Zekariya
10 “Celani imvula kuYehova ngexesha lemvula yasentwasahlobo.
Babalisa ngamaphupha angancedi nganto,
Akuncedi nganto nokuthuthuzela kwabo.
Yiyo le nto beza kubhadula njengeegusha.
Baza kuba sentlungwini, kuba akukho malusi.
3 Bandicaphukisile abalusi,
Neenkokheli ezicinezelayo* ndiza kuziphendulisa;
Kuba uYehova wemikhosi uwukhumbule umhlambi wakhe,+ indlu kaYuda,
Uwenze wanjengehashe lakhe elinesidima edabini.
4 Indoda eyintloko* iphuma kuye,
Umlawuli oxhasayo* uphuma kuye,
Isaphetha sedabi siphuma kuye;
Bonke abaphathi baphuma kuye,* xa bebonke.
5 Baza kuba njengamakroti,
Begxampuza eludakeni kwizitrato zedabi.
Ndiza kubabuyisela,
Kuba ndiza kubenzela inceba;+
Kuza kuba ngathi andizange ndibalahle;+
Kuba ndinguYehova uThixo wabo, ibe ndiza kubaphendula.
Oonyana babo baza kuyibona loo nto, bavuye;
Ivuyiswe nguYehova intliziyo yabo.+
8 ‘Ndiza kuhlaba ikhwelo ndize ndibaqokelele;
Kuba ndiza kubakhulula,+ ibe baza kuba baninzi,
Bahlale beyinyambalala.
9 Nangona ndibasasaza njengembewu phakathi kwezizwana,
Baza kundikhumbula bekwiindawo ezikude;
Baza kuphinda babe namandla kunye noonyana babo baze babuye.
10 Ndiza kubathatha elizweni laseYiputa
Ndibaqokelele eAsiriya;+
Ndiza kubazisa elizweni laseGiliyadi+ nakwelaseLebhanon,
Ibe ayikho indawo eza kubanela.+
11 Ndiza kudlula elwandle ndilundlandlathekise;
Ndiza kubetha amaza olwandle;+
Zonke iinzulu zomNayile ziza koma.
Ikratshi leAsiriya liza kuhliswa,
Nentonga yobukhosi yaseYiputa iza kumka.+