Isaya
28 Siza kufikelwa yintlekele isithsaba* esikhazimlayo* samanxila akwaEfrayim,+
Bufiphale nobukhazikhazi baso,
Kuloo nkcochoyi yentlambo echumayo yabo boyiswe yiwayini!
2 Jongani! UYehova unomntu owomeleleyo nonamandla.
Unjengesichotho esihamba neendudumo, isivuthuvuthu esitshabalalisayo,
Unjengesikhukula esineendudumo namandla,
Uza kusikhahlela phantsi emhlabeni eso sithsaba.
4 Intyatyambo ebunayo yomhombiso wakhe
Esenkcochoyini yentlambo echumileyo,
Iza kuba njengefiya* langaphambi kokuba kube sehlotyeni.
Xa umntu elibona, uza kukhawuleza aliginye lakuba sesandleni sakhe.
5 Ngaloo mini, uYehova wemikhosi uza kuba sisithsaba nesidanga esihle kwabo bashiyekileyo ebantwini bakhe.+ 6 Uza kumkhuthaza ukuba enze ubulungisa lowo* ugwebayo, abe ngumthombo wamandla nakwabo banqanda idabi lisesegeyithini.+
7 Futhi naba bayabhadula ngenxa yewayini;
Utywala babo buyabagxadazelisa.
Umbingeleli nomprofeti bayabhadula ngenxa yotywala;
Iwayini ibenza babhideke,
Utywala babo buyabagxadazelisa;
Imibono yabo ibenza babhadule,
Bayabhuda xa begweba.+
8 Iitafile zabo zibubutyadidi nje ngumgabho,
Akukho ndawo ingenawo.
9 Kuza kufundiswa bani na,
Yaye ngubani oza kucaciselwa lo myalezo?
Ngabo balunyulweyo?
Ngabo basanda kuyeka ukuncanca?
10 Kuba “ngumyalelo emva komyalelo, umyalelo emva komyalelo,
Intambo yokumeta phezu kwentambo yokumeta, intambo yokumeta phezu kwentambo yokumeta,+
Okuncinci apha, okuncinci phaya.”
11 Uza kuthetha naba bantu esebenzisa abantu abathintithayo, nabathetha ulwimi lwasemzini.+ 12 UThixo wakha wathi kubo: “Le yindawo yokuphumla. Makaphumle odiniweyo; le yindawo yokuzihlaziya,” kodwa abazange bafune ukummamela.+ 13 Ngoko uthi uYehova kubo:
“Ngumyalelo emva komyalelo, umyalelo emva komyalelo,
Intambo yokumeta phezu kwentambo yokumeta,+
Okuncinci apha, okuncinci phaya.”
Into eza kwenzeka kukuba, xa behamba,
Baza kukhubeka bayokuwa ngenqentsu
Bophuke, barhintyelwe baze babanjiswe.+
14 Ngoko liveni ilizwi likaYehova, madodandini aqhayisayo,
Nina balawuli baba bantu baseYerusalem,
15 Kuba nina madodandini nithi:
Xa sifika isikhukula,
Asizukuza kuthi,
Kuba senze ubuxoki baba likhusi lethu
Ibe sizimele ngobumenemene.”+
16 Ngoko iNkosi enguMongami uYehova ithi:
“Ndibeka ilitye elomeleleyo libe sisiseko seZiyon,+
Akukho mntu oqhubeka enokholo kulo oza kuphakuzela.+
Isichotho siza kuyitshayela indawo yokubalekela yobuxoki,
Namanzi aza kulikhukulisa ikhusi.
Xa sidlula isikhukula,
Siza kunikhukulisa.
Kukoyika kuphela okuza kubenza bayiqonde into eviweyo.”*
20 Kuba ibhedi imfutshane gqitha ukuba uzolule kuyo,
Neshiti elilukiweyo lincinci gqitha ukuba ungazisonga ngalo.
21 Kuba uYehova uza kuphakama eNtabeni YePeratsim;
Uza kuziphakamisa njengasentlanjeni ekufuphi* neGibheyon,+
Ukuze enze umsebenzi wakhe, umsebenzi wakhe omangalisayo,
Nokuze asebenze umsebenzi wakhe ongaqhelekanga.+
Ukuze amatsheyini enu angaqiniswa ngaphezu koku,
Kuba ndivile ngeNkosi enguMongami, uYehova wemikhosi,
23 Vulani iindlebe nize nimamele ilizwi lam;
Mamelisisani nize nive into endiyithethayo.
24 Ngaba umlimi ulungisa umhlaba imini yonke, kodwa angade atyale mbewu?
Ngaba uqhubeka e-erha angayeki?+
25 Akathi na xa egqibile ukugudisa umhlaba,
Asasaze ikumin emnyama aze atyale ikumin,
Ngaba akayityali endaweni yayo na ingqolowa, amazimba nerhasi,
Nehabile+ ayijikelezise umda?
26 Kuba uThixo umlungisa* aze amyalele+ ngendlela emfaneleyo umntu.
27 Kuba ikumin emnyama ayibhulwa ngesileyi sokubhula,+
Ingabhulwa nangokuhambisa ivili lenqwelo phezu kwayo.
Ibhulwa ngentonga,
Nangomsimelelo.
28 Ngaba umntu uyazityumza iinkozo xa ezibhula?