Duteronomi
11 “Uze umthande uYehova uThixo wakho,+ uhlale uzenza izinto afuna uzenze, uthobele imithetho yakhe, izigwebo zakhe nemiyalelo yakhe. 2 Ezi zinto ndizibhekisa kuni, kungekhona oonyana benu abangayaziyo nabangayibonanga ingqeqesho kaYehova uThixo wenu,+ ubukhulu bakhe,+ isandla sakhe esinamandla+ nengalo yakhe eyoluliweyo. 3 Abazange bayibone imimangaliso kaThixo nezinto awazenza eYiputa kuFaro ukumkani waseYiputa nakulo lonke ilizwe lakhe;+ 4 okanye oko wakwenza kumkhosi waseYiputa, kumahashe kaFaro nakwiinqwelo zakhe zokulwa, xa wazigubungela ngamanzi oLwandle Olubomvu ngokuya zazinileqa, waza uYehova wazitshabalalisa ngonaphakade.+ 5 Abazange bazibone izinto uThixo awanenzela* zona entlango, nada naza kufika kule ndawo, 6 okanye into awayenza kuDatan noAbhiram oonyana bakaEliyabhi unyana kaRubhen, xa kwavuleka umhlaba waza wabaginya phambi kwawo onke amaSirayeli, waginya neentsapho zabo, iintente zabo nabo bonke abantu nemfuyo eyayibalandela.+ 7 Nazibonela ngamehlo enu zonke izinto ezinkulu uYehova awazenzayo.
8 “Nimele niyithobele yonke imiyalelo endiniyalela yona namhlanje, ukuze nibe luhlanga olomeleleyo nize ningene, nilithathe ilizwe, 9 nokuze nihlale ixesha elide+ kwilizwe uYehova awafunga ukulinika ookhokho benu nenzala yabo,+ ilizwe eligcwele ubisi nobusi.+
10 “Eli lizwe eniza kulithatha alifani nelizwe laseYiputa enaphuma kulo, apho nanityala imbewu nize niyinkcenkceshele nzima, njengegadi yemifuno. 11 Kodwa ilizwe enisele niza kuwela ningene kulo, lilizwe elineentaba neentlambo.+ Lifumana amanzi emvula.+ 12 Lilizwe alikhathalelayo uYehova uThixo wakho. Amehlo kaYehova uThixo wakho asoloko ekulo, ukususela ekuqaleni konyaka ukuya ekupheleni kwawo.
13 “Ukuba nizimisele ukuthobela imiyalelo yam endiniyalela yona namhlanje, nize nimthande uYehova uThixo wenu, nimkhonze ngentliziyo yenu yonke nangomphefumlo* wenu wonke,+ 14 ndiza kulinika imvula ilizwe lenu ngexesha elifanelekileyo, imvula yasekwindla nemvula yasentwasahlobo, yaye niza kutsho niqokelele ukutya kwenu okuziinkozo, iwayini yenu entsha neoli yenu.+ 15 Emadlelweni enu kuza kubakho utyani ukuze imfuyo yenu itye, nize nani nitye nanele.+ 16 Nize nilumke ukuba intliziyo yenu ingahendeki, nikhonze abanye oothixo yaye niqubude kubo.+ 17 Kungenjalo uYehova uza kucaphuka kakhulu, awavale amazulu kuze kunganethi,+ uze nomhlaba ungabi namveliso, nikhawuleze nitshabalale kwilizwe elihle uYehova aninika lona.+
18 “La mazwi nimele niwabethelele ezintliziyweni nasemiphefumlweni yenu, niwabophelele ezandleni zenu ukuze niwakhumbule, niwabophelele nasebunzi.+ 19 Nize niwafundise abantwana benu, nithethe ngawo xa nihleli ezindlini zenu, xa nihamba endleleni, xa nilala naxa nivuka.+ 20 Nize niwabhale emigubasini yezindlu zenu nasezigeyithini, 21 ukuze nina noonyana benu nihlale ixesha elide+ kwilizwe uYehova awafunga ukulinika ookhokho benu,+ nihlale kulo yonke imihla amazulu esephezu komhlaba.
22 “Ukuba niyayithobela yonke le miyalelo endininika yona nize niyenze, nimthande uYehova uThixo wenu,+ nihambe ngeendlela zakhe zonke nize nithi nca kuye,+ 23 uYehova uza kuzigxotha zonke ezi ntlanga phambi kwenu,+ yaye niza koxutha amazwe eentlanga ezinkulu nezinabantu abaninzi ngaphezu kwenu.+ 24 Zonke iindawo eniza kuhamba kuzo, ziza kuba zezenu.+ Umda wenu uza kususela entlango uye eLebhanon, ususele eMlanjeni, umlambo umEfrate, uye kulwandle lwasentshona.*+ 25 Akukho mntu uza kumelana nani.+ UYehova uThixo wenu uza kubenza banoyike baze bankwantye abantu belizwe eniza kuhamba kulo,+ kanye njengokuba enithembisile.
26 “Jongani, namhlanje ndibeka phambi kwenu intsikelelo nesiqalekiso:+ 27 intsikelelo niza kuyifumana ukuba niyayithobela imiyalelo kaYehova uThixo wenu endiniyalela yona namhlanje,+ 28 yaye niza kuqalekiswa xa ningayithobeli imiyalelo kaYehova uThixo wenu,+ niphume endleleni endiniyalela ukuba nihambe ngayo, nize nilandele oothixo ebeningabazi.
29 “Xa uYehova eningenisa kwilizwe eniza kuhlala kulo, nimele niyisikelele iNtaba YeGerizim, nize niyiqalekise iNtaba Ye-Ebhali.+ 30 Ngaba ezi ntaba azikho ngaphesheya kweYordan ngasentshona, kwilizwe lamaKanan ahlala eArabha, emelene neGiligali, ecaleni kwemithi emikhulu kaMore?+ 31 Niwela iYordan ukuze ningene nilithathe ilizwe aninika lona uYehova uThixo wenu.+ Xa sele nihlala kulo, 32 nize niqiniseke ukuba niyayithobela yonke imithetho nezigwebo endinixelela zona namhlanje.+