Zekariya
12 Isigwebo:
“Ilizwi likaYehova ngokuphathelele uSirayeli,” utsho uYehova,
Lowo wawolulayo amazulu,+
Wabeka isiseko somhlaba,+
Waza wenza umoya* womntu ngaphakathi kwakhe.
2 “IYerusalem ndiza kuyenza indebe egxadazelisa* zonke izizwana eziyijikelezileyo; ibe uYuda neYerusalem ziza kurhangqwa.+ 3 Ngaloo mini ndiza kuyenza iYerusalem ibe lilitye elinzima kuzo zonke izizwana. Bonke abaliphakamisayo baza kwenzakala ngokuqinisekileyo;+ yaye ziza kuyipakanyela zonke iintlanga zomhlaba.+ 4 Ngaloo mini,” utsho uYehova, “ndiza kuwenza aphakuzele onke amahashe, baphambane nabakhweli bawo. Amehlo am ndiza kuwatsolisa kwindlu kaYuda, kodwa onke amahashe ezizwana ndiza kuwabetha ngobumfama. 5 Iinkosi zakwaYuda ziza kuthi ezintliziyweni zazo, ‘Abemi baseYerusalem bangamandla am ngenxa kaYehova wemikhosi, uThixo wabo.’+ 6 Ngaloo mini ndiza kuzenza iinkosi zakwaYuda zibe njengomlilo phakathi kweenkuni nanjengesikhuni somlilo kwizithungu,+ kwaye ziza kuziqwenga ngasekunene nangasekhohlo zonke izizwana ezizijikelezileyo;+ iYerusalem iza kuphinda ibe nabemi endaweni yayo,* eYerusalem.+
7 “UYehova uza kuqala asindise iintente zakwaYuda, ukuze ubuhle* bendlu kaDavide nobabemi baseYerusalem bungabogqithi obukaYuda. 8 Ngaloo mini uYehova uza kubakhusela abantu baseYerusalem;+ ngaloo mini nalowo ukhubekayo* phakathi kwabo uza kuba njengoDavide, nendlu kaDavide ibe njengoThixo, njengengelosi kaYehova ehamba phambi kwabo.+ 9 Ngaloo mini ndiza kuzitshabalalisa ngokuqinisekileyo zonke iintlanga ezihlasela iYerusalem.+
10 “Ndiza kuthululela phezu kwendlu kaDavide naphezu kwabemi baseYerusalem umoya wobabalo nezibongozo, kwaye baza kujonga kulowo bamhlabileyo,+ baze bamenzele isijwili ngokungathi balilela unyana okuphela kwakhe; baza kutsho ngesikrakra isijwili ngokungathi bazilele unyana olizibulo. 11 Ngaloo mini siya kuba sikhulu isijwili eYerusalem, njengesijwili saseHadadrimon eThafeni laseMegido.+ 12 Ilizwe liza kwenza isijwili, intsapho nganye iyodwa; intsapho yendlu kaDavide iyodwa, nabafazi bayo bebodwa; intsapho yendlu kaNatan+ iyodwa, nabafazi bayo bebodwa; 13 intsapho yendlu kaLevi+ iyodwa, nabafazi bayo bebodwa; intsapho yakwaShimeyi+ iyodwa, nabafazi bayo bebodwa; 14 zonke iintsapho ezishiyekileyo, intsapho nganye iyodwa, nabafazi bayo bebodwa.