12 Oyithandayo ingqeqesho uthanda ulwazi,+
Kodwa osicaphukelayo isohlwayo akayisebenzisi ingqondo.+
2 Umntu olungileyo uyathandwa nguYehova,
Kodwa uyamcaphukela umntu oceba inkohlakalo.+
3 Akakho umntu onokukhuselwa bububi,+
Kodwa amalungisa awasoze agungqiswe.
4 Umfazi olungileyo usisithsaba endodeni yakhe,+
Kodwa umfazi owenza izinto eziziintloni unjengokubola emathanjeni ayo.+
5 Iingcinga zamalungisa zilungile,
Kodwa amacebiso abenzi-bubi ayalahlekisa.
6 Amazwi abenzi-bubi alalela ngenjongo yokubulala,+
Kodwa umlomo wamalungisa uyawasindisa.+
7 Xa abenzi-bubi bebhukuqwa, kuphelile ngabo,
Kodwa indlu yamalungisa iza kuhlala imile.+
8 Uyadunyiswa umntu ocingayo ngaphambi kokuba athethe,+
Kodwa onentliziyo egqwethekileyo ujongelwa phantsi.+
9 Ungcono umntu ojongelwa phantsi kodwa enesicaka
Kunomntu ozenza bhetele kodwa engenakutya.+
10 Ilungisa liziphatha kakuhle izilwanyana zalo zasekhaya,+
Kodwa bona abenzi-bubi, nkqu nenceba yabo inenkohlakalo.
11 Owulimayo umhlaba wakhe uya kwanela kukutya,+
Kodwa oleqa izinto ezingenaxabiso akayisebenzisi ingqondo.
12 Umenzi-bubi unqwenela ingeniso yabakhohlakeleyo,
Kodwa ingcambu yamalungisa ivelisa isiqhamo.
13 Umntu okhohlakeleyo ubanjiswa kwangamazwi akhe esono,+
Kodwa ilungisa liyasinda ekukhathazekeni.
14 Ngesiqhamo samazwi akhe umntu uyanela kokulungileyo,+
Ibe uza kufumana umvuzo ngomsebenzi wezandla zakhe.
15 Indlela yesidenge ilungile emehlweni aso,+
Kodwa sona isilumko siyalamkela icebiso.+
16 Isidenge sizibonakalisa kwangoko xa sicaphukile,+
Kodwa umntu osisilumko akasihoyi isithuko.
17 Ingqina elinyanisekileyo lithetha inyani,
Kodwa ingqina elixokayo lithetha ubuxoki.
18 Amazwi omntu othetha engacinganga ahlaba okwekrele,
Kodwa ulwimi lwezilumko luyaphilisa.+
19 Imilebe ethetha inyaniso iza kuhlala ngonaphakade,+
Kodwa ulwimi oluxokayo luza kuhlala nje umzuzwana.+
20 Abo baneentliziyo ezinenkohliso baceba ububi,
Kodwa abo bakhuthaza uxolo bonwabile.+
21 Ilungisa alizukwehlelwa yinto embi,+
Kodwa abenzi-bubi baza kuthwaxwa ziinkathazo.+
22 UYehova uyayicaphukela imilebe exokayo,+
Kodwa uyabathanda abo bathembekileyo.
23 Umntu osisilumko uyayifihla into ayaziyo,
Kodwa intliziyo yesidenge ibhenca ubudenge baso.+
24 Isandla sabakhutheleyo siza kulawula,+
Kodwa izandla zamavila ziza kuphelela ebukhobokeni.+
25 Amaxhala ayayityhafisa intliziyo yomntu,+
Kodwa ilizwi elilungileyo liyayidlamkisa.+
26 Ilungisa liyawahlola amadlelo alo,
Kodwa indlela yabenzi-bubi iyabalahlekisa.
27 Umntu owonqenayo akayileqi inyamakazi,+
Kodwa ukukhuthala kububutyebi obuxabisekileyo emntwini.
28 Indlela yobulungisa ikhokelela ebomini;+
Akukho kufa endleleni yabo.