Eyokuqala YeziKronike
15 Waqhubeka ezakhela izindlu kwisiXeko SikaDavide, wayilungiselela indawo iTyeya yoThixo wokwenene waza wayakhela intente.+ 2 Ngelo xesha uDavide wathi: “Akukho mntu omele athwale iTyeya yoThixo wokwenene ngaphandle kwabaLevi, kuba uYehova ukhethe bona ukuba bathwale iTyeya kaYehova baze bahlale bemsebenzela.”+ 3 Emva koko uDavide wamhlanganisela eYerusalem wonke uSirayeli, ukuze azise iTyeya kaYehova endaweni awayeyilungiselele yona.+
4 UDavide waqokelela inzala ka-Aron+ nabaLevi:+ 5 kumaKohati yayingu-Uriyeli intloko, nabantakwabo abayi-120, 6 kumaMerari yayinguAsaya+ intloko, nabantakwabo abayi-220, 7 kumaGershom yayinguYoweli+ intloko, nabantakwabo abayi-130, 8 kwinzala kaElitsafan+ yayinguShemaya intloko, nabantakwabo abayi-200, 9 kwinzala kaHebron yayinguEliyeli intloko, nabantakwabo abayi-80, 10 kwinzala kaUziyeli+ yayinguAminadabhi intloko, nabantakwabo abayi-112. 11 Ngaphezu koko, uDavide wabiza ababingeleli uTsadoki+ noAbhiyatare,+ nabaLevi u-Uriyeli, uAsaya uYoweli, uShemaya, uEliyeli noAminadabhi, 12 wathi kubo: “Niziintloko zezindlu zootata babaLevi. Zenzeni nibe ngcwele, nina nabantakwenu, nizise iTyeya kaYehova uThixo kaSirayeli kwindawo endiyilungiselele yona. 13 Ekubeni ningazange niyithwale ekuqaleni,+ uYehova waba nomsindo omkhulu,+ kuba zange senze izinto ngendlela yakhe.”+ 14 Bazingcwalisa ke ababingeleli nabaLevi ukuze banyuse iTyeya kaYehova uThixo kaSirayeli.
15 Emva koko abaLevi bayithwala emagxeni ngeepali+ iTyeya yoThixo wokwenene, kanye njengokuba uMoses wayetshilo ethunywe nguYehova. 16 UDavide waxelela iintloko zabaLevi ukuba zimise abantakwazo abaziimvumi ukuba bacule bevuya, kudlalwe nezixhobo zomculo: imirhubhe, iihadi+ namacangci.+
17 Ngoko abaLevi bakhetha uHeman+ unyana kaYoweli yaye kubantakwabo bakhetha uAsafu+ unyana kaBherekiya, ibe kumaMerari abantakwabo bakhetha uEtan+ unyana kaKushaya. 18 Abanye ababekunye nabo yayingabantakwabo besahlulo sesibini,+ uZekariya, uBhen, uYahaziyeli, uShemiramoti, uYehiyele, u-Uni, uEliyabhi, uBhenaya, uMahaseya, uMatitiya, uElifelehu, uMikeneya no-Obhedi-edom noYeyeli oonogada basegeyithini. 19 Iimvumi uHeman,+ uAsafu+ noEtan babeza kukhalisa amacangci ekopolo,+ 20 uZekariya, uAziyeli, uShemiramoti, uYehiyele, u-Uni, uEliyabhi, uMahaseya noBhenaya badlala imirhubhe ngenowuthi yeAlamoti,*+ 21 uMatitiya,+ uElifelehu, uMikeneya, uObhedi-edom, uYeyeli noAzaziya badlala iihadi ngenowuthi yeSheminiti,*+ ukuze babhexeshe. 22 UKenaniya+ intloko yabaLevi walathisa ekuthwalweni kwetyeya, kuba wayeyincutshe. 23 UBherekiya noElikana babegade iTyeya. 24 Ababingeleli uShebhaniya, uYoshafati, uNetaneli, uAmasayi, uZekariya, uBhenaya noEliyezere bawakhalisela phezulu amaxilongo phambi kweTyeya yoThixo wokwenene.+ UObhedi-edom noYehiya nabo babegade iTyeya.
25 UDavide, abadala bakwaSirayeli neentloko zamawaka bahamba beyokuthatha ityeya yesivumelwano* kaYehova endlini kaObhedi-edom+ bevuya.+ 26 Xa uThixo wokwenene wanceda abaLevi ababethwele ityeya yesivumelwano* kaYehova, babingelela ngamathole eenkomo aziinkunzi asixhenxe neenkunzi zeegusha ezisixhenxe.+ 27 UDavide wayenxibe isambatho esingenamikhono selaphu lodidi, ngokunjalo nabaLevi ababethwele iTyeya, iimvumi, uKenaniya intloko yabo bathwala ityeya kunye neemvumi. UDavide wayenxibe ne-efodi yelinen.+ 28 Onke amaSirayeli ayenyusa ityeya yesivumelwano* kaYehova ekhwaza evuya,+ ekhalisa uphondo, amaxilongo,+ amacangci, eyikhalisela phezulu imirhubhe neehadi.+
29 Kodwa yathi xa ifika ityeya yesivumelwano* kaYehova kwisiXeko SikaDavide,+ uMikali+ intombi kaSawule wakroba ngefestile, wajonga ezantsi wabona uKumkani uDavide etsiba-tsiba ebhiyoza, waza wamdelela entliziyweni yakhe.+