Eyesibini YeziKronike
21 UYehoshafati walala kookhokho bakhe waza wangcwatywa nookhokho bakhe kwisiXeko SikaDavide, yaye uYehoram unyana wakhe waba ngukumkani endaweni yakhe.+ 2 Abantakwabo, oonyana bakaYehoshafati, yayinguAzariya, uYehiyeli uZekariya, uAzariya, uMikayeli noShefatiya. Bonke aba yayingoonyana bakaKumkani uYehoshafati wakwaSirayeli. 3 Utata wabo wayebanike izipho ezininzi zesilivere nezegolide, izinto ezixabisekileyo nezixeko ezikhuselekileyo zakwaYuda,+ kodwa ubukumkani wabunika uYehoram,+ kuba wayelizibulo.
4 Uthe uYehoram akubuthathela kuye ubukumkani bukatata wakhe, wasiqinisa isikhundla sakhe ngokubulala bonke abantakwabo+ ngekrele, nezinye iinkosana zakwaSirayeli. 5 UYehoram waba ngukumkani xa wayeneminyaka eyi-32, ibe walawula eYerusalem iminyaka esibhozo.+ 6 Wenza izinto ezazisenziwa ngookumkani bakwaSirayeli,+ kanye njengokuba benzayo abendlu ka-Ahabhi, kuba watshata intombi ka-Ahabhi,+ yaye waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova. 7 Kodwa ngenxa yesivumelwano awayesenze noDavide, uYehova akazange afune ukuyitshabalalisa indlu kaDavide,+ kuba wayethembise ukuba uza kuhlala enika uDavide noonyana bakhe isibane.+
8 Ngemihla yakhe, uEdom wajikela uYuda+ waza wazikhethela owakhe ukumkani.+ 9 Ngoko ke, uYehoram neenkumanda zakhe, bawela nazo zonke iinqwelo zakhe, waza wavuka ngobusuku waxabela amaEdom awayemngqongile neenkumanda zeenqwelo. 10 Kodwa iEdom iye yaqhubeka imjikela uYuda de kube namhlanje. NeLibhena+ yamjikela ngelo xesha, kuba wayemshiyile uYehova uThixo wookhokho bakhe.+ 11 Wayenze neendawo eziphakamileyo+ kwiintaba zakwaYuda, ukuze enze abahlali baseYerusalem bangathembeki kuThixo,* ibe wamwexula uYuda.
12 Ekugqibeleni kwafika kuye umyalezo obhaliweyo ovela kuEliya+ umprofeti, esithi: “Uthi uYehova uThixo kaDavide ukhokho wakho, ‘Awuhambanga ngeendlela zikaYehoshafati+ utata wakho okanye ngeendlela zikaKumkani uAsa+ wakwaYuda. 13 Kodwa uhamba ngendlela yookumkani bakwaSirayeli+ yaye ubangela uYuda nabahlali baseYerusalem bangathembeki kuThixo*+ ngendlela eyayingathembekanga ngayo indlu ka-Ahabhi,+ yaye ude wabulala nabantakwenu+ abayintsapho katata wakho, nababengcono kunawe. 14 Ngoko ke, uYehova uzisa isibetho esikhulu kubantu bakho, koonyana bakho, kubafazi bakho nakuzo zonke izinto zakho. 15 Uza kugula zizifo ezininzi, nesifo samathumbu, ade athi phuhlu ngaphandle yonke imihla, ngenxa yeso sifo.’”
16 Emva koko uYehova waphembelela+ amaFilisti*+ nama-Arabhu+ awayengakwicala lamaTiyopiya, ukuba alwe noYehoram. 17 Ngoko amhlasela uYuda, atyhoboza, aza azibutha zonke izinto ezazisendlini kakumkani,+ oonyana bakhe nabafazi bakhe. Kwashiyeka nje uYehowahazi,*+ unyana wakhe omncinci. 18 Emva kwayo yonke le nto, uYehova wambetha emathunjini ngesifo esinganyangekiyo.+ 19 Ekuhambeni kwexesha, ekupheleni kweminyaka emibini, amathumbu akhe athi phuhlu ngaphandle ngenxa yesifo sakhe, ibe wafa egula kabuhlungu sisifo sakhe, yaye abantu bakhe zange bambasele umlilo ukuze babonise imbeko njengokuba babesenza kookhokho bakhe.+ 20 Wayeneminyaka eyi-32 xa waba ngukumkani, yaye walawula iminyaka esibhozo eYerusalem. Akukho mntu wakhathazekayo ngokufa kwakhe. Bamngcwaba kwisiXeko SikaDavide,+ kodwa kungekhona kwindawo yokungcwaba ookumkani.+