Eyokuqala YooKumkani
14 Ngelo xesha uAbhiya unyana kaYerobhoham wagula. 2 Ngoko uYerobhoham wathi emfazini wakhe: “Ndicela uhambe uye eShilo, uzenze omnye umntu ukuze bangakwazi ukuba ungumfazi wam. Jonga! Ulapho umprofeti uAhiya. Nguye owathi ndiza kuba ngukumkani wesi sizwana.+ 3 Yiya kuye uphethe izonka ezilishumi, amaqebengwane nendebe enobusi. Yena uza kukuxelela ukuba kuza kwenzeka ntoni kule nkwenkwe.”
4 Wenjenjalo ke umfazi kaYerobhoham. Wahamba waya eShilo,+ endlini ka-Ahiya. UAhiya wayendwanyile, engasaboni ngenxa yobudala.
5 Kodwa uYehova wayethe kuAhiya: “Nanku umfazi kaYerobhoham ezokubuza kuwe ngonyana wakhe, kuba uyagula. Ndiza kukuxelela into oza kuyithetha kuye. Uza kufika ezifihlile ukuba ungubani.”
6 Wathi nje akuva izingqi zakhe esiza emnyango, uAhiya wathi: “Ngena mfazi kaYerobhoham. Uzifihlela ntoni ukuba ungubani? Ndithunywe ukuba ndikunike umyalezo oqatha. 7 Hamba uye kuthi kuYerobhoham, ‘Uthi uYehova uThixo kaSirayeli: “Ndakuphakamisa kubantu bakowenu ukuze ndikwenze inkokheli yabantu bam amaSirayeli.+ 8 Emva koko ndabukrazula ubukumkani kwindlu kaDavide, ndabunika wena.+ Kodwa wena awubanga njengomkhonzi wam uDavide owayithobelayo imiyalelo yam nowandilandela ngentliziyo yakhe yonke, esenza izinto ezilungileyo kuphela emehlweni am.+ 9 Wenze amasikizi angaphezu kwalawo enziwa ngabangaphambi kwakho, waya kuzenzela omnye uthixo nemifanekiso yesinyithi. Undicaphukisile ke ngale nto,+ ibe undijikele.+ 10 Ngenxa yaloo nto ndiyizisela intlekele indlu kaYerobhoham, yaye ndiza kutshabalalisa* wonke umntu oyindoda* kwaYerobhoham, nkqu nalowo ungenakuzinceda nongenamandla kwaSirayeli, yaye ndiza kutshayela kwanto esendlini kaYerobhoham,+ kanye njengaxa kususwa ubulongwe bude buphele! 11 Nabani na ongokaYerobhoham ofela esixekweni, uza kudliwa zizinja; yaye nabani na ofela entsimini, uza kudliwa ziintaka zezulu, ngenxa yokuba kutsho uYehova.”’
12 “Ngoko ke phakama, ugoduke. Ukufika nje kwakho esixekweni, uza kufa umntwana. 13 Wonke uSirayeli uza kumlilela aze amngcwabe, ngenxa yokuba nguye kuphela kwintsapho kaYerobhoham oza kungcwatywa, kuba nguye yedwa endlini kaYerobhoham aye uYehova uThixo kaSirayeli wafumana okulungileyo kuye. 14 UYehova uza kuzikhethela ukumkani oza kulawula uSirayeli aze ayitshabalalise* indlu kaYerobhoham+ ukususela ngaloo mini, ibe ingenzeka nangoku loo nto. 15 UYehova uza kumxabela uSirayeli abe njengengcongolo etyokololo emanzini, amncothule kulo mhlaba mhle awawunika ookhokho bakhe,+ aze amchithachithe ngaphaya koMlambo,*+ ngenxa yokuba ezenzele iipali ezingcwele,*+ ecaphukisa uYehova. 16 Uza kumlahla uSirayeli ngenxa yezono azenzileyo uYerobhoham nabangele ukuba noSirayeli azenze.”+
17 Waphakama umfazi kaYerobhoham waya eTirtsa. Uthe esakuthi cakatha emgubasini wendlu, yafa inkwenkwe. 18 Ngoko bayingcwaba, waza wonke uSirayeli wayililela, njengokuba uYehova wayetshilo ngomkhonzi wakhe umprofeti uAhiya.
19 Enye imbali kaYerobhoham, engokulwa kwakhe iimfazwe+ nokulawula kwakhe, ibhalwe encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaSirayeli. 20 UYerobhoham walawula iminyaka eyi-22, emva koko walala kookhokho bakhe,+ waza uNadabhi unyana wakhe waba ngukumkani endaweni yakhe.+
21 Ke yena uRehobhoham unyana kaSolomon waba ngukumkani wakwaYuda. URehobhoham wayeneminyaka eyi-41 xa waba ngukumkani, ibe walawula iminyaka eyi-17 eYerusalem, isixeko awasinyulayo uYehova+ kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli ukuze alibeke khona igama lakhe.+ Igama likamama wakhe yayinguNahama umAmonikazi.+ 22 UYuda wayesenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova,+ ibe izono awayezenza zamcaphukisa ngaphezu kwezo zazisenziwa ngookhokho bakhe.+ 23 Naye wazakhela iindawo eziphakamileyo, iintsika ezingcwele neepali ezingcwele*+ phezu kwazo zonke iinduli+ eziphakamileyo naphantsi kwayo yonke imithi eluhlaza.+ 24 Kwakukho namadoda athengisa ngomzimba etempileni kwelo lizwe.+ Wenza zonke izinto ezenyanyekayo ezazisenziwa ziintlanga awazigxothayo uYehova phambi kwamaSirayeli.
25 Ngonyaka wesihlanu wokulawula kukaKumkani uRehobhoham, iYerusalem yahlaselwa nguKumkani uShishaki waseYiputa.+ 26 Wabuthimba ubutyebi bendlu kaYehova nobutyebi bendlu kakumkani.+ Wabutha konke, kunye nawo onke amakhaka egolide awayenziwe nguSolomon.+ 27 Ngoko uKumkani uRehobhoham wenza amakhaka ekopolo endaweni yawo, wawanika iintloko zoonogada* ababegade igeyithi yendlu kakumkani. 28 Nanini na ukumkani esiya endlini kaYehova, aba nogada babewaphatha, baze emva koko bawabuyisele kwigumbi loonogada.
29 Enye imbali kaRehobhoham, nazo zonke izinto awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaYuda?+ 30 Kwakusoloko kukho imfazwe phakathi koRehobhoham noYerobhoham.+ 31 URehobhoham walala kookhokho bakhe waza wangcwatywa nookhokho bakhe kwisiXeko SikaDavide.+ Igama likamama wakhe yayinguNahama umAmonikazi.+ Unyana wakhe uAbhiyam*+ waba ngukumkani endaweni yakhe.