Eyokuqala Eya KwabaseKorinte
16 Xa niqokelela iminikelo eniza kuyinika abo bangcwele,+ ningalandela imiyalelo endayinika amabandla aseGalati. 2 Ngosuku lokuqala veki nganye, umntu makabeke ecaleni loo nto anokukwazi ukunikela ngayo, ukuze ningaqalisi ukuqokelela xa ndifika. 3 Kodwa ukufika kwam apho, ndiza kuthumela la madoda niwakhethileyo kwiileta zenu+ ukuba athathe eso sipho senu sobubele asise eYerusalem. 4 Kodwa ke, ukuba kufuneka nam ndiye, ndiza kuhamba nawo.
5 Ndiza kuza kuni emva kokuba ndigqithe eMakedoni,+ kuba ndifuna ukudlula khona; 6 mhlawumbi ndiza kuhlala nani ithutyana, okanye ndichithe ubusika bonke nani, ukuze nindikhaphe nijike esithubeni xa ndisiya kuloo ndawo ndiya kuyo. 7 Andifuni kunibona ndidlula, kuba ndifuna ukukhe ndihlale nani,+ ukuba uYehova* uyavuma. 8 Kodwa ndiza kuhlala e-Efese+ kude kube liTheko LePentekoste,* 9 kuba ndivulelwe umnyango omkhulu ukuze ndenze umsebenzi weNkosi,+ kodwa kukho abachasi abaninzi.
10 Ukuba ke uTimoti+ uye wafika, ze nimenze azive ekhululekile phakathi kwenu, kuba wenza umsebenzi kaYehova,*+ kanye njengokuba nam ndisenza. 11 Ngoko makungabikho mntu umjongela phantsi. Mkhululeni ahambe ngoxolo ukuze eze kum, kuba mna nabazalwana simlindile.
12 Yena uApolo+ umzalwana wethu, ndiye ndamcenga ukuba ahambe nabazalwana eze kuni. Ebengekazimiseli ukuza kuni ngoku, kodwa uza kuza xa efumana ithuba.
13 Hlalani nithe qwa,+ nibe nokholo olomeleleyo,+ nibe ngamadoda,*+ nomelele.+ 14 Zonke izinto enizenzayo zenzeni ngothando.+
15 Ndiyanicela ke bazalwana: Niyazi ukuba indlu kaStefana yeyokuqala ukuba ngamakholwa eAkhaya nokuba baye bazinikela ekuncedeni abo bangcwele. 16 Kwanga nani ningahlala nibathobela abantu abanjalo naye wonke umntu osebenzisana nathi esebenza nzima.+ 17 Kodwa kuyandivuyisa ukubakho kukaStefana,+ uFortunato noAkhayiko, kuba basivalile isikhewu senu. 18 Kuba bandikhuthazile mna, banikhuthaza nani. Ngoko bahlonipheni abantu abanjalo.
19 Ayanibulisa amabandla aseAsiya. UAkwila noPriska kunye nebandla elingenela endlini yabo+ banibulisa ngokusuka entliziyweni njengabalandeli beNkosi. 20 Bonke abazalwana bayanibulisa. Bulisanani ngokuphuzana.*
21 Mna Pawulos, ndibhala lo mbuliso ngesandla sam.
22 Nabani na ongayithandiyo iNkosi makaqalekiswe. Owu Nkosi yethu, yiza! 23 Kwanga iNkosi uYesu inganenzela ububele.* 24 Ndinithanda nonke nina nimanyene noKristu Yesu.