Mika
Bambetha ngentonga esidleleni umgwebi wakwaSirayeli.+
Nangona umncinci gqitha ukuba ube phakathi kwamawaka akwaYuda,*
Kuwe ndiza kuphunyelwa ngulowo uza kuba ngumlawuli wakwaSirayeli,+
Omvelaphi yakhe isuka kumaxesha akudala, kwimihla yakudala.
3 Ngoko ke uza kuwalahla
De kube lixesha lokuba umfazi obelekayo abeleke.
Nabashiyekileyo kubantakwabo baza kubuyela kubantu bakwaSirayeli.
Kwaye baza kuhlala bekhuselekile,+
Kuba ngelo xesha ubukhulu bakhe buza kufikelela nakwezona ndawo zikude emhlabeni.+
Xa umAsiriya enokuhlasela ilizwe lethu aze anyathele kwiinqaba zethu,+
Siza kumvusela abalusi abasixhenxe, iinkosana* ezisibhozo ebantwini.
Yaye uza kusisindisa kumAsiriya,+
Xa ehlasela ilizwe lethu naxa enyathela kummandla wethu.
7 Abashiyekileyo bakaYakobi baza kuba phakathi kwezizwana ezininzi
Njengombethe ovela kuYehova,
Njengemvula phezu kotyani,
Engathembeli mntwini
Okanye engalindeli koonyana babantu.
8 Abashiyekileyo bakaYakobi baza kuba phakathi kweentlanga,
Phakathi kwezizwana ezininzi,
Njengengonyama phakathi kwezilwanyana zehlathi,
Njengethole lengonyama* phakathi kwemihlambi yeegusha,
Elingena phakathi kwayo lize linqakule, liqwenge,
Kwaye akukho mntu uyisindisayo.
9 Baza kuzoyisa iintshaba zabo,
Zonke ziza kutshatyalaliswa.”
10 UYehova uthi: “Ngaloo mini,
Ndiza kuwatshabalalisa amahashe neenqwelo zenu zokulwa.
11 Ndiza kuzitshabalalisa izixeko zelizwe lenu
Ndize ndizidilize zonke iindawo zenu ezinqatyisiweyo.
12 Ndiza kubuphelisa ubugqwirha enibenzayo,*
Yaye akukho mntu wenza umlingo uza kushiyeka phakathi kwenu.+
13 Ndiza kuyitshabalalisa imifanekiso yenu eqingqiweyo neentsika zenu,
Niyeke ukuqubuda kumsebenzi wezandla zenu.+
15 Ndiza kuziphindezela ngomsindo nangengqumbo
Kwiintlanga ezingathobelanga.”