi abalishumi baza kusibhaka isonka senu eontini enye baze basabe eso sonka,+ yaye niza kutya kodwa ninganeli.+
27 “‘Ukuba sekunjalo anindimameli yaye aniyeki ukundichasa, 28 ndiza kuqinisa apha ekunichaseni,+ ndize ndinibethe kasixhenxe ngenxa yezono zenu. 29 Kuza kufuneka nitye inyama yoonyana benu, nitye nenyama yeentombi zenu.+ 30 Ndiza kuzitshabalalisa iindawo zenu eziphakamileyo ezingcwele,+ ndizichithe iindawo zenu zokubeka isiqhumiso esiqholiweyo ndize ndifumbe izidumbu zenu phezu kwezithixo zenu ezingaphiliyo nezenyanyekayo,*+ yaye ndiza kuninikela umva ndinenyanye.+ 31 Izixeko zenu ndiza kuzinikela ekreleni+ ndize ndiziphanzise iingcwele zenu, ndingaweva namavumba amnandi* emibingelelo yenu. 32 Mna ngokwam ndiza kulenza liphanze ilizwe,+ neentshaba zenu eziza kuhlala kulo ziza kulijonga zimangale.+ 33 Ndiza kunichitha-chitha ezintlangeni,+ ndinileqe ngekrele,+ liphanziswe ilizwe lenu,+ nezixeko zenu zitshatyalaliswe.
34 “‘Ngelo xesha ilizwe liza kubuyekeza iisabatha zalo ngayo yonke imihla yokuphanza kwalo, ngoxa nina niza kube niselizweni leentshaba zenu. Ngelo xesha ilizwe liza kuphumla,* kuba limele libuyekeze iisabatha zalo.+ 35 Liza kuphumla ngayo yonke imihla yokuphanza kwalo, kuba liza kube lingazange liphumle ebudeni beesabatha zenu ngoxa nanihlala kulo.
36 “‘Abo bashiyekileyo kuni,+ ndiza kubenza boyike kumazwe eentshaba zabo, baza kubalekiswa kukurhashaza kwegqabi eliphetshethwayo, yaye baza kubaleka ngathi babaleka ikrele, bawe kungekho mntu ubaleqayo.+ 37 Ngamnye uza kukhubeka komnye ngokungathi ngabantu ababaleka ikrele, kube kungekho mntu ubaleqayo. Anizukukwazi ukumelana neentshaba zenu.+ 38 Niza kutshabalala phakathi kweentlanga,+ ibe liza kunigqiba ilizwe leentshaba zenu. 39 Abashiyekileyo kuni baza kushiywa baze babolele emazweni eentshaba zenu+ ngenxa yesono senu. Baza kubola nyhani ngenxa yezono zootata babo.+ 40 Emva koko baza kusivuma isono+ nokungathembeki kwabo, nesono sootata babo nokungathembeki kwabo kum, baze bavume ukuba baye abathembeka kum ngokundichasa kwabo.+ 41 Kuza kufuneka nam ndibachase+ ngokubazisa elizweni leentshaba zabo.+
“‘Mhlawumbi xa kunjalo iintliziyo zabo ezinenkani ziza kutsho zithambe,+ baze bahlawule ngenxa yesono sabo. 42 Ndiza kusikhumbula isivumelwano sam noYakobi,+ nesivumelwano sam noIsake,+ ndiza kusikhumbula nesivumelwano sam noAbraham,+ nelizwe ndiza kulikhumbula. 43 Ilizwe lashiyeka lihlawula iisabatha zalo ngoxa balishiyayo,+ lashiyeka lingenabantu, ngoxa babehlawulela isono sabo, kuba bayilahla* imithetho yam, baza bayenyanya.+ 44 Sekunjalo, andisoze ndibalahle ngokupheleleyo+ okanye ndibenyanye de ndibatshabalalise, nto leyo ibinokwaphula isivumelwano sam+ nabo, kuba ndinguYehova uThixo wabo. 45 Ngenxa yabo ndiza kusikhumbula isivumelwano endasenza nookhokho babo+ endabakhupha kwilizwe laseYiputa, iintlanga zijongile,+ ukuze ndizibonakalise ukuba ndinguThixo wabo. NdinguYehova.’”
46 Le yimiyalelo, izigwebo nemithetho eyabekwa nguYehova phakathi kwakhe namaSirayeli, ngoMoses, eNtabeni YaseSinayi.+