Eyesibini YeziKronike
7 Ngoko uthe nje akugqiba ukuthandaza uSolomon,+ kwehla umlilo uvela emazulwini,+ wadla umnikelo otshiswayo nemibingelelo, lwaza uzuko lukaYehova lwagcwala indlu.+ 2 Ababingeleli abazange bakwazi ukungena endlini kaYehova kuba uzuko lukaYehova lwalugcwele indlu kaYehova.+ 3 Bonke abantu bakwaSirayeli babebukele xa kwakusihla umlilo, nozuko lukaYehova luphezu kwendlu, baza baqubuda phezu kwendlela egangathiweyo, babulela uYehova besithi, “kuba ulungile, uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.”
4 Ukumkani nabo bonke abantu babingelela kuYehova.+ 5 UKumkani uSolomon wabingelela ngeenkomo eziyi-22 000 nangeegusha eziyi-120 000. Waba ke ukumkani nabo bonke abantu bayinikezele ngolo hlobo indlu yoThixo wokwenene.+ 6 Ababingeleli babemi kwiindawo zabo ababesebenza kuzo, nabaLevi ababephethe izixhobo ezazikhaliswa xa kuculelwa uYehova benza ngolo hlobo.+ (UKumkani uDavide wayezenzele ukubulela kuYehova ezi zixhobo xa edumisa kunye nabo* esithi, “kuba uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.”) Ababingeleli babewakhalisela phezulu amaxilongo+ phambi kwabaLevi, wona amaSirayeli emile.
7 Emva koko uSolomon walenza ngcwele ibala elisesiphakathini seyadi, phambi kwendlu kaYehova, kuba wayeza kuwenzela apho umnikelo otshiswayo+ namanqatha emibingelelo yobuhlobo, kuba isibingelelo sekopolo+ awasenzayo uSolomon, sasingazukuwonela umbingelelo otshiswayo, umnikelo wokutya okuziinkozo+ namanqatha.+ 8 Ngelo xesha uSolomon wenza itheko iintsuku ezisixhenxe,+ ekunye noSirayeli wonke, ibandla labantu ababesusela eLebho-hamati* ukuyokutsho kwiNtlambo YaseYiputa.+ 9 Kodwa ngosuku lwesibhozo* baba nendibano engcwele,+ kuba ukunikezelwa kwesibingelelo babekwenze iintsuku ezisixhenxe netheko balenza iintsuku ezisixhenxe. 10 Ngosuku lwe-23 ngenyanga yesixhenxe, wabakhulula abantu bagoduka bonwabile,+ iintliziyo zidada emafutheni ngenxa yezinto ezintle uYehova awayezenzele uDavide, uSolomon nabantu bakhe amaSirayeli.+
11 Ngaloo ndlela uSolomon wayigqiba indlu kaYehova nendlu kakumkani,+ ibe yonke into intliziyo kaSolomon eyayifuna ukuyenza ngendlu kaYehova nendlu yakhe wayenza ngokuphumelelayo.+ 12 UYehova wabonakala kuSolomon+ ebusuku, wathi kuye: “Ndiwuvile umthandazo wakho, yaye ndizikhethele le ndawo ukuba ibe yindlu yam yokubingelela.+ 13 Xa ndivala amazulu kuze kungabikho mvula, naxa ndiyalela iintethe ukuba zilidle ziligqibe ilizwe nokuba ndithumela isifo esingubhubhani kubantu bam, 14 ukuba abantu bam ababizwa ngegama lam+ bayazithoba,+ bathandaze, bafune ubuso bam yaye babuye ezindleleni zabo ezimbi,+ mna ke ndiza kuva ndisemazulwini ndize ndisixolele isono sabo, ndiliphilise ilizwe labo.+ 15 Amehlo am aza kuvuleka neendlebe zam zimamelisise umthandazo owenziwa kule ndawo.+ 16 Ngoku ke ndikhethe le ndlu ndaza ndayenza ngcwele ukuze igama lam libe kuyo ngonaphakade,+ ibe amehlo am nentliziyo yam ziza kusoloko zilapho.+
17 “Ukuba wena uza kuhamba phambi kwam, kanye njengoDavide utata wakho, uyenze yonke into endikuyalele yona, uyithobele imithetho yam nezigwebo zam,+ 18 ndiza kuyimisela itrone yobukumkani bakho,+ kanye njengokuba ndandenze isivumelwano noDavide utata wakho+ ndathi, ‘Kuza kuhlala kukho indoda ephuma kumnombo wakho elawula uSirayeli.’+ 19 Kodwa ukuba niyajika nize niyishiye imithetho yam nemiyalelo yam endininike yona, nikhonze abanye oothixo nize niqubude kubo,+ 20 ndiza kumsusa neengcambu uSirayeli kumhlaba wam endamnika wona,+ ibe le ndlu endiyenze ngcwele ngenxa yegama lam, ndiza kuyilahla isuke phambi kwam, ndiyenze into yokuthukwa* nento yokugezelwa zizo zonke izizwana.+ 21 Le ndlu yona iza kuba ngamabhodlo. Wonke umntu odlula ngakuyo uza kuyijonga emangalisiwe,+ athi, ‘Kwakutheni ukuze uYehova enze le nto kweli lizwe nakule ndlu?’+ 22 Emva koko baza kuthi, ‘Kungenxa yokuba bamshiya uYehova+ uThixo wookhokho babo, owabakhupha kwilizwe laseYiputa,+ bamkela abanye oothixo, baqubuda kubo baza babakhonza.+ Yiyo le nto eye wabazisela yonke le ntlekele.’”+