Isaya
10 Baza kuthi shu abantu ababeka imithetho eyenzakalisayo,+
Abahlala bebhala imithetho ecinezelayo,
2 Abangasihoyanga isimangalo sehlwempu,
Abangabenzeli bulungisa abantu bam abangenanto,+
Abenza abahlolokazi amaxhoba abo,
4 Akusekho nto ishiyekileyo ngaphandle kokuba nichophe phakathi kwamabanjwa
Okanye niwe phakathi kwabantu ababuleweyo?
Ngenxa yale nto, umsindo wakhe awuzukujika,
Uza kuqhubeka esolulele ukubabetha isandla sakhe.+
Intonga yokubonakalisa umsindo wam,+
Induku esesandleni sabo endohlwaya ngayo!
6 Ndiza kumthumela kuhlanga oluwexukileyo,+
Kubantu abandicaphukisayo.
Ndiza kumyalela ukuba oxuthe izinto ezininzi,
Abaxovule oku kodaka olusezitratweni.+
7 Kodwa yena uza kube engacingi ngaloo ndlela,
Nentliziyo yakhe ingenazo ezo njongo.
Kaloku eyona nto isentliziyweni yakhe kukutshabalalisa,
Kukunqumla iintlanga ezininzi, hayi nje ezimbalwa.
9 IKaleno+ ayifani na neKarkemishe?+
IHamati+ ayifani na neArpadi?+
ISamariya+ ayifani na neDamasko?+
10 Isandla sam siye sabamba izizwe ezinoothixo abangancedi nganto,
Abanemifanekiso eqingqiweyo emininzi kuneyaseYerusalem naseSamariya!+
11 Ekubeni ndiye ndenza ngale ndlela eSamariya nakoothixo bayo abangancedi nganto
Andizukwenza njalo na nakwiYerusalem nakoothixo bayo abangancedi nganto?’+
12 “Uza kuthi uYehova akugqiba ukwenza wonke umsebenzi wakhe eNtabeni YeZiyon naseYerusalem, ohlwaye* ukumkani waseAsiriya ngenxa yentliziyo yakhe enetshiki nangendlela ajama ngayo ngendelelo.+ 13 Kuba uthi umAsiriya,
‘Yonke le nto ndiza kuyenza ngamandla esandla sam,
Nangobulumko bam, kuba ndilumkile.
Ndiza kuyisusa imida yezizwana,+
Ndirhwaphilize nobutyebi bazo,+
Yaye ndiza kuboyisa abemi njengegorha.+
14 Njengomntu esolulela isandla sakhe kwindlwane yentaka;
Isandla sam siza kuthatha ubutyebi bezizwana;
Njengomntu oqokelela amaqanda ashiyiweyo,
Ndiza kuwuqokelela wonke umhlaba,
Akukho mntu uza kuphaphazelisa amaphiko akhe okanye avule umlomo okanye atswitswize.’”
15 Ngaba izembe lingaziphakamisa ngaphezu komntu ogawula ngalo?
Ngaba isarha ingaziphakamisa ngaphezu komntu osarha ngayo?
Umsimelelo+ ungakwazi na ukujiwuzisa umntu owuphetheyo?
Okanye ingakwazi na intonga ukuphakamisa lowo ungenziwanga ngomthi?
16 Ngoko ke iNkosi yokwenene, uYehova wemikhosi,
Iza kubenza babhitye abo batyebileyo,+
Yaye phantsi kozuko lwakhe uza kubasa umlilo odangazelayo.+
17 UkuKhanya kukaSirayeli+ kuza kuba ngumlilo,+
NaLowo Ungcwele wakhe abe lidangatye;
Liza kuvutha lize litshise ukhula namatyholo anameva ngamini-nye.
18 Uza kuluncothula neengcambu uzuko lwehlathi lakhe nolwemithi yakhe yeziqhamo;
Luza kuba ngathi kukuphela komntu ogulayo.+
19 Imithi eshiyekileyo kwihlathi lakhe
Iza kuba mbalwa kangangokuba ingabalwa nayinkwenkwana.
20 Ngaloo mini abashiyekileyo bakwaSirayeli
Nabasindileyo bendlu kaYakobi
Abazi kuphinda bazixhase ngomntu obabethayo;+
Kodwa ngokuthembeka, baza kuzixhasa ngoYehova,
Lowo Ungcwele kaSirayeli.
23 Nakanjani, iNkosi enguMongami uYehova wemikhosi,
Iza kuphumeza isigqibo sokutshabalalisa lonke eli lizwe.+
24 Ngoko ke iNkosi enguMongami uYehova wemikhosi ithi: “Sanukumoyika bantu bam abahlala eZiyon, umAsiriya, owayekade enibetha ngentonga+ nowayeniphakamisela induku ngendlela eyenza ngayo iYiputa.+ 25 Kungekudala, isiqalekiso siza kuphela; umsindo wam ndiza kuwukhuphela kuye ndize ndimtshabalalise.+ 26 UYehova wemikhosi uza kumkhuphela isabhokhwe,+ njengaxa kwakusoyiswa uMidiyan ngakwiliwa laseOrebhi.+ Umsimelelo wakhe uza kuba phezu kolwandle, yaye uza kuwuphakamisa ngendlela awenza ngayo kwiYiputa.+
27 Ngaloo mini umthwalo wakhe uza kusuka egxalabeni lakho,+
Nedyokhwe yakhe isuke entanyeni yakho,+
Yaphulwe+ ngenxa yeoli.”
30 Khala kakhulu ntombi yaseGalim.
Mamela Layisha!
Wena Anatoti+ elusizana!
31 IMademena ibalekile.
Abemi baseGebhim bakhangele ikhusi.
32 Ngale mini uza kuma eNobhi.+
Uyilingisa ngenqindi intaba yesixeko saseZiyon,
Induli yaseYerusalem.