ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi KaHagayi NekaZekariya
UNYAKA ngowama-520 B.C.E. Kuye kwadlula iminyaka eli-16 emva kokuba amaYuda ebuyile kubukhoboka baseBhabhiloni aza abeka isiseko setempile kaYehova eYerusalem. Kodwa itempile ayikagqitywa, yaye umsebenzi wokwakhiwa kwayo uphelisiwe. UYehova unyula umprofeti uHagayi yaye emva kweenyanga ezimbini unyula umprofeti uZekariya ukuba athethe ilizwi Lakhe.
UHagayi noZekariya banenjongo enye: Ukushukumisela abantu baqalise ukwakha kwakhona itempile. Iyaphumelela imigudu yaba baprofeti, yaye itempile iyagqitywa emva kweminyaka emihlanu. Oko kuvakaliswa nguHagayi noZekariya kubhalwe kwiincwadi zeBhayibhile ezinamagama abo. Incwadi kaHagayi yagqitywa ngowama-520 B.C.E yaza ekaZekariya yagqitywa ngowama-518 B.C.E. Njengabo baprofeti, nathi sinomsebenzi esiwunikwe nguThixo, omele ugqitywe ngaphambi kokuphela kwale nkqubo yezinto. Ngumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi. Makhe sibone indlela incwadi kaHagayi nekaZekariya ezinokusikhuthaza ngayo.
“BEKANI INTLIZIYO YENU EZINDLELENI ZENU.”
Kwiintsuku ezili-112, uHagayi uvakalisa izigidimi ezine ezichukumisayo. Esokuqala sithi: “‘Bekani intliziyo yenu ezindleleni zenu. Nyukani niye entabeni, nize nizise imithi. Nakhe indlu, ukuze ndikholiswe yiyo ndize ndizukiswe,’ utsho uYehova.” (Hagayi 1:7, 8) Abantu basabela kakuhle. Isigidimi sesibini sinesi sithembiso: “[Mna Yehova] ndiya kuyizalisa ngozuko le ndlu.”—Hagayi 2:7.
Ngokutsho kwesigidimi sesithathu, ukutyeshela kwabo ukwakha itempile kuye kwenza ‘abantu nawo wonke umsebenzi wezandla zabo’ awacoceka phambi kukaYehova. Kodwa ke, ukususela kusuku lokuqala kwabo ukwakha uYehova uya “kujizeka iintsikelelo” kubo. Ngokutsho kwesigidimi sesine, uYehova uya ‘kuwabhangisa amandla ezikumkani zeentlanga’ aze amisele iRhuluneli uZerubhabheli “njengomsesane wokutywina.”—Hagayi 2:14, 19, 22, 23.
limpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:6—Lithetha ukuthini ibinzana elithi “kuyaselwa, kodwa akufikwa kwinqanaba lokuyotywa”? Eli binzana lithetha ukunqaba kwewayini. Ngenxa yokungabikho kwentsikelelo kaYehova, iwayini yayinqongophele—ingafumaneki ngokwaneleyo ukuze umntu anxile.
2:6, 7, 21, 22—Ngubani yaye yintoni ebangela inyikima, yaye uba yintoni umphumo? UYehova ‘unyikimisa zonke iintlanga’ ngokushunyayelwa kwesigidimi soBukumkani ehlabathini lonke. Kwakhona umsebenzi wokushumayela unceda ekuziseni “izinto ezinqwenelekayo zazo zonke iintlanga” kwindlu kaYehova, ngaloo ndlela eyizalisa ngozuko. Kwixesha elizayo, “uYehova wemikhosi” uya kunyikimisa “amazulu nomhlaba nolwandle nomhlaba owomileyo,” ebangela yonke le nkqubo ingendawo itshatyalaliswe.—Hebhere 12:26, 27.
2:9—Kungaziphi iindlela ‘oluya kuba lukhulu ngakumbi ngayo uzuko lwale ndlu yamva kunolo lweyangaphambili’? Oku kwakuza kwenzeka ubuncinane ngeendlela ezintathu: inani leminyaka itempile eyayikho ngayo, lowo uza kufundisa kuyo, nabo baza kunqula kuyo uYehova. Nangona itempile ezukileyo kaSolomon yayikho iminyaka engama-420, ukususela ngowe-1027 B.C.E. ukusa kowama-607 B.C.E., ‘indlu yamva’ yasetyenziswa ngaphezu kweminyaka engama-580, ukususela ekugqityweni kwayo ngowama-515 B.C.E. ukusa ekutshatyalalisweni kwayo ngowama-70 C.E. Ngaphezu koko, uMesiya—uYesu Kristu—wayefundisa ‘kwindlu yamva,’ yaye babebaninzi abantu abeza kuyo ‘kuneyangaphambili’ ukuza kunqula uThixo.—IZenzo 2:1-11.
Oko Sikufundayo:
1:2-4. Ukuchaswa komsebenzi wethu wokushumayela akufanele kusenze sibeke izilangazelelo zethu kuqala ‘kunokufuna ubukumkani kuqala.’—Mateyu 6:33.
1:5, 7. Kuya kuba bubulumko ‘ukubeka intliziyo yethu ezindleleni zethu’ size siqwalasele indlela ubomi esibuphilayo obuluchaphazela ngayo ulwalamano lwethu noThixo.
1:6, 9-11; 2:14-17. AmaYuda ngexesha likaHagayi ayexakeke zizinto zobuqu kodwa engaziboni iziqhamo zomsebenzi wawo. Ayeyityeshele itempile, ngoko akazange asikelelwe nguThixo. Izinto zokomoya zifanele zize kuqala size sinikele inkonzo yomphefumlo uphela kuThixo, sikhumbule ukuba enoba sinokuncinane okanye intabalala yezinto eziphathekayo, ‘yintsikelelo kaYehova etyebisayo.’—IMizekeliso 10:22.
2:15, 18. UYehova wabongoza amaYuda ukuba abeke iintliziyo zawo ukususela ngolo suku, kungekhona ekungakhathalini kwawo kwangaphambili, kodwa kumsebenzi wokwakha. Ngokufanayo, sifanele sinikel’ ingqalelo ekukhonzeni uThixo kunokujonga kwizinto ezingasemva.
“KUNGENGAMANDLA, KODWA KUNGOMOYA WAM”
UZekariya uqalisa ukuprofeta ngokucela amaYuda ukuba ‘abuyele kuYehova.’ (Zekariya 1:3) Imibono esibhozo elandelayo iqinisekisa ukuba uThixo uza kuwuxhasa umsebenzi wokwakha itempile kwakhona. (Bona ibhokisi ethi “Imibono Efuziselayo Esibhozo KaZekariya.”) Umsebenzi wokwakhiwa uza kugqitywa, ‘kungengamkhosi wamajoni, kungengamandla, kodwa ngomoya kaYehova.’ (Zekariya 4:6) Umntu ogama linguHlumelo “ngokuqinisekileyo uya kuyakha itempile kaYehova” yaye “umele abe ngumbingeleli etroneni yakhe.”—Zekariya 6:12, 13.
IBheteli ithuma abathile kubabingeleli ukuze babuze ukuba kufanelekile ukwenza isikhumbuzo sokutshatyalaliswa kweYerusalem ngokuzila ukutya. UYehova uxelela uZekariya ukuba ukuzila ukutya kane kukhunjulwa intlekele eyehlela iYerusalem kuya kutshintsha kube “kukugcoba nemihlali namaxesha emisitho elungileyo.” (Zekariya 7:2; 8:19) Izibhengezo ezibini ezilandelayo ziquka imigwebo nxamnye neentlanga nabaprofeti bobuxoki, iziprofeto zikaMesiya nesigidimi sokubuyiselwa kwabantu bakaThixo.—Zekariya 9:1; 12:1.
limpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
2:1—Kwakutheni ukuze indoda ethile ilinganise iYerusalem ngentsontelo? Kuyabonakala ukuba oku kwakumela ukwakhiwa kodonga olukhuselayo kwesi sixeko. Ingelosi iyalela le ndoda ukuba iYerusalem yayiza kwanda aze uYehova ayisikelele.—Zekariya 2:3-5.
6:11-13—Ngaba ukuthweswa koMbingeleli Omkhulu uYoshuwa isithsaba kwamenza ukumkani owayekwangumbingeleli? Akunjalo, kuba uYoshuwa wayengekho kumnombo wobukumkani bukaDavide. Kodwa ukuthweswa kwakhe isithsaba kwakuyindlela yokufanekisela uMesiya. (Hebhere 6:20) Isiprofeto esiphathelele “uHlumelo” sizaliseka kuKumkani Ongumbingeleli uYesu Kristu. (Yeremiya 23:5) Njengoko uYoshuwa wayengumbingeleli omkhulu kwitempile eyakhiweyo kwakhona xa amaYuda abuyela kwilizwe lawo, ngoko uYesu nguMbingeleli Omkhulu kunqulo lokwenyaniso kwitempile kaYehova yokomoya.
8:1-23—Zizaliseka nini izibhengezo ezilishumi ezikhankanywe kwezi ndinyana? Sigidimi ngasinye silandela ibinzana elithi “utsho uYehova wemikhosi ukuthi” yaye sibonisa ukuba uThixo ubathembisa uxolo abantu bakhe. Ezinye zezi zibhengezo zazaliseka ngenkulungwane yesithandathu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, kodwa zonke ziye zazaliseka ukususela ngowe-1919 C.E. okanye ziyazaliseka ngoku.a
8:3—Kutheni iYerusalem ibizwa ngokuba “sisixeko senyaniso”? Ngaphambi kokutshatyalaliswa kwayo ngowama-607 B.C.E., iYerusalem ‘yayisisixeko esicinezelayo,’ inabaprofeti nababingeleli abaqaqadekileyo kwaye abantu balapho babengathembekanga. (Zefaniya 3:1; Yeremiya 6:13; 7:29-34) Kodwa ke, ekubeni itempile yayisele yakhiwe yaye abantu bezimisele ukunqula uYehova, kwakuza kuthethwa inyaniso yonqulo olunyulu, yaye iYerusalem yayiza kubizwa ngokuba “sisixeko senyaniso.”
11:7-14—Kufuzisela ntoni ukwaphula kukaZekariya umsimelelo ekuthiwa “nguThandeka” nomnye ekuthiwa “nguManyano”? UZekariya uboniswa njengalowo ‘walusa umhlambi wezibulawayo’—abantu abafana nezimvu abaxhatshazwa ziinkokeli. Kwindima yakhe njengomalusi, uZekariya wayefuzisela uYesu Kristu, owathunyelwa kubantu bakaThixo bomnqophiso kodwa abamamkela. Ukwaphula ‘uThandeka’ kwakufuzisela ukuba uThixo wayeya kuphelisa uMthetho womnqophiso namaYuda aze ayeke ukuqhubana kakuhle nawo. Ukwaphula ‘uManyano’ kwakuthetha ukuphelisa umanyano lobuthixo phakathi kukaYuda noSirayeli.
12:11—Siyintoni ‘isijwili saseHadadrimon ethafeni lentlambo yaseMegido’? UKumkani uYosiya wakwaYuda wabulawa kwidabi esilwa noFaro Neko waseYiputa “ethafeni lentlambo yaseMegido,” yaye abantu bamzilela ‘ngezimbonono’ kangangeminyaka. (2 Kronike 35:24-26) Ngoko ke, ‘isijwili saseHadadrimon’ sinokubhekisela ekuzileleni ukufa kukaYosiya.
Oko Sikufundayo:
1:2-6; 7:11-14. UYehova uyakholiswa ngabo basamkelayo isiluleko, babuyele kuye baze bamnqule ngentliziyo iphela. Kwelinye icala, akabancedi abo ‘balayo ukunikela ingqalelo, babe neenkani, neendlebe zabo bezenza zithi nkqi zingasiva’ isigidimi sakhe.
4:6, 7. Awukho umqobo ongaba mkhulu ngaphezu komoya kaYehova ukuze umsebenzi wokwakha itempile ungagqitywa. Naziphi na iingxaki esinokujamelana nazo enkonzweni kaThixo sinokumelana nazo ngokuba nokholo kuYehova.—Mateyu 17:20.
4:10. Phantsi kolwalathiso lukaYehova, uZerubhabheli nabantu bakhe bayigqiba itempile ngokwemilinganiselo kaThixo ephakamileyo. Ukuphila ngemilinganiselo kaYehova akunzima kangako kubantu abangafezekanga.
7:8-10; 8:16, 17. Ukuze simkholise uYehova, simele senze okusesikweni, sibe nobubele bothando, sibe nenceba size sithethe inyaniso nabanye.
8:9-13. UYehova uyasisikelela xa ‘izandla zethu zomelele’ ekwenzeni umsebenzi asabele wona. Ezi ntsikelelo ziquka uxolo, unqabiseko nokukhula ngokomoya.
12:6. Abo bongamelayo phakathi kwabantu bakaYehova bafanele babe ‘njengesikhuni somlilo’—babalasele ngenzondelelo.
13:3. Sifanele sinyaniseke kuThixo oyinyaniso nakwintlangano yakhe ngaphezu kokunyaniseka nakuwuphi na umntu, nokuba sinolwalamano olusenyongweni kangakanani na naloo mntu.
13:8, 9. Abawexuki uYehova awabagatyayo babelinani elikhulu, iinxalenye ezimbini zelizwe. Yinxalenye yesithathu kuphela eyasulungekiswayo ngokungathi kusemlilweni. Kwixesha lethu iNgqobhoko, abantu abaninzi kuyo abathi bangamaKristu, iye yagatywa nguYehova. Kuphela liqaqobana, amaKristu athanjisiweyo, ‘eliye labiza egameni likaYehova’ laza lazithoba ukuze lisulungekiswe. Lona namakholwa angoowabo akangomaNgqina kaYehova ngegama nje kuphela.
Masibonise Inzondelelo
Oko kwakuvakaliswa nguHagayi noZekariya kusichaphazela njani thina namhlanje? Xa sicinga ngendlela isigidimi sabo esawachukumisa ngayo amaYuda ukuba anikele ingqalelo kumsebenzi wokwakha itempile kwakhona, ngaba akusishukumiseli ekubeni nesabelo ngenzondelelo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi?
UZekariya waprofeta ukuba uMesiya uza kuza ‘ekhwele e-esileni,’ angcatshwe ‘ngamaqhosha esilivere angamashumi amathathu,’ axatyelwe, “uze uchithachitheke umhlambi” wakhe. (Zekariya 9:9; 11:12; 13:7) Xa sicamngca ngokuzaliseka kweziprofeto zikaZekariya ezingoMesiya, kusomeleza ukholo ngokwenene oko! (Mateyu 21:1-9; 26:31, 56; 27:3-10) Siyomelela xa sicinga ngezithembiso ezikwiLizwi likaYehova namalungiselelo akhe okusisindisa.—Hebhere 4:12.
[Umbhalo osemazantsi]
[Ibhokisi ekwiphepha 11]
IMIBONO EFUZISELAYO ESIBHOZO KAZEKARIYA
1:8-17: Uqinisekisa ukugqitywa kwetempile yaye ubonisa ukuba iYerusalem nezinye izixeko zakwaYuda ziza kusikelelwa.
1:18-21: Uthembisa ukuba “iimpondo ezasasaza uYuda,” ziza kuphela, oko kukuthi bonke oorhulumente abachasa unqulo lukaYehova.
2:1-13: Ubonisa ukuba iYerusalem iya kwanda yaye uYehova uya “kuba ludonga lomlilo macala onke”—ikhusi.
3:1-10: Ubonisa ukuba uSathana wayebandakanyekile ekuchaseni umsebenzi wetempile yaye uMbingeleli Omkhulu uYoshuwa wahlangulwa waza wahlanjululwa.
4:1-14: Uqinisekisa ukuba imiqobo efana nentaba iya kudilizwa yaye iRhuluneli uZerubhabheli iya kugqiba ukwakha itempile.
5:1-4: Ubhengeza isiqalekiso kubenzi bobubi abaye abagwetywa.
5:5-11: Uxela ukupheliswa kobungendawo.
6:1-8: Uthembisa ukwalathiswa nokukhuselwa ziingelosi.
[Umfanekiso okwiphepha 8]
Yayiyintoni injongo yesigidimi sikaHagayi nesikaZekariya?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Abo bongamelayo bafana njani ‘nesikhuni somlilo’?