Yeremiya
“Akanabo na oonyana uSirayeli?
Akanayo na indlalifa?
Kutheni uMalekam+ ethathe umhlaba wakwaGadi?+
Kutheni abantu bakhe behlala kwizixeko zakwaSirayeli?”
2 “‘Ngoko ke jonga! kuza imihla,’ utsho uYehova,
‘Endiza kuhlaba ngayo umkhosi* ukuze ndihlasele iRabha+ yama-Amoni.+
Iza kuba yindulana etshabaleleyo,
Needolophu eziphantsi kwayo* ziza kutshiswa ngomlilo.’
‘Kwaye uSirayeli uza kuthatha umhlaba wabo bathathe umhlaba wakhe,’+ utsho uYehova.
3 ‘Yenza isijwili Heshbhon, kuba iAyi itshatyalalisiwe!
Khwazani nina zidolophu eziphantsi kweRabha.
Bhinqani amalaphu okwenza ingxowa.
Yenzani isijwili nize nizulazule phakathi kwezibaya zamatye,*
Kuba uMalekam uza kuya ekuthinjweni,
Nababingeleli bakhe neenkokheli zakhe.+
4 Kutheni uqhayisa ngeentlambo,*
Intlambo yakho echumileyo, wena ntombi ingathembekanga,
Ethembele ngobutyebi bayo
Wena othi: “Ngubani onokundihlasela?”’”
5 “‘Jonga, ndikuzisela intlekele,’ itsho iNkosi enguMongami, uYehova wemikhosi,
‘Sivela kwabo bakujikelezileyo.
Uza kuthi saa kwindawo yonke,
Kungabikho mntu uqokelela ababalekayo.’”
6 “‘Kodwa emva koko ndiza kubaqokelela abathinjwa abangama-Amoni,’ utsho uYehova.”
7 Uthi uYehova wemikhosi ngoEdom:
“Abusekho na ubulumko kwaTeman?+
Litshabalele na icebiso kwabo bazizilumko?
Buye babola na ubulumko babo?
8 Balekani! Rhoxani!
Hambani niyokuhlala kwiindawo ezisezantsi, yhini bantu bakwaDedan!+
Kuba ndiza kuzisa intlekele kuEsawu
Xa lifika ixesha lokuba ndilwe naye.
9 Ukuba bekufike abavuni beediliya kuwe,
Bebengazukuzishiya na ezinye ukuze zichola-cholwe?
Ukuba bekufike amasela ngobusuku,
Ebeza konakalisa kuphela loo nto afuna ukuyonakalisa.+
10 Kodwa mna ndiza kumhluba abe ze uEsawu.
Ndiza kuzityhila iindawo zakhe ezifihlakeleyo,
Ukuze angakwazi kuzifihla.
11 Shiya abantwana bakho abangenatata,
Mna ndiza kubakhusela,
Nabahlolokazi bakho baza kuthembela kum.”
12 Kuba uthe uYehova: “Jonga! Ukuba abo bangagwetywanga bamele bawuve umsindo wam, ucinga ukuba wena uza kuyekwa ungohlwaywa? Awuzuyekwa tu, uza kohlwaywa.”+
13 “Kuba ndifunge ngam,” utsho uYehova, “ukuba iBhotsera iza kuba yinto eyoyikekayo, into yokuhlekisa,+ indawo etshatyalalisiweyo nento eqalekisiweyo; nazo zonke izixeko zayo ziza kutshatyalaliswa zingaphinde zibekho.”+
14 Ndive ingxelo evela kuYehova,
Kuthunyelwe umthunywa ezintlangeni ukuba athi:
“Qokelelanani nize nilwe nayo,
Lungiselelani ukulwa.”+
16 Ukoyikwa kwakho,
Nokukhukhumala kwentliziyo yakho kukuqhathile,
Wena uhlala kwiindawo zokuzimela ezingamawa,
Wena uhleli kweyona nduli iphakamileyo.
Nangona usakha indlwane yakho phezulu njengokhozi,
Ndiza kukuhlisa apho,” utsho uYehova.
17 “UEdom umele abe yinto eyoyikekayo.+ Wonke umntu odlula ngakuye uza kujonga esoyika aze abethe umlozi ngenxa yazo zonke izibetho zakhe. 18 Kanye njengokubhukuqwa kweSodom neGomora needolophu ezikufutshane,”+ utsho uYehova, “akukho mntu uza kuhlala apho, yaye akukho mntu uza kuzinza apho.+
19 “Jonga! Kukho umntu oza kulwa namadlelo akhuselekileyo kanye njengengonyama+ ephuma kumatyholo ashinyeneyo angaseYordan, kodwa ngephanyazo ndiza kumenza abaleke emke kwaEdom, ndize ndibeke lowo ukhethiweyo abe ngumlawuli wayo. Kuba ngubani onjengam, ingubani onokumelana nam? Nguwuphi umalusi onokuma phambi kwam?+ 20 Ngoko ke simameleni madoda isigqibo sikaYehova* ngoEdom, nento ayicingayo ngabemi bakwaTeman:+
Nakanjani abancinci bomhlambi baza kurhuqelwa kude.
Ngenxa yabo uza kuyitshabalalisa indawo yabo yokuhlala.+
21 Xa kuvakala isandi sokuwa kwabo, umhlaba uqalisile ukunyikima.
Kukho isikhalo!
Isandi sivakele ukuyokutsho kuLwandle Olubomvu.+
22 Jonga! Kanye njengokhozi uza kunyuka aze ehle,+
Yaye uza kuwolula amaphiko akhe phezu kweBhotsera.+
Ngaloo mini intliziyo yamakroti akwaEdom
Iza kuba njengentliziyo yomfazi obelekayo.”
“IHamati+ neArpadi zihlazisiwe,
Kuba zive ingxelo embi.
Ziyanyibilika kukoyika.
Elwandle kukho ixhala elingenakuthotywa.
24 IDamasko iphelelwe sisibindi.
Ijikile ukuze ibaleke, kodwa iyaphakuzela.
Iphethwe yintlungu nenkxwaleko,
Njengomfazi obelekayo.
25 Kutheni singashiywanga isixeko sendumiso,
Idolophu eyonwabileyo?
26 Kuba abafana bayo baza kuwa kwiindawo zikawonke-wonke,
Nawo onke amajoni aza kutshabalala ngaloo mini,” utsho uYehova wemikhosi.
27 “Ndiza kuzifaka umlilo iindonga zaseDamasko,
Kwaye uza kuziqwenga iinqaba zokuhlala zikaBhen-hadadi.”+
28 Uthi uYehova ngeKedare+ nezizwe zaseHatsore, awazixabelayo uKumkani uNebhukadenetsare* waseBhabhiloni:
“Nyukani niye eKedare,
Nize nitshabalalise oonyana baseMpuma.
29 Iintente zabo nemihlambi yabo iza kuthathwa,
Amalaphu abo eentente nazo zonke izinto zabo.
Neenkamela zabo ziza kuthathwa.
Baza kubakhalela bathi, ‘Wonke umntu uyoyika!’”
30 “Balekani, yiyani kude!
Hambani niyokuhlala kwiindawo ezisezantsi, nina bemi baseHatsore,” utsho uYehova.
“Kuba uKumkani uNebhukadenetsare* waseBhabhiloni ucebe iqhinga ngani,
Yaye ucinge icebo ngani.”
31 “Nyukani niyokulwa nohlanga oluhleli ngoxolo,
Uhlanga olukhuselekileyo!” utsho uYehova.
“Alunazingcango okanye mivalo; luhleli lodwa.
32 Iinkamela zalo nemihlambi yalo iza koxuthwa.
Ndiza kuluchitha-chitha macala onke,
33 “IHatsore iza kuba yindawo yoodyakalashe,
Indawo etshatyalaliswe umphelo.
Akukho mntu uza kuhlala apho,
Yaye akukho mntu uza kuzinza kuyo.”
34 Nali ilizwi likaYehova elafika kumprofeti uYeremiya lithetha ngoElam+ ekuqaleni kolawulo lukaKumkani uZedekiya+ wakwaYuda: 35 “Uthi uYehova wemikhosi, ‘Yabona, ndiyasophula isaphetha sikaElam,+ umthombo wamandla* akhe. 36 UElam ndiza kumzisela imimoya emine evela kwiziphelo ezine zamazulu, kwaye ndiza kumsasazela kuyo yonke le mimoya. Akukho hlanga bangazi kufika kulo abo bachithachithiweyo bakaElam.’”
37 “Ndiza kuwophula amaElam phambi kweentshaba zawo naphambi kwabo bafuna ubomi bawo; ndiza kuwazisela intlekele, umsindo wam,” utsho uYehova. “Yaye ndiza kuthumela ikrele kuwo de ndiwatshabalalise.”
38 “Ndiza kuyibeka kwaElam itrone yam,+ kwaye ndiza kutshabalalisa apho ukumkani neenkosana,” utsho uYehova.
39 “Kodwa ekupheleni kwemihla, ndiza kubaqokelela abathinjiweyo bakwaElam,” utsho uYehova.