Isaya
14 UYehova uza kumenzela inceba uYakobi,+ yaye uza kuphinda awakhethe amaSirayeli.+ Uza kuwahlalisa* emhlabeni wawo,+ yaye abantu basemzini baza kuhamba nawo, bathi nca kwindlu kaYakobi.+ 2 Izizwana ziza kuwagodusa amaSirayeli, ibe ezi zizwana ziza kwenziwa izicaka nezicakakazi yindlu kaSirayeli+ kwilizwe likaYehova; yaye aza kuthimba izizwe ezawathimbayo, abe ziinkosi kwabo babewanyanzela ukuba asebenze.*
3 Kuza kuthi ngaloo mini, xa uYehova ekunika isiqabu kwintlungu yakho nakwiingxaki zakho nakubukhoboka otyhubele kubo,+ 4 uthethe le nto ngokumkani* waseBhabhiloni:
“Ndlela le aphelelwe ngayo lowo ebeqweqwedisa abanye!
Iphele tu ingcinezelo!+
5 UYehova uyaphule intonga yezikhohlakali,
Umsimelelo wabalawuli,+
6 Lowo uzibethela emsindweni izizwana, engaphezi,+
Lowo uthimba iintlanga ngenkohlakalo, ezingcungcuthekisa ngokungapheziyo.+
7 Ngoku wonke umhlaba uphumle, awuphazanyiswa.
Abantu bakhwaza ngentswahla yovuyo.+
8 Kwanemithi yejunipha inemihlali ngawe,
Nemithi yemisedare yaseLebhanon,
Ithi, ‘Ekubeni uye wawa,
Akukho mgawuli weenkuni uza kusigawula.’
Ngenxa yakho livusa abo bangenamandla ekufeni,
Zonke iinkokheli zomhlaba ezicinezelayo.*
Libangela bonke ookumkani bezizwe baphakame ezitroneni zabo.
10 Bonke bathi kuwe ngazwi-nye,
‘Nawe na uphelelwe ngamandla njengathi?
Ufana nathi na ngoku?
Iimpethu ziyibhedi yakho,
Nemibungu yingubo yakho.’
12 Ndlela le owe ngayo emazulwini,
Wena uqaqambileyo, nyana wesifingo!
Ndlela le ogawulwe ngayo wawela emhlabeni,
Wena owawusoyisa iintlanga!+
13 Entliziyweni yakho uthe, ‘Ndiza kunyukela emazulwini.+
Itrone yam ndiza kuyiphakamisa ibe ngaphaya kweenkwenkwezi zikaThixo,+
Ndihlale entabeni yokuhlangana,
Kwezona ndawo zithe qelele emntla.+
14 Niza kunyukela ngaphaya kwamafu;
Ndiza kuzifanisa nOyena Uphakamileyo.’
16 Abo bakubonayo baza kukujamela;
Baza kukuhlolisisa baze bathi,
‘Ngaba yile ndoda eyayigungqisa umhlaba le,
Eyayinyikimisa izizwe,+
17 Eyenza ilizwe ekuhlalwa kulo lanjengendawo eyomileyo
Eyabhukuqa izixeko zayo,+
Ingavumi ukukhulula amabanjwa agoduke?’+
19 Kodwa wena ulahlwe pha, awunangcwaba,
Unjengehlumelo elenyanyekayo,
Wambathiswe ngezidumbu ezixhaxhwe ngekrele,
Eziya emngxunyeni onamatye,
Njengesidumbu esinyathelweyo.
Inzala yabenzi-bubi ayisoze iphinde ibe nagama.
21 Lungiselelani isiqobo abaza kuxhaxhelwa kuso oonyana bakhe
Ngenxa yetyala lookhokho babo,
Ukuze bangathi vumbu baze balawule umhlaba
Baze bagcwalise ilizwe ngezixeko zabo.”
22 “Ndiza kusuka ndilwe nayo,”+ utsho uYehova wemikhosi.
“Ndiza kutshabalalisa igama, abantu abashiyekileyo, inzala nobutyebi baseBhabhiloni,”+ utsho uYehova.
23 “Ndiza kuyenza imigxobhozo nelifa leencanda, yaye ndiza kuyitshayela ngomtshayelo wembubhiso,”+ utsho uYehova wemikhosi.
24 UYehova wemikhosi ufungile, esithi:
“Kuza kuba njengokuba ndicebile,
Iza kwenzeka into endigqibe ukuba ndiza kuyenza.
Idyokhwe yakhe iza kususwa kubo,
Nomthwalo uza kususwa emagxeni abo.”+
Soluliwe isandla sakhe,
Ngoko ngubani onokusithintela?+
28 Ngonyaka awafa ngawo uKumkani uAhazi,+ kwakhutshwa esi sibhengezo:
29 “Ungakhe ulinge uvuye Filisti,
Ngenxa yokuba induku yalowo ebekubetha yaphukile.
Kuba engcanjini yenamba+ kuza kuphuma inyoka enobuhlungu,+
Ibe intshontsho layo liza kuba yinyoka ebhabhayo ebumlilorha.*
30 Ngoxa amazibulo abo bangenanto esitya,
Namahlwempu elala ekhuselekile,
Ndiza kuyibulala ingcambu yakho ngendlala,
Nento eshiyekileyo kuwe iza kubulawa.+
31 Khala kakhulu geyithi! Khwaza sixeko!
Nonke nina maFilisti niza kutyhafa intliziyo!
Kuba umsi ovela ngasemntla uyeza,
Yaye akukho namnye uphumayo kumkrozo.”
32 Bafanele babaphendule njani abathunywa bohlanga?
UYehova ubeke isiseko seZiyon,+
Yaye abaxhwalekileyo ebantwini bakhe baza kubalekela kuyo.