Eyokuqala YooKumkani
8 Ngelo xesha uSolomon wabiza+ abadala bakwaSirayeli, zonke iintloko zezizwe, neenkosi zezindlu zakwaSirayeli.+ Beza kuKumkani uSolomon eYerusalem, ukuze bazise ityeya yesivumelwano kaYehova kwisiXeko SikaDavide+ eZiyon.+ 2 Onke amadoda akwaSirayeli adibana phambi koKumkani uSolomon ngexesha letheko,* ngenyanga kaEtanim,* oko kukuthi, inyanga yesixhenxe.+ 3 Beza bonke abadala bakwaSirayeli, nababingeleli bayithatha iTyeya.+ 4 Bayinyusa iTyeya kaYehova, intente yokuhlangana+ nazo zonke iimpahla ezingcwele ezazisententeni. Bazinyusa ke ababingeleli nabaLevi. 5 UKumkani uSolomon nalo lonke ibandla lakwaSirayeli elalibiziwe ngukumkani, babephambi kweTyeya. Iigusha neenkomo ezazibingelelwa zazininzi+ kangangokuba zazingenakubalwa.
6 Emva koko ababingeleli bazisa ityeya kaYehova yesivumelwano* endaweni yayo,+ kwelona gumbi lingaphakathi endlini, eYona Ngcwele, phantsi kwamaphiko eekherubhi.+
7 Ayethe naa amaphiko eekherubhi ada ogquma indawo eyayikuyo iTyeya neepali zayo.+ 8 Ezi pali+ zazinde kangangokuba iincam zazo zazibonakala xa ukwiNgcwele, ngaphambi kwelona gumbi lingaphakathi, kodwa zazingabonakali xa ungaphandle. Ziselapho nanamhlanje. 9 Kule Tyeya kwakukho kuphela amacwecwe amabini amatye+ awayefakwe nguMoses+ eHorebhe, xa uYehova wenza isivumelwano+ namaSirayeli ukuphuma kwawo kwilizwe laseYiputa.+
10 Xa ababingeleli baphumayo kwindawo engcwele, indlu kaYehova yazaliswa+ lilifu.+ 11 Ababingeleli abazange bakwazi ukusebenza ngenxa yelo lifu, kuba indlu kaYehova yayizaliswe luzuko lukaYehova.+ 12 Ngelo xesha uSolomon wathi: “UYehova uthe uza kuhlala kwingqimba yelifu.+ 13 Ndiphumelele ekukwakheleni ipomakazi lendlu, indawo yakho yokuhlala ngonaphakade.”+
14 Ukumkani wajika, walisikelela lonke ibandla lamaSirayeli, ngoxa onke ayemile.+ 15 Wathi: “Makadunyiswe uYehova uThixo kaSirayeli, lowo wathembisa uDavide utata ngowakhe umlomo, noye wasenza saphumelela eso sithembiso ngesakhe isandla esithi, 16 ‘Ukususela ngemini endabakhupha ngayo abantu bam amaSirayeli eYiputa, andizange ndikhethe sixeko sakwakhela igama lam indlu nakwisizwe esinye sakwaSirayeli,+ kodwa ndiye ndakhetha uDavide ukuba aphathe abantu bam amaSirayeli.’ 17 Utata wam uDavide wayekufuna ngentliziyo yakhe yonke ukwakhela igama likaYehova uThixo kaSirayeli indlu.+ 18 Kodwa uYehova wathi kuDavide utata, ‘Wawufuna ngentliziyo yakho yonke ukulakhela indlu igama lam, ibe yinto entle kakhulu leyo. 19 Kodwa ke, awuzukuyakha ngokwakho, ngunyana oza kumzala* oza kulakhela indlu igama lam.’+ 20 UYehova uyenzile into awayithembisayo, kuba ndiye ndangena ezihlangwini zikaDavide utata, ibe ndim ohleli etroneni yakwaSirayeli, kanye njengokuba uYehova wayethembisile. Kwakhona, ndiye ndalakhela indlu igama likaYehova uThixo kaSirayeli,+ 21 ndaza ndenza nendawo yokubeka iTyeya enesivumelwano+ esenziwa nguYehova nookhokho bethu xa wabakhupha kwilizwe laseYiputa.”
22 Emva koko uSolomon wema phambi kwesibingelelo sikaYehova, phambi kwalo lonke ibandla lamaSirayeli, waphakamisela izandla zakhe ezulwini,+ 23 wathi: “Owu Yehova Thixo kaSirayeli, akukho Thixo unjengawe+ emazulwini okanye emhlabeni, obambelela kwisivumelwano nobathanda ngokungagungqiyo+ abakhonzi bakhe abahamba phambi kwakhe ngentliziyo yabo yonke.+ 24 Uye wasigcina isithembiso owasenza kumkhonzi wakho uDavide utata. Wathembisa ngomlomo wakho, ibe uye wayenza loo nto.+ 25 Ngoku ke Yehova Thixo kaSirayeli, sigcine isithembiso owasenza kumkhonzi wakho uDavide utata, xa wathi: ‘Kuza kuhlala kukho indoda ephuma kumnombo wakho, ehleli etroneni kaSirayeli, kuphela ukuba oonyana bakho bayayijonga indlela abahamba ngayo phambi kwam, kanye njengokuba wena uye wenza.’+ 26 Ngoku ke Thixo kaSirayeli, ndicela uyenze into owayithembisa umkhonzi wakho uDavide utata.
27 “Kodwa ngaba nyhani uThixo angahlala emhlabeni?+ Jonga! Amazulu, nditsho nezulu lamazulu, alikulingenanga,+ kobekisela phi ke kule ndlu ndiyakhileyo!+ 28 Ngoku ndicela umamele umthandazo womkhonzi wakho nesicelo sakhe senceba, yhini Yehova Thixo wam, futhi ummamele xa ekhalela uncedo, umamele nalo mthandazo umkhonzi wakho awenza phambi kwakho namhlanje. 29 Kwanga amehlo akho angaba phezu kwale ndlu ubusuku nemini, kule ndawo wathi ngayo, ‘Igama lam liza kuba lapho,’+ ukuze umamele umthandazo owenziwa ngumkhonzi wakho ngale ndawo.+ 30 Uze ummamele umkhonzi wakho xa ecela inceba, nabantu bakho amaSirayeli xa bethandaza bejonge kwicala ekulo le ndawo, yaye kwanga ungeva ukwindawo ohlala kuyo emazulwini,+ kwanga ungeva uze ubaxolele.+
31 “Xa umntu esona omnye umntu, kuze kufuneke enze isifungo esimbophelelayo,* athi ephantsi kweso sifungo* eze phambi kwesibingelelo sakho kule ndlu,+ 32 kwanga ungasiva usemazulwini, ungenelele uze ubagwebe abakhonzi bakho ngokumbeka ityala umenzi-bubi, umgwebe ngento ayenzileyo, nangokumvakalisa engenatyala* olilungisa, uze umvuze ngobulungisa bakhe.+
33 “Xa abantu bakho amaSirayeli besoyiswa lutshaba kuba beye baqhubeka bekona,+ baze babuyele kuwe, balizukise igama lakho,+ bathandaze bekucenga kule ndlu ukuba ubenzele inceba,+ 34 kwanga ungeva usemazulwini, usixolele isono sabantu bakho amaSirayeli uze ubabuyisele kumhlaba owawunika ookhokho babo.+
35 “Xa amazulu evaliwe kuze kungabikho mvula+ ngenxa yokuba beye baqhubeka bekona,+ baze bathandaze bejonge kwicala ekulo le ndawo, bezukisa igama lakho, baze basiyeke isono sabo kuba uye wabathoba,*+ 36 kwanga ungeva usemazulwini uze usixolele isono sabakhonzi bakho, abantu bakho amaSirayeli, kuba uza kubafundisa+ indlela elungileyo abafanele bahambe ngayo. Uze uzise imvula kwilizwe lakho+ olinike abantu bakho laba lilifa labo.
37 “Ukuba kubakho indlala kweli lizwe,+ okanye isifo esingubhubhani, ukutshaza kwezityalo, ukungunda,+ ibubu leenkumbi, neenkumbi* ezitshabalalisayo, okanye ukuba bahlaselwa lutshaba lwabo nakweliphi na kumazwe abo,* okanye babethwe naluluphi na uhlobo lwesibetho nesifo,+ 38 nawuphi na umthandazo, nasiphi na isicelo senceba+ esenziwa nguye nabani na, okanye ngabantu bakho bonke, uSirayeli (kuba saziwa ngumntu ngamnye isibetho sentliziyo yakhe),+ baze bazolulele ngakule ndlu izandla zabo, 39 kwanga ungeva usemazulwini, kwindawo ohlala kuyo,+ uze ubaxolele,+ futhi ungenelele, ubuyekeze ngamnye ngokweendlela zakhe zonke,+ kuba uyayazi intliziyo yakhe (nguwe kuphela oyazi kakuhle intliziyo yomntu ngamnye),+ 40 ukuze bakoyike yonke imihla abayiphila kweli lizwe walinika ookhokho bethu.
41 “Nowasemzini ongasuki kubantu bakho amaSirayeli, osuka kwilizwe elikude ngenxa yegama lakho*+ 42 (kuba baza kuva ngegama lakho elikhulu,+ ngamandla esandla sakho nangengalo yakho eyoluliweyo), aze eze kuthandaza kule ndlu, 43 kwanga ungeva usemazulwini, kwindawo ohlala kuyo,+ uze umenzele loo nto akucela yona umntu wasemzini, ukuze zonke izizwana zomhlaba zilazi igama lakho zize zikoyike+ njengabantu bakho amaSirayeli, ukuze zazi ukuba le ndlu ndiyakhileyo ibizwe ngegama lakho.
44 “Ukuba abantu bakho baye balwa notshaba lwabo ngendlela obathume ngayo,+ baze bathandaze+ kuYehova bejonge kwicala esikulo isixeko osinyulileyo+ nendlu endiyakhele igama lakho,+ 45 wuve usemazulwini umthandazo wabo nokucela kwabo inceba, uze ubagwebele.
46 “Ukuba bayakona (kuba akukho mntu ungoniyo),+ bakucaphukise uze ubanikele kutshaba, bathinjelwe kwilizwe lotshaba elikufutshane okanye elikude,+ 47 baze babuyele ezingqondweni bekwilizwe abathinjelwe kulo,+ bakucenge+ becela inceba bekwilizwe labathimbi,+ besithi, ‘Sonile yaye simoshile, senze ububi,’+ 48 baze babuyele kuwe ngentliziyo yabo yonke+ nangomphefumlo* wabo wonke kwilizwe leentshaba zabo ezabathimbayo, bathandaze kuwe bejonge kwilizwe labo owalinika ookhokho babo, nakwisixeko osinyulileyo nendlu endiyakhele igama lakho,+ 49 uze uwuve usemazulwini, kwindawo ohlala kuyo,+ umthandazo wabo nokucela kwabo inceba, uze ubagwebele, 50 ubaxolele abantu bakho abakonileyo, uxolele nezinto ezimbi abakwenze zona. Uze ubenze basizelwe ngabantu ababathimbileyo, ibe baza kubasizela+ 51 (kuba bangabantu bakho nelifa lakho,+ owabakhupha eYiputa,+ kwiziko lokunyibilikisa intsimbi).+ 52 Kwanga amehlo akho angavuleka kwisicelo senceba somkhonzi wakho+ nakwisicelo senceba sabantu bakho amaSirayeli ngokubamamela nanini na bethetha nawe.*+ 53 Kuba wabakhetha balilifa lakho kuzo zonke izizwana zomhlaba,+ kanye njengokuba watshoyo kuMoses umkhonzi wakho xa wawukhupha ookhokho bethu eYiputa, Nkosi enguMongami Yehova.”
54 Wathi uSolomon akugqiba ukuthandaza kuYehova ecela inceba, waphakama phambi kwesibingelelo sikaYehova, apho wayeguqe khona, izandla zakhe eziphakamisele emazulwini.+ 55 Emva koko wema waza walisikelela lonke elo bandla lamaSirayeli ekhwaza, esithi: 56 “Makadunyiswe uYehova, oye wanika abantu bakhe amaSirayeli indawo yokuphumla, kanye njengokuba wayethembisile.+ Akukho nalinye ilizwi lesithembiso sakhe esilungileyo awasithembisa uMoses umkhonzi wakhe eliye alenzeka.+ 57 Kwanga uYehova uThixo wethu angaba nathi kanye njengokuba wayenookhokho bethu.+ Kwanga angangasilahli okanye asinikele umva.+ 58 Kwanga angayitsalela kuye intliziyo yethu,+ ukuze sihambe ezindleleni zakhe zonke size sigcine imiyalelo yakhe, imimiselo nezigwebo zakhe awayalela ookhokho bethu ukuba bazigcine. 59 Kwanga la mazwi endicenge ngawo inceba kuYehova angawakhumbula uYehova uThixo wethu imini nobusuku, ukuze amgwebele umkhonzi wakhe nabantu bakhe amaSirayeli suku ngalunye, 60 ukuze zonke izizwana zomhlaba zazi ukuba uYehova nguThixo wokwenene.+ Akakho omnye!+ 61 Ngoko ke khonzani uYehova uThixo wethu ngentliziyo epheleleyo+ ngokuhamba ngemithetho yakhe nangokuthobela imiyalelo yakhe njengokuba kunjalo namhlanje.”
62 Ngoko ukumkani naye wonke uSirayeli owayekunye naye benza umbingelelo omkhulu phambi koYehova.+ 63 USolomon wenzela uYehova umbingelelo wobuhlobo:+ Iinkomo eziyi-22 000 neegusha eziyi-120 000. Waba ke uyinikezele ngolo hlobo indlu kaYehova ukumkani nawo onke amaSirayeli.+ 64 Ngaloo mini ukumkani kwafuneka alenze ngcwele ibala elisesiphakathini seyadi, phambi kwendlu kaYehova, kuba wayeza kuwenzela apho umbingelelo otshiswayo, umnikelo wokutya namanqatha emibingelelo yobuhlobo, kuba isibingelelo sekopolo+ esiphambi koYehova sasisincinci kakhulu ukuba singawonela umbingelelo otshiswayo, umnikelo wokutya namanqatha+ ombingelelo wobuhlobo. 65 Ngelo xesha uSolomon wenza itheko,+ ekunye noSirayeli wonke, ibandla labantu elalisusela eLebho-hamati* ukuya kutsho kwiNtlambo YaseYiputa,+ bebhiyoza phambi koYehova uThixo wethu iintsuku eziyi-7, wongeza nezinye iintsuku eziyi-7, yaba ziintsuku eziyi-14 xa zizonke. 66 Ngosuku olulandelayo* wabakhulula abantu, baza bamnqwenelela iintsikelelo ukumkani, bagoduka bonwabile, iintliziyo zidada emafutheni ngenxa yezinto ezintle+ uYehova awayezenzele uDavide umkhonzi wakhe nabantu bakhe amaSirayeli.