Tito
2 Wena ke, qhubeka uthetha izinto ezivumelana nemfundiso ephilileyo.+ 2 Amadoda amakhulu mawangabaxi xa esenza izinto, mawazimisele, abe nengqondo ephilileyo, abe nokholo olomeleleyo, abe nothando, akwazi nokunyamezela. 3 Nabafazi abadala mabaziphathe ngendlela ebonisa ukuba bahlonipha uThixo, bangangcolisi amagama abantu, bangabi ngamakhoboka ewayini, bafundise izinto ezilungileyo, 4 ukuze bacebise* abafazana ukuba bathande amadoda abo nabantwana babo, 5 baphile engqondweni, baziphathe kakuhle, bakhuthale emizini yabo, babe ngabantu abalungileyo, bathobele amadoda abo,+ ukuze kungathethwa kakubi ngelizwi likaThixo.
6 Kwakhona, qhubeka ukhuthaza nabafana ukuba baphile engqondweni,+ 7 babone kuwe indlela yokwenza izinto ngendlela efanelekileyo. Zimisele ukuthetha inyani xa ufundisa,+ 8 ukhetha amazwi afanelekileyo, angenakubekwa bala,+ ukuze bahlazeke abo bachasayo, bengenanto imbi banokuyithetha ngathi.+ 9 Amakhoboka mawahlale ebathobela abanikazi bawo,+ azame ukubavuyisa, angaphendulani nabo, 10 angebi,+ kodwa ahlale ethembekile, ukuze ayihombise imfundiso yoMsindisi wethu uThixo,+ ngandlela zonke.
11 Kuba uThixo ubonakalise ububele bakhe* ngokunceda zonke iintlobo zabantu ukuba zisindiswe.+ 12 Businceda siphephe izinto ezingathandwayo nguThixo nokufuna izinto ezimbi zeli hlabathi,+ siphile engqondweni, sibe ngamalungisa, size sizinikele ngokupheleleyo kuThixo nangona sikweli hlabathi,*+ 13 ngoxa silinde ithemba elonwabisayo+ nokubonakaliswa kozuko lukaThixo omkhulu noMsindisi wethu uYesu Kristu, 14 owanikela ngobomi bakhe+ ukuze asisindise*+ ekwenzeni izinto ezimbi, aze asicoce, asenze abantu bakhe abakhethekileyo nabakhuthalele ukwenza izinto ezintle.+
15 Sebenzisa igunya olinikiweyo, uqhubeke uzithetha ezi zinto, ubakhuthaza ibe ubaluleka.+ Ungabavumeli bakujongele phantsi.