Kubalisa uMarko
4 UYesu waphinda wafundisa ngaselwandle, kwaza kweza kuye abantu abaninzi. Wakhwela isikhephe wahlala kuso, sangena kancinci elwandle, kodwa bona abantu babeme elunxwemeni.+ 2 Ngoko wabafundisa izinto ezininzi esebenzisa imizekelo,+ esithi:+ 3 “Mamelani. Kukho umntu owahamba wayokuhlwayela.*+ 4 Njengoko wayehlwayela, enye imbewu yawela ecaleni kwendlela, kweza iintaka zayitya. 5 Enye yawela endaweni enamatye apho kwakungekho mhlaba mninzi, yaza yakhawuleza yantshula kuba umhlaba wawungekho nzulu.+ 6 Kodwa kuthe kwakuphuma ilanga, yatsha yaza yabuna kuba ingenazingcambu. 7 Enye imbewu yawela phakathi kwameva, akhula ameva, ayiminxa yaza ayavelisa siqhamo.+ 8 Kodwa enye yawela kumhlaba otyebileyo, yakhula yaza yanda, yavelisa iziqhamo ngokuphindwe kayi-30, kayi-60 nangokuphindwe kayi-100.”+ 9 Wongezelela wathi: “Lowo uneendlebe zokumamela, makamamele.”+
10 Uthe uYesu akuba yedwa, abo babemngqongile kunye nabapostile bakhe abayi-12 bambuza ngaloo mizekelo.+ 11 Wathi kubo: “Nina nincediwe nacacelwa ziimfihlo ezingcwele+ ezingoBukumkani bukaThixo, kodwa abanye abantu ndibafundisa ngemizekelo,+ 12 ukuze, nangona bejongile, bangaboni, ibe nangona besiva, bangacacelwa; yaye abasoze babuyele kuThixo baze baxolelwe.”+ 13 Kwakhona wathi kubo: “Ukuba aniwuqondi lo mzekelo, niza kuyiqonda njani yonke eminye?
14 “Lo mntu uhlwayelayo uhlwayela ilizwi.+ 15 Abanye abantu banjengembewu ewa ecaleni kwendlela, baze bathi nje bakuba belivile ilizwi, uSathana afike+ alithathe.+ 16 Abanye banjengembewu ehlwayelwe kwindawo enamatye. Bakuba nje belivile ilizwi, bayalamkela bevuya,+ 17 kodwa babe bengenazingcambu; ngoko bayaqhubeka okwexeshana, bathi nje bakuva iintlungu okanye batshutshiswe ngenxa yelizwi, baphelelwe lukholo. 18 Kukho nabo banjengembewu ehlwayelwe phakathi kwameva. Aba ngabo baye baliva ilizwi,+ 19 kodwa amaxhala+ eli hlabathi,* ukuqhathwa kukufuna ubutyebi,+ nazo zonke ezinye izinto,+ kungena entliziyweni kuze kuliminxe ilizwi, aze loo mntu angavelisi siqhamo. 20 Ekugqibeleni, abo banjengembewu ehlwayelwe kumhlaba otyebileyo, ngabo balimamelayo ilizwi, balamkele, baze bavelise isiqhamo ngokuphindwe kayi-30, kayi-60 nangokuphindwe kayi-100.”+
21 Waphinda wathi kubo: “Isibane asibekwa phantsi kwebhaskithi* okanye phantsi kwebhedi, andithi? Asixhonywa endaweni yaso na?+ 22 Kuba akukho nto ifihliweyo ingazukuvezwa, kungekho nanto igqunyiweyo ingazukutyhilwa.+ 23 Nabani na oneendlebe zokumamela, makamamele.”+
24 Waphinda wathi kubo: “Yimamelisiseni le nto niyivayo.+ Indlela eniqonda ngayo, ixhomekeke kwindlela enimamelisisa ngayo. Ukuba niyayenza loo nto, niza kutsho nicacelwe kakhulu. 25 Kuba lowo unento, uza kunikwa nenye,+ kodwa lowo ungenanto, kwanaloo ntwana anayo iza kuthathwa kuye.”+
26 UYesu waphinda wathi: “UBukumkani bukaThixo bufana naxa umntu etyala imbewu emhlabeni. 27 Uyalala ebusuku, avuke emini loo mbewu ihlumile yakhula yande, engayazi tu ukuba ihlume njani. 28 Kaloku umhlaba uvelisa isiqhamo ngokwawo: kuqala iba likhaba, ize ibe yimpontshane, ekugqibeleni ibe sisikhwebu esivuthiweyo. 29 Kodwa sithi nje sakuvuthwa, afake irhengqa, kuba ixesha lokuvuna lifikile.”
30 Waqhubeka wathi: “Singabufanisa nantoni uBukumkani bukaThixo, okanye singabuzekelisa ngantoni? 31 Bunjengokhozo lwemostade, oluba lolona luncinci kunazo zonke iimbewu ezikhoyo emhlabeni ngexesha lokutyalwa kwalo.+ 32 Kodwa xa sele lutyaliwe, lukhula lube lukhulu kunayo yonke imifuno, luvelise namasebe amakhulu, zize iintaka zifumane indawo yokuhlala phantsi komthunzi wawo.”
33 Wabafundisa ilizwi likaThixo esebenzisa imizekelo emininzi,+ ngokwamandla abo okuqonda. 34 Akukho nto wayeyithetha kubo engasebenzisi mizekelo, kodwa wayebacacisela yonke into abafundi bakhe xa bebodwa.+
35 Ngaloo mini, kwakuhlwa, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Masiweleleni kweliya cala lonxweme.”+ 36 Emva kokuba abafundi bethe abantu mabahambe, bemka naye ngesikhephe, ibe kwakukho nezinye izikhephe ezazihamba naye.+ 37 Kwavela isaqhwithi esikhulu, amaza entlaleka esikhepheni, kangangokuba isikhephe saphantse sagcwala ngamanzi.+ 38 Kodwa wayesemva, elele phezu komqamelo. Ngoko bamvusa baza bathi kuye: “Mfundisi, awuyikhathalelanga na into yokuba siza kufa?” 39 Bathi bakutsho wavuka wawungxolisa umoya waza wathi kulwandle: “Yithi tu! Uzole!”+ Wayeka ukuvuthuza umoya, kwazola kakhulu. 40 Ngoko wathi kubo: “Kutheni nisoyika kangaka nje? Aninalukholo na?” 41 Kodwa boyika kakhulu, bebuzana besithi: “Ngubani kanye kanye lo, ode athotyelwe ngumoya nalulwandle?”+