Lutsha—Ukuhambela Kwenu Phambili Makubonakale
“Ziphonononge ezi zinto; wendele kuzo, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale ebantwini bonke.”—1 TIM. 4:15.
1. Yintoni uThixo ayinqwenelela ulutsha?
“YIBA nemihlali, mfana, ebutsheni bakho, uyenzele okulungileyo intliziyo yakho ngemihla yobufana bakho.” (INtshu. 11:9) Wabhala watsho uKumkani uSolomon wakwaSirayeli mandulo. Ngokuqinisekileyo oyena mntu unguMthombo wala mazwi, uYehova uThixo, ufuna nina lutsha nonwabe. Ngaphezu koko, uYehova ufuna ukuba nonwabe naxa sele nidlule ebutsheni. Noko ke, iintsuku zobutsha zidla ngokuphazanyiswa ziimpazamo ezibuhlungu ezinokuchaphazela ulonwabo lwekamva. NoYobhi othembekileyo waba buhlungu ‘yimiphumo yeziphoso zobutsha bakhe.’ (Yobhi 13:26) Xa ekwishumi elivisayo nakwiminyaka embalwa emva koko, kudla ngokufuneka umKristu oselula enze izigqibo ezinzulu. Ukwenza izigqibo ezingafanelekanga kunokumshiya enzakele kakhulu ngokweemvakalelo kuze kubangele iingxaki ezinokuchaphazela bonke ubomi bakhe.—INtshu. 11:10.
2. Sisiphi isiluleko seBhayibhile esinokunceda ulutsha luphephe ukwenza iimpazamo ezinzulu?
2 Ulutsha lumele lulungelelane engqondweni. Cinga nje ngeli cebo umpostile uPawulos awalinika amaKristu aseKorinte. Wathi: “Musani ukuba ngabantwana abaselula emandleni okuqonda . . . Yibani ngabakhule ngokupheleleyo emandleni okuqonda.” (1 Kor. 14:20) Ukuthobela esi siluleko sokukhulisa amandla okuqonda nokuqiqa njengabantu abakhule ngokupheleleyo, kuya kulunceda ulutsha luphephe ukwenza iimpazamo ezinzulu.
3. Yintoni onokuyenza ukuze uqole?
3 Ukuba uselula, khumbula ukuba kufuneka wenze umgudu ukuze uqole. UPawulos wathi kuTimoti: “Makungabikho mntu ubujongela phantsi ubutsha bakho. Kunoko, yiba ngumzekelo wabo bathembekileyo ngokuthetha, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu. Qhubeka uzibhokoxa kufundo lwasesidlangalaleni, ekubongozeni nasekufundiseni. . . . Ziphonononge ezi zinto; wendele kuzo, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale ebantwini bonke.” (1 Tim. 4:12-15) Ulutsha olungamaKristu lufanele lwenze inkqubela eya kubonakala kwabanye.
Kuthetha Ukuthini Ukuhambela Phambili?
4. Kuquka ntoni ukuhambela phambili ngokomoya?
4 Ukuhambela phambili kuthetha “ukwenza inkqubela, ukuphucula indlela owenza ngayo izinto.” UPawulos wabongoza uTimoti ukuba aqhubeke ezibhokoxa ukuze enze inkqubela ekuthetheni, ekuziphatheni, eluthandweni, elukholweni nakubunyulu, kwanakwindlela abufeza ngayo ubulungiseleli bakhe. Kwakuza kufuneka azabalazele ukuphila ngendlela engumzekelo. Ngenxa yoko, kwafuneka uTimoti aqhubeke ehambela phambili ngokomoya.
5, 6. (a) Ukuhambela phambili kukaTimoti kwaqala nini ukubonakala? (b) Kumba wokuhambela phambili, ulutsha lwanamhlanje lunokumxelisa njani uTimoti?
5 Xa uPawulos wabhala esi siluleko malunga nowama-61 nowama-64 C.E., uTimoti wayesele engumdala onamava. Wayengaqalisi ukuhambela phambili ngokomoya. Phakathi kowama-49 nowama-50 C.E. xa mhlawumbi uTimoti wayesele eyigabhule iminyaka yeshumi elivisayo okanye emalunga nama-20 eminyaka ubudala, “kwakunikelwa ingxelo entle ngaye ngabazalwana eListra naseIkoniyo,” ababebukele inkqubela awayeyenza ngokomoya. (IZe. 16:1-5) Ngelo xesha, uPawulos wayehamba noTimoti kutyelelo lwakhe njengomthunywa wevangeli. Emva kokubona inkqubela kaTimoti ethe chatha kangangeenyanga ezithile, uPawulos wamthumela eTesalonika ukuba aye kuthuthuzela aze omeleze amaKristu eso sixeko. (Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 3:1-3, 6.) Lizicacele elokuba, uTimoti waqalisa ukwenza ukuhambela kwakhe phambili kubonakale kwabanye eselula.
6 Nina lutsha olusebandleni, zamani ngoku ukuhlakulela iimpawu zokomoya eziyimfuneko, ukuze ukuhambela kwenu phambili njengamaKristu nakubuchule benu bokufundisa inyaniso yeBhayibhile kubonakale ngokucacileyo. Ukususela kwiminyaka eli-12 ubudala, uYesu “waqhubeka esenza inkqubela ebulumkweni.” (Luka 2:52) Makhe sihlolisise indlela onokwenza ukuhambela kwakho phambili kubonakale ngayo kwezi nkalo zintathu zobomi: (1) xa ujamelene nobunzima, (2) xa ulungiselela ukutshata naxa (3) uzabalazela ukuba “ngumlungiseleli omhle.”—1 Tim. 4:6.
Yiba ‘Nengqondo Ephilileyo’ Xa Ujamelene Nobunzima
7. Ulutsha lunokuthwaxwa njani bubunzima?
7 UmKristu oneminyaka eli-17 ubudala ogama linguCarol wathi, “Bendikhe ndixheleke ngokweemvakalelo, ndityhafe emzimbeni ndize ndidinwe engqondweni kangangokude ndinqwenele ukungavuki ngentsasa elandelayo.”a Kwakutheni ukuze aphazamiseke ngolu hlobo? Kwathi xa uCarol eneminyaka elishumi ubudala, intsapho yakowabo yachithachithwa luqhawulo-mtshato waza waphela sele ehlala nonina, owayengafuni nokuyibona imilinganiselo yeBhayibhile yokuziphatha. Kusenokwenzeka ukuba, kanye njengoCarol ujamelene neemeko ezixinezelayo ezisenokubonakala zingenakutshintsha.
8. Ziziphi iingxaki awajamelana nazo uTimoti?
8 Ngoxa wayesenza inkqubela yokomoya, noTimoti wajamelana nobunzima. Ngokomzekelo, wayenengxaki ‘yokukhathazwa sisisu.’ (1 Tim. 5:23) Xa uPawulos wamthuma eKorinte ukuba aye kulungisa iingxaki ezithile ezazibangelwa ngabantu ababedelela igunya labapostile, uPawulos wabongoza ibandla ukuba lisebenzisane noTimoti ukuze “azive ekhululekile” phakathi kwalo. (1 Kor. 4:17; 16:10, 11) Kuyabonakala ukuba, uTimoti wayengumntu oneentloni.
9. Kuthetha ukuthini ukuba nengqondo ephilileyo, yaye kwahluke njani kumoya wobugwala?
9 Kamva, ngelokunceda uTimoti, uPawulos wamkhumbuza oku: “UThixo akasinikanga moya wabugwala, kodwa owamandla nowothando nowengqondo ephilileyo.” (2 Tim. 1:7) Ukuba ‘nengqondo ephilileyo’ kuquka ukukwazi ukucinga nokusebenzisa ingqiqo. Kubandakanya ukukwazi ukujamelana nezinto njengokuba zinjalo—kungekhona ngendlela obungathanda ukuba zibe yiyo. Olunye ulutsha olungaqolanga lubonisa umoya wobugwala, luzama ukubaleka iimeko ezixinezelayo engqondweni ngokukhetha ukulala kakhulu okanye luchithe ixesha elininzi kumabonwakude, luzinkcinkce ngeziyobisi okanye ngotywala, luhleli nje lusemathekweni okanye luziphathe kakubi ngokwesini. AmaKristu abongozwa ukuba ‘azilumle kuko ukungabi nabuthixo nakwiminqweno yehlabathi aze aphile ngengqondo ephilileyo nangobulungisa nangozinikelo lobuthixo phakathi kwale nkqubo yezinto yangoku.’—Tito 2:12.
10, 11. Ukuba ngabaphilileyo engqondweni kusinceda njani somelele ngokomoya?
10 IBhayibhile ibongoza “amadodana ukuba abe ngaphilileyo engqondweni.” (Tito 2:6) Ukuthobela esi siluleko kuthetha ukuba uya kuthandaza xa uhlangabezana neengxaki uze uthembele kumandla kaThixo. (Funda eyoku-1 kaPetros 4:7.) Ngenxa yoko, uya kuwathemba ngokupheleleyo ‘amandla owanikwa nguThixo.’—1 Pet. 4:11.
11 UCarol wancedwa kukuphila engqondweni nakukuthandaza. Wathi: “Ukuzama ukuziphatha ngendlela efanelekileyo ngoxa umama wayeziphethe kakubi kwaba yenye yezinto ezinzima kwendakha ndazenza. Kodwa umthandazo wandinceda ngokwenene. Ndiyazi ukuba uYehova uyandixhasa, ngoko andoyiki nto.” Khumbula ukuba, ubunzima bunokuphucula ubuntu bakho buze bukomeleze. (INdu. 105:17-19; IZili. 3:27) Enoba ujamelana naziphi na iimeko, uThixo akasayi kuze akushiye. Uya “kukunceda ngokwenene.”—Isa. 41:10.
Ukulungiselela Umtshato Ophumelelayo
12. Kutheni umKristu ofuna ukutshata efanele asebenzise umgaqo okwiMizekeliso 20:25?
12 Olunye ulutsha luye lwaziphosa emtshatweni, lucinga ukuba unokuphelisa ukungonwabi, ubulolo, isithukuthezi neengxaki zasekhaya. Noko ke, ukwenza izifungo zomtshato kungumbandela onzulu. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile abanye benza izibhambathiso ezingcwele ngokungxama bengakuhlolisisanga oko kubandakanyekileyo kuzo. (Funda iMizekeliso. 20:25.) Maxa wambi, ulutsha alucingisisi ngokunzulu ngezinto eziyimfuneko ukuze umtshato uphumelele. Kamva, lufumanisa ukuba kufuneka okungakumbi kunokuba belucinga.
13. Abo bafuna ukutshata bafanele bahlolisise yiphi imibuzo yaye banokulufumana phi icebiso elinokubanceda?
13 Ngoko ngaphambi kokuba uqalise ukuthandana, khawuzibuze: ‘Kutheni ndifuna ukutshata nje? Ziintoni endizilindeleyo emtshatweni? Ngaba undifanele lo mntu ndifuna ukutshata naye? Ndinokuba naliphi igalelo emtshatweni?’ Ngelokukunceda ukuba uzigocagoce, “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” liye lapapasha amanqaku aneenkcukacha ngalo mba.b (Mat. 24:45-47) Loo manqaku wagqale njengecebiso olinikwa nguYehova. Kuhlolisise ngenyameko okubhalwe kuwo uze ukusebenzise. Ungaze uzivumele ube “njengehashe okanye imeyile engenakuqonda.” (INdu. 32:8, 9) Ziqonde njengomntu okhule ngokupheleleyo izinto ezifunekayo emtshatweni. Ukuba uvakalelwa kukuba sele ukulungele ukutshata, ungaze ulibale ukuba ‘ngumzekelo wobunyulu.’—1 Tim. 4:12.
14. Ukuhambela phambili ngokomoya kunokukunceda njani xa utshatile?
14 Enye into ebangela ukuba umtshato uphumelele, kukuqola ngokomoya. UmKristu okhule ngokupheleleyo uzabalazela ukufumana “umlinganiselo wobukhulu bokuzala kukaKristu.” (Efe. 4:11-14) Uzama ngamandla ukuba nobuntu obufana nobukaKristu. NjengoMzekelo wethu, ‘uKristu akazange azikholise.’ (Roma 15:3) Xa iqabane ngalinye lomtshato lifuna kungekhona ingenelo yalo kodwa eyelinye, omabini aya konwaba aze abe seluxolweni njengentsapho. (1 Kor. 10:24) Indoda iya kubonisa uthando lokuzincama, yaye umfazi wayo uya kuzimisela ukuyithobela njengoko uYesu esenjenjalo kwiNtloko yakhe.—1 Kor. 11:3; Efe. 5:25.
“Bufeze Ngokupheleleyo Ubulungiseleli Bakho”
15, 16. Unokukwenza njani ukuhambela phambili kwakho kubonakale kubulungiseleli?
15 Ebhekisela kwisabelo esibalulekileyo sikaTimoti, uPawulos wathi: “Ndiyakuyala ngokunzulu phambi koThixo noKristu Yesu, . . . lishumayele ilizwi ngokungxamisekileyo.” Walek’ umsundulo esithi: “Yenza umsebenzi womvangeli, bufeze ngokupheleleyo ubulungiseleli bakho.” (2 Tim. 4:1, 2, 5) Ukuze asifeze esi sabelo, kwafuneka uTimoti “ondliwe ngamazwi okholo.”—Funda eyoku-1 kuTimoti 4:6.
16 Wena ‘unokondliwa njani ngamazwi okholo’? UPawulos wathi: “Qhubeka uzibhokoxa kufundo lwasesidlangalaleni, ekubongozeni nasekufundiseni. . . . Ziphonononge ezi zinto; wendele kuzo.” (1 Tim. 4:13, 15) Ukuze siphucule kufuneka sifundisise ngokuzimisela. Ibinzana elithi “wendele” lidlulisela ingcamango yokuzinikela xa usenza okuthile. Ufundisisa njani wena? Ngaba uyendela ‘kwizinto ezinzulu zikaThixo’? (1 Kor. 2:10) Okanye ngaba wenza nje uphela sonwabe? Ukuphonononga oko ukufundayo kuya kukunceda gqitha.—Funda iMizekeliso 2:1-5.
17, 18. (a) Bubuphi ubuchule ofanele uzame ukuba nabo? (b) Ukuba nesimo sengqondo esifana nesikaTimoti kuya kukunceda njani kubulungiseleli?
17 Omnye uvulindlela oselula ogama linguMichelle wathi: “Ukuze ndibe negalelo elibonakalayo kubulungiseleli, ndiye ndazenzela ucwangciso lokufundisisa yaye andiphoswa ntlanganiso. Loo nto indincede ndaqhubeka ndikhula ngokomoya.” Ukuba nguvulindlela kuya kukunceda ngokwenene ukuba uphucule ubuchule bakho entsimini uze uhambele phambili ngokomoya. Zama ukulesa kakuhle uze ugqabaze ngendlela eyakhayo kwiintlanganiso zamaKristu. Njengoselula oqolileyo ngokomoya, ufanele ulungiselele iintetho ezifundisayo kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, uze unamathele kumbandela owunikiweyo.
18 ‘Ukwenza umsebenzi womvangeli’ kuthetha ukuba nobuchule kubulungiseleli uze uncede abanye bafumane usindiso. Oku kufuna ukuba siphucule ‘ubugcisa bokufundisa.’ (2 Tim. 4:2) Ngokwenza amalungiselelo okusebenza entsimini nabavakalisi abanamava, uya kufunda okuthile kwindlela abafundisa ngayo, kanye njengoko uTimoti wazuza lukhulu ngokusebenza noPawulos. (1 Kor. 4:17) Xa wayebhekisela kwabo wabancedayo, uPawulos wayitsho into yokuba akazange aphelele nje ekubaxeleleni ngeendaba ezilungileyo kodwa wanikela ‘nangomphefumlo’ wakhe, okanye wasebenzisa ubomi bakhe ukuze abancede, ngenxa yokuba wayebathanda. (1 Tes. 2:8) Ukuze ulandele umzekelo kaPawulos kubulungiseleli, kufuneka nawe ube nesimo sengqondo esifana nesikaTimoti, owayebakhathalele ngokunyanisekileyo abanye waza waba ‘likhoboka ekuhambiseleni phambili iindaba ezilungileyo.’ (Funda eyabaseFilipi 2:19-23.) Ngaba nawe ubonisa lo moya wokuzincama kubulungiseleli?
Ukuhambela Phambili Kubangela Ulwaneliseko Lokwenene
19, 20. Kutheni kuvuyisa nje ukuhambela phambili ngokomoya?
19 Ukuhambela phambili ngokomoya kufuna senze umgudu. Kodwa xa ngomonde uphucula ubuchule bakho bokufundisa, ekuhambeni kwexesha, uya kufumana ilungelo ‘lokwenza abaninzi babe zizityebi’ ngokomoya, yaye baya kuba ‘luvuyo lwakho okanye isithsaba sokugcoba kuwe.’ (2 Kor. 6:10; 1 Tes. 2:19) Umlungiseleli wexesha elizeleyo ogama linguFred uthi: “Kunanini na ngaphambili, ndichitha ixesha lam ndinceda abanye. Ayinyaniso engenakuphikwa amazwi athi kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”
20 Uvulindlela oselula ogama linguDaphne wathi xa wayethetha ngovuyo nolwaneliseko aye walufumana ekukhuleni ngokomoya: “Ndiye ndanolwalamano olusondele ngakumbi noYehova yaye unguMntu endimxabisa ngokwenene. Xa ukholisa uYehova ngawo onke amandla akho, wonwaba uze waneliseke ngendlela engathethekiyo!” Nangona ukuhambela phambili ngokomoya kusenokungabonakali ebantwini, uYehova usoloko ekubona yaye uyakuxabisa. (Heb. 4:13) Asiyithandabuzi into yokuba, nina maKristu aselula ninokumdumisa nize nimzukise uBawo wethu wasezulwini. Qhubekani niyivuyisa intliziyo yakhe njengoko ngokunyaniseka nisenza ukuhambela phambili kwenu kubonakale.—IMize. 27:11.
[Imibhalo esemazantsi]
a Asilogama lakhe eli.
b “Ngaba Lo Mntu Undifanele?” kwincwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2; “Ulwalathiso LukaThixo Ekukhetheni Iqabane Lomtshato,” kwiMboniselo kaMeyi 15, 2001; nomxholo othi “Kububulumko Kangakanani Ukutshata Ukwishumi Elivisayo?” okuVukani! kaMatshi 8, 1984.
Ufunde Ntoni?
• Ukuhambela phambili ngokomoya kubandakanya ntoni?
• Unokukwenza njani ukuhambela kwakho phambili kubonakale . . .
xa ujamelene nobunzima?
xa ulungiselela ukutshata?
naxa ukubulungiseleli?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ukuthandaza kunokukunceda uhlangabezane nobunzima
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Abavakalisi abaselula banokubuphucula njani ubuchule babo bokufundisa?