Eyesibini KwabaseKorinte
13 Ngoku kokwesithathu ndisiza kuni. “Ukuze kwaziwe ukuba into yinyani okanye bubuxoki, makubekho amangqina amabini okanye amathathu.”+ 2 Nangona ndingekho apho ngoku, kodwa kuyafana nokungathi ndilapho okwesibini, yaye ndibalumkisa kwangoku abo baye bona nabo bonke abanye, ndisithi ukuba ndikhe ndaphinda ndafika apho andizukuba nanceba kubo, 3 kuba nina nifuna ubungqina bokuba uKristu uyandisebenzisa ukuze ndithethe nani. Yena akakho buthathaka kuni kodwa unamandla phakathi kwenu. 4 Kaloku wabulawa esibondeni ngenxa yobuthathaka, kodwa uyaphila ngenxa yamandla kaThixo.+ Ewe kona sibuthathaka njengaye, kodwa siza kuphila naye+ ngenxa yamandla kaThixo asebenzayo ebomini benu.+
5 Hlalani nizihlola ukuba nisenalo na ukholo, hlalani nizihlola ukuba ningabantu abanjani.+ Okanye aniyiboni na into yokuba uYesu Kristu umanyene nani? Ngaphandle kokuba anisafaneleki. 6 Thina ke sisafaneleka kuThixo, ndiyathemba ukuba niyayiqonda loo nto.
7 Siyathandaza kuThixo ukuba ningenzi nto imbi, yaye injongo ayikokuba sifuna abanye basibone sifanelekile, kodwa sifuna nenze izinto ezilungileyo, nokuba thina basibona singafanelekanga. 8 Kuba asinakwenza nto ephikisana nenyaniso, kodwa senza izinto ezivumelana nayo. 9 Sivuya nyhani xa thina singenamandla kodwa nina ninawo. Sithandazela nokuba nilungiswe. 10 Yiloo nto ndibhala ezi zinto ngoku ndingekho apho, ukuze xa ndikho, ndingalisebenzisi ngokungqongqo igunya endalinikwa yiNkosi,+ kunoko ndakhe kodwa ndingachithi.
11 Okokugqibela, bazalwana, qhubekani nivuya, nilungiswa, nithuthuzelwa,+ nicinga ngokuvumelanayo,+ nihlala ngoxolo;+ yaye uThixo onothando nonika uxolo+ uza kuba nani. 12 Bulisanani ngokuphuzana.* 13 Bayanibulisa bonke abangcwele.
14 Kwanga iNkosi uYesu Kristu inganenzela ububele,* uThixo anithande nize nisikelelwe nangomoya oyingcwele.