Kubalisa UMateyu
21 Bathi bakufika kwiNtaba YemiNquma eBhethefage, kufutshane neYerusalem, uYesu wathumela abafundi ababini,+ 2 wathi kubo: “Hambani niye kule lali iphambi kwenu; niza kubona idonki ibotshelelwe nenkonyane layo. Zikhululeni, nizizise kum. 3 Ukuba kukho umntu onibuzayo, ze nithi, ‘Ziyafunwa yiNkosi.’ Uza kutsho aninike ngoko nangoko.”
4 Le nto yenzeka ukuze kwenzeke into eyathethwa ngumprofeti, esithi: 5 “Xelelani intombi yaseZiyon nithi, ‘Jonga! Nanko ukumkani wakho esiza kuwe,+ ezolile,+ ekhwele idonki, ekhwele inkonyane.’”+
6 Ngoko abafundi bakhe bahamba baza bayenza yonke le nto uYesu wayebathume yona.+ 7 Beza nayo ke idonki nenkonyane layo, babeka kuzo izambatho zabo zangaphezulu, waza uYesu wahlala phezu kwazo.+ 8 Uninzi lwabantu lwandlala izambatho zabo zangaphezulu endleleni,+ babe abanye begawula amasebe emithi, bewandlala endleleni. 9 Abanye abantu babehamba phambi kwakhe, abanye emva kwakhe, bekhwaza besithi: “Thixo, sindisa uNyana kaDavide!+ Usikelelwe lowo uza egameni likaYehova!*+ Msindise, wena ukwindawo ephakamileyo!”+
10 Wathi xa engena eYerusalem, kwakho isiphithiphithi esixekweni, ingulowo esithi: “Ngubani lo?” 11 Aba bantu babehamba noYesu babemane bephendula besithi: “Lo ngumprofeti uYesu,+ waseNazarete eGalili!”
12 UYesu wangena etempileni wagxotha bonke abantu ababethengisa nababethenga etempileni, wawisa iitafile zabo zokutshintsha imali nezitulo zabo babethengisa amahobe.+ 13 Wathi kubo: “Kubhaliwe kwathiwa, ‘Indlu yam iza kubizwa ngokuba yindlu yomthandazo,’+ kodwa nina niyenza indawo yootsotsi.”+ 14 Elapho etempileni kweza kuye abantu abangaboniyo nabaziziqhwala, wabaphilisa.
15 Xa ababingeleli abaziintloko nababhali babona imimangaliso awayenzayo, beva namakhwenkwe awayekhwaza etempileni esithi, “Thixo, sindisa uNyana kaDavide!”+ bacaphuka,+ 16 baza bathi kuye: “Uyayiva na le nto ithethwa ngaba bantwana?” UYesu wathi: “Ewe ndiyayiva. Kodwa anizange niyifunde na eZibhalweni indawo ethi, ‘Wena wenza abantwana neentsana bakudumise’?”+ 17 Wabashiya, waphuma esixekweni, waya eBhethani, waza walala khona.+
18 Ngentsasa elandelayo, xa wayebuyela esixekweni, walamba.+ 19 Wabona umthi wamafiya* ecaleni kwendlela, waya kuwo, wafika ungenanto, ingamagqabi odwa,+ waza wathi kuwo: “Makungaze kuphinde kuphume mafiya* kuwe ngonaphakade.” Woma ngoko nangoko loo mthi.+ 20 Bakuyibona le nto abafundi bakhe bamangaliswa baza bathi: “Yintoni eyomise lo mthi ngokukhawuleza kangaka?”+ 21 UYesu wathi kubo: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, ukuba nje niyakholwa, ningathandabuzi, anizukuphelela nje ekwenzeni le nto ndiyenze kulo mthi, kodwa ningade nithi nakule ntaba, ‘Suka apha, uhambe uyokutshona elwandle,’ yenzeke loo nto.+ 22 Zonke izinto enizicela emthandazweni, ninokholo, niza kuzifumana.”+
23 UYesu wangena etempileni waza wafundisa. Kweza ababingeleli abaziintloko nabadala, bathi kuye: “Uyithatha phi imvume yokwenza ezi zinto? Uyinikwe ngubani?”+ 24 UYesu wathi kubo: “Nam ndiza kunibuza into ibe nye. Ukuba niyandiphendula, nam ndiza kunixelela ukuba ndiyithatha phi imvume yokwenza ezi zinto: 25 UYohane wayethunywe ngubani ukuba abhaptize? NguThixo okanye ngabantu?” Kodwa bathetha bodwa besithi: “Ukuba sithi, ‘Wayethunywe nguThixo,’ uza kuthi, ‘Kwakutheni ke ze ningamkholelwa?’+ 26 Kodwa ukuba sithi, ‘Wayethunywe ngabantu,’ siza kuthi shu ngaba bantu, kuba bonke bathi uYohane ngumprofeti.” 27 Ngoko bamphendula uYesu bathi: “Asazi.” Naye ke wathi kubo: “Nam ke andizukunixelela ukuba ndiyithatha phi imvume yokwenza ezi zinto.
28 “Kwakukho enye indoda eyayinabantwana ababini. Yathi kowokuqala, ‘Mntanam, hamba uyokusebenza entsimini yeediliya namhlanje.’ 29 Wathi, ‘Andizukuya apho,’ kodwa emva koko wazisola, waya. 30 Wathetha kwaloo nto nakomnye, waza yena wathi, ‘Ndiza kuya tata,’ kodwa akaya. 31 Khanitsho ke! Ngubani kwaba bantwana owenza ukuthanda kukatata wakhe?” Bathi: “Ngulowa wokuqala.” UYesu wathi kubo: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, abaqokeleli berhafu namahenyukazi bayanishiya ukungena eBukumkanini bukaThixo. 32 Kuba uYohane weza kunibonisa indlela yobulungisa, kodwa anizange nimkholelwe. Bona abaqokeleli berhafu namahenyukazi bamkholelwa,+ kodwa naloo nto ayizange inenze nizisole, nize nimkholelwe.
33 “Nanku omnye umzekelo: Kwakukho umntu owayenomhlaba, wawubiya, wawenza intsimi yeediliya,+ wemba isixovulelo sewayini, wakha nenqaba.+ Emva koko, waqeshisa ngaloo ntsimi kubalimi, waza waya kwelinye ilizwe.+ 34 Kwathi xa kufika ixesha lokuvuna, wathuma amakhoboka ukuba ayokuthatha ezakhe iziqhamo kwaba balimi. 35 Kodwa, abalimi bawabamba loo makhoboka, elinye balibetha kanobom, elinye balibulala, elinye balibetha ngamatye.+ 36 Waphinda wathuma amanye amakhoboka amaninzi kunala okuqala, kodwa benza loo nto nakuwo.+ 37 Ekugqibeleni wathuma unyana wakhe, esithi, ‘Baza kumhlonipha unyana wam.’ 38 Bathe bakumbona lo nyana abalimi, bathi, ‘Nantsi indlalifa.+ Yizani siyibulale sitsho sifumane ilifa layo!’ 39 Ngoko bambamba, bamphosa ngaphandle kwentsimi, bambulala.+ 40 Xa ebuya ke umnikazi wentsimi, uza kubenza ntoni aba balimi?” 41 Bathi kuye: “Ngenxa yokuba bekhohlakele, uza kubabulala aze aqeshise ngentsimi yakhe kwabanye abalimi abaza kumnika iziqhamo zakhe xa zivuthiwe.”
42 UYesu wathi: “Zange niyifunde na eZibhalweni into ethi, ‘Ilitye elalingafunwa ngabakhi liye laba lilitye lekona eliyintloko.+ Le nto yenziwe nguYehova,* ibe iyamangalisa kuthi’?+ 43 Yiloo nto ndisithi kuni, uBukumkani bukaThixo buza kuthathwa kuni buze bunikwe uhlanga oluvelisa iziqhamo zabo. 44 Ke, umntu owa phezu kweli litye uza kwenzakala kakubi.+ Nabani na elimwelayo, liza kumtyumza.”+
45 Bathi ababingeleli abaziintloko nabaFarisi bakuva le mizekelo, baqonda ukuba uthetha ngabo.+ 46 Nangona babefuna ukumbamba, babesoyika abantu ababelapho, kuba abantu babesithi ungumprofeti.+