Isaya
6 Ngonyaka wokufa kukaKumkani u-Uziya,+ ndabona uYehova ehleli kwitrone ephakamileyo nephezulu,+ imibhinqo yakhe izalise itempile. 2 Iiserafi zazisentla kwakhe. Nganye yayinamaphiko amathandathu. Nganye igqume ubuso bayo ngamaphiko amabini, ngamabini igqume iinyawo zayo, ngamabini iphaphazela.
3 Enye yathi kwenye:
“Ungcwele, ungcwele, ungcwele uYehova wemikhosi.+
Umhlaba wonke ugcwele uzuko lwakhe.”
4 Zashukuma iihenjisi zemigubasi ngenxa yokukhwaza kwazo,* nendlu yagcwala umsi.+
5 Mna ke ndathi: “Ndisengxakini!
Ndifana nje nofileyo,*
Kuba ndiyindoda enemilebe engacocekanga,
Yaye ndihlala phakathi kwesizwana esinemilebe engacocekanga;+
Kuba amehlo am abone uKumkani, uYehova wemikhosi ngokwakhe!”
6 Ngelo xesha, enye yeeserafi yaphaphazela yeza kum, iphethe ilahle elibomvu,+ eyayilithathe esibingelelweni ngento yokubamba.+ 7 Yachukumisa umlomo wam, yathi:
“Jonga! Njengokuba ichukunyisiwe imilebe yakho,
Ityala lakho licinyiwe,
Yaye isono sakho sihlawulelwe.”
8 Emva koko ndeva ilizwi likaYehova lisithi: “Ndothuma bani na, ngubani na owosiyela?”+ Ndathi: “Ndikhona! Thuma mna!”+
9 UThixo wathi, “Hamba, uyokuthi kwesi sizwana:
‘Niza kuva ngokuphindaphindiweyo,
Kodwa akukho nto niza kuyiqonda;
Niza kubona ngokuphindaphindiweyo,
Kodwa akukho lwazi niza kulufumana.’+
10 Yenze ibe lukhuni intliziyo yesi sizwana,+
Neendlebe zaso zivingce,+
Wavale mba amehlo aso,
Ukuze singaboni ngamehlo,
Singeva nangeendlebe,
Ukuze ingacacelwa intliziyo yaso,
Singaguquki size siphiliswe.”
11 Ndathi ke mna: “Kude kube nini na, Yehova?” Yena wathi:
“Zide izixeko zibe ngamanxuwa angenabemi,
Nezindlu zingabi nabantu,
Nelizwe libe ngamabhodlo angahlali mntu,+
12 De uYehova abafudusele kude abantu,+
Lingabi nabantu kwaphela ilizwe.
13 “Kodwa kuza kubakho isishumi sabantu esishiyekayo, ibe nabo baza kutshiswa, njengomthi omkhulu nanjengomthi wom-oki, othi emva kokuba ugawulwe ushiye isikhondo. Imbewu* engcwele iza kuba sisiphunzi.”