Eyokuqala Eya KwabaseKorinte
2 Ngoko bazalwana, xa ndafika kuni ndize kunixelela imfihlelo engcwele+ kaThixo, andizange ndithethe amagama anzima+ okanye ndiqhayise ngobulumko. 2 Kuba ndagqiba ekubeni ndingazi nto xa ndiphakathi kwenu, ngaphandle koYesu Kristu nokubethelelwa kwakhe esibondeni.+ 3 Ukufika kwam apho ndandingomelelanga, ndisoyika yaye ndingcangcazela kakhulu; 4 Xa ndithetha naxa ndishumayela ndandingacikozi njengabantu abazizilumko, kodwa izinto endandizithetha zazibonakalisa amandla omoya oyingcwele,+ 5 ukuze nibe nokholo kumandla kaThixo, kungekhona kubulumko babantu.
6 Ngoko ke sithetha ngobulumko kubantu abanokholo olomeleleyo,+ kodwa asithethi ngobulumko beli hlabathi,* okanye obabalawuli balo abaza kutshabalala.+ 7 Sithetha ngobulumko bukaThixo obuyimfihlelo engcwele,+ ubulumko obufihliweyo, obamiselwa nguThixo kwangaphambi kwezinto ezenziwe ngabantu, ukuze sizukiswe. 8 Akukho namnye kubalawuli beli hlabathi* owabaziyo obu bulumko,+ kuba ukuba babebazi, babengazukuyibulala* iNkosi ezukileyo. 9 Kodwa kanye njengokuba kubhaliwe: “Amehlo awabonanga, iindlebe azivanga, neentliziyo zabantu azikhange ziziqonde izinto uThixo azilungiselele abo bamthandayo.”+ 10 UThixo uzityhilele thina+ ngomoya wakhe,+ kuba umoya uhlolisisa zonke izinto, kwanezinto ezinzulu zikaThixo.+
11 Ukhona na umntu onokuzazi izinto ezicingwa ngomnye umntu? Hayi, kuba zaziwa yintliziyo yakhe yodwa.* Ngendlela efanayo ke, akakho umntu ozaziyo izinto zikaThixo, ngaphandle komoya kaThixo. 12 Thina asizange samkele umoya wehlabathi, kodwa samkela umoya kaThixo,+ ukuze sizazi izinto uThixo asinike zona ngobubele. 13 Ezi zinto asizithethi ngamazwi esiwafundiswa ngobulumko babantu,+ kodwa ngamazwi esiwafundiswa ngobulumko bomoya kaThixo,+ njengoko sicacisa izinto zikaThixo ngamazwi esiwafundiswe ngumoya kaThixo.
14 Kodwa umntu olandela iminqweno yakhe akazamkeli izinto zomoya kaThixo, kuba zibubudenge kuye; yaye akasoze azazi, kuba umntu kufuneka abe nomoya kaThixo ukuze azihlolisise. 15 Yena umntu okhokelwa ngumoya kaThixo uzihlolisisa zonke izinto,+ kodwa yena akukho mntu umhlolisisayo. 16 Kuba “ngubani ozaziyo izinto ezicingwa nguYehova, ukuze amyalele?”+ Kodwa thina sicinga njengoKristu.+