Isahluko Samashumi Amabini Anesibini
UIsaya Uxela Kwangaphambili ‘Isenzo Esimangalisayo’ SikaYehova
1, 2. Kutheni uSirayeli noYuda beziva bekhuselekile?
OKWETHUTYANA, uSirayeli noYuda baziva bekhuselekile. Iinkokeli zabo ziye zazimanya kwezobupolitika kunye namazwe omelele ngakumbi, ngelinge lokufuna ukukhuseleka kwihlabathi elinobungozi. ISamariya, ikomkhulu lakwaSirayeli, iye yazimanya neSiriya eselumelwaneni, yaza yona iYerusalem, ikomkhulu lakwaYuda, yathembela kwiAsiriya ekhohlakeleyo.
2 Phezu kwako nje ukuzimanya kobukhosi basentla kunye negunya elitsha lezobupolitika, abathile kubo basenokuba balindele ukuba uYehova abakhusele—phezu kwako nje ukuqhubeka kwabo benqula amathole egolide. Ngokukwanjalo noYuda weyisekile kukuba uYehova uza kumkhusela. Ngapha koko, itempile kaYehova ayikho seYerusalem kusini na, isixeko esilikomkhulu labo? Kodwa kuzo zombini ezo zizwe kuza kwenzeka iziganeko ezingalindelekanga. UYehova uphefumlela uIsaya ukuba axele kwangaphambili iziganeko eziza kubonakala zimangalisa ngokwenene kwaba bantu bakhe bawexukileyo. Yaye amazwi akhe anesifundo esibalulekileyo nakuthi namhlanje.
“Amanxila AkwaEfrayim”
3, 4. Yintoni obuziqhenya ngayo ubukhosi basentla bakwaSirayeli?
3 UIsaya usiqalisa isiprofeto sakhe ngamazwi othusayo, esithi: “Yeha kuso isithsaba sobuhandiba samanxila akwaEfrayim, nentyatyambo ebunayo yomhombiso wakhe wobuhle esemantloko entlambo echumayo yabo bonganyelwe yiwayini! Khangela! UYehova unothile owomeleleyo nonamandla. Njengesiphango esineendudumo sesichotho, . . . ngokuqinisekileyo uya kuwisa phantsi ngamandla emhlabeni. Izithsaba zobuhandiba zamanxila akwaEfrayim ziya kunyathelwa ngeenyawo.”—Isaya 28:1-3.
4 IEfrayim, eyeyona ibalaseleyo kwizizwe ezilishumi zasentla, imela ubukhosi buphela bakwaSirayeli. Ikomkhulu layo, iSamariya, likwindawo entle nenomtsalane “emantloko entlambo echumayo.” Iinkokeli zakwaEfrayim ziyaziqhenya ‘ngesithsaba sazo sobuhandiba’ esingenakuthanani nomnombo wobukhosi bukaDavide baseYerusalem. Kodwa ‘zingamanxila,’ amanxila okomoya ngenxa yokuzimanya kwazo neSiriya ukuze zihlasele uYuda. Konke ezinegugu ngako sele kuza kunyathelwa ngabahlaseli bazo.—Thelekisa uIsaya 29:9.
5. Yiyiphi ingozi akuyo uSirayeli, kodwa liliphi ithemba alinikelayo uIsaya?
5 IEfrayim ayiyiboni ingozi ekuyo. UIsaya uhlabela mgama esithi: “Intyatyambo ebunayo yomhombiso wakhe wobuhle esemantloko entlambo echumayo imele ibe njengekhiwane lasekuqaleni ngaphambi kokuba kube sehlotyeni, ekuthi, xa obonayo elibona, aliginye ngoxa lisesesandleni sakhe.” (Isaya 28:4) IEfrayim iza kuwela ezandleni zeAsiriya, ibe njengethamo elimnandi elilunywa nje kube kanye liphele. Ngaba oko kutheth’ ukuba akukho themba kwaphela? Noko, ngokuqhelekileyo, iziprofeto zikaIsaya zomgwebo ziba nayo intlantsana yethemba. Nangona olu hlanga luza kuwa, bona abathembekileyo baza kusinda, ngoncedo lukaYehova. “UYehova wemikhosi uya kuba sisithsaba somhombiso nesidanga sobuhle kwabo baseleyo ebantwini bakhe, nomoya wobulungisa kohleli ekugwebeni, namandla kwabo bathintela idabi esangweni.”—Isaya 28:5, 6.
“Balahlekile”
6. USirayeli utshatyalaliswa njani, kodwa kutheni uYuda engafanele akuvuyele oko?
6 Imini yokugwetywa kweSamariya ifika ngowama-740 B.C.E. xa ama-Asiriya eliphanzisa elo lizwe buze nobukhosi basentla bungabi saba sisizwe esizimeleyo. Kuthekani ngoYuda? Ilizwe lakhe liza kuhlaselwa yiAsiriya, yaye kamva iBhabhiloni iza kusitshabalalisa isixeko esilikomkhulu layo. Kodwa ebudeni bokuphila kukaIsaya, itempile nobubingeleli bukaYuda buza kuhlala bukho nabaprofeti bakhe baza kuqhubeka beprofeta. Ngaba uYuda ufanele akuvuyele ukutshatyalaliswa kommelwane wakhe wasentla? Ngokuqinisekileyo akunjalo! UYehova uza kumohlwaya noYuda neenkokeli zakhe ngenxa yokungathobeli nokuswela ukholo kwabo.
7. Iinkokeli zakwaYuda zinxile ngayiphi indlela, yaye uba yintoni umphumo woko?
7 Ebhekisa isigidimi sakhe kuYuda, uIsaya uhlabela mgama esithi: “Kanjalo naba—ngenxa yewayini balahlekile yaye ngenxa yesiselo esinxilisayo baye babhadula. Umbingeleli nomprofeti—balahlekile ngenxa yesiselo esinxilisayo, badidekile ngenxa yewayini, baye babhadula ngenxa yesiselo esinxilisayo; balahlekile ekuboneni, bayahexa ekwenzeni isigqibo. Kuba zonke iitafile zizele ngumhlanzo onyhukunyhuku—akukho ndawo ingenawo.” (Isaya 28:7, 8) Enjani yona into ukwenyanyeka! Ukunxila ngokoqobo endlwini kaThixo bekuya kuba kubi ngokwaneleyo. Kodwa aba babingeleli nabaprofeti banxile ngokomoya—iingqondo zabo zididekile ngenxa yokuzithemba ngokugqithiseleyo ngenxa yomanyano abalwenze nemikhosi yabantu. Baye bazikhohlisa ngokucinga ukuba ikhondo labo lilo kuphela eliza kubanceda, mhlawumbi bekholelwa ukuba ngoku banendawo abangaphephela kuyo ukuba inkuselo kaYehova ayanelanga. Njengoko zinxilile ngokomoya, ezi nkokeli zonqulo zithetha amazwi emvukelo nangacocekanga abonisa ukungabi nalukholo lokwenene kwazo kwizithembiso zikaThixo.
8. Ibe njani intsabelo kwisigidimi sikaIsaya?
8 Iinkokeli zakwaYuda zisabela njani kwisilumkiso sikaYehova? Ziyamgculela uIsaya, zimtyhola ngelithi uthetha nazo ngokungathi ziziintsana, zisithi: “Ngubani na aya kumyalela elwazini, yaye ngubani na aya kumqondisa oko kuviweyo? Abo balunyulweyo elubisini, abo basusiweyo ebeleni? Kuba ‘ngumyalelo phezu komyalelo, umyalelo phezu komyalelo, ulutya lokulinganisa phezu kolutya lokulinganisa, ulutya lokulinganisa phezu kolutya lokulinganisa, okuncinane apha, okuncinane phaya.’” (Isaya 28:9, 10) UIsaya uvakala kubo esenza umlembelele nje ongaqhelekanga! Uphindaphinda intw’ enye, esithi: ‘Nguwo lo umyalelo kaYehova! Nguwo lo umyalelo kaYehova! Nguwo lo umlinganiselo kaYehova! Nguwo lo umlinganiselo kaYehova!’a Kodwa kungekudala uYehova uza “kuthetha” ngezenzo kubemi bakwaYuda. Uza kubathumelela imikhosi yaseBhabhiloni—abasemzini ngokwenene abathetha ulwimi olwahlukileyo. Ngokuqinisekileyo loo mikhosi iza kuwuphumeza ‘umyalelo kaYehova phezu komyalelo’ ngokuthi imbhukuqe uYuda.—Funda uIsaya 28:11-13.
Amanxila Okomoya Namhlanje
9, 10. Amazwi kaIsaya aba nentsingiselo nini yaye njani kwizizukulwana ezalandelayo?
9 Ngaba iziprofeto zikaIsaya zazaliseka kuSirayeli nakuYuda wamandulo kuphela? Akunjalo konke konke! UYesu noPawulos bawacaphula amazwi akhe baza bawabhekisa kuhlanga lomhla wabo. (Isaya 29:10, 13; Mateyu 15:8, 9; Roma 11:8) Nanamhlanje, kukho imeko efanayo naleyo yomhla kaIsaya.
10 Ngesi sihlandlo, ziinkokeli zonqulo lweNgqobhoko ezikholose ngezobupolitika. Ziyagxadazela, njengamanxila akwaSirayeli nakwaYuda, zingenelela kwimicimbi yezobupolitika, zikuvuyela ukusetyenziswa ziingangalala zeli hlabathi. Kunokuba zithethe ngenyaniso esulungekileyo yeBhayibhile, zithetha izinto ezingahlambulukanga. Umbono wazo wokomoya ufiphele, yaye azizonkokeli zikhuselekileyo zoluntu.—Mateyu 15:14.
11. Iinkokeli zeNgqobhoko zisabela njani kwisigidimi seendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo?
11 Zisabela njani iinkokeli zeNgqobhoko xa amaNgqina kaYehova etsalel’ ingqalelo yazo kwekuphela kwethemba lokwenyaniso, uBukumkani bukaThixo? Aziqondi. Kuzo, amaNgqina abonakala ebhibhidl’ amazinyo, njengeentsana. Iinkokeli zonqulo zibajongela phantsi aba bathunywa zize zibagculele. NjengamaYuda omhla kaYesu, azibufuni uBukumkani bukaThixo yaye azifuni nokuba imihlambi yazo ive ngabo. (Mateyu 23:13) Ngenxa yoko, ziyalunyukiswa ukuba uYehova akayi kusoloko ethetha ngabathunywa bakhe abangenabungozi. Liyeza ixesha lokuba abo bangazithobiyo kuBukumkani bukaThixo ‘baphulwe baze barhintyelwe,’ oko kukuthi, batshatyalaliswe ngokupheleleyo.
“Umnqophiso NokuFa”
12. Uyintoni ‘umnqophiso owenziwa nguYuda kunye nokuFa’?
12 UIsaya uhlabela mgama nesibhengezo sakhe, esithi: “Nina nithe: ‘Senze umnqophiso nokuFa; senze umbono neShiyol; umkhukula ophuphumayo, ukuba kunokwenzeka udlule, awuyi kufika kuthi, kuba senze ubuxoki baba yindawo yethu yokusabela yaye sizifihle ngokuxoka.’” (Isaya 28:14, 15) Iinkokeli zakwaYuda ziqhayisa ngelokuba amagunya ezobupolitika ezizimanye nawo ayazikhusela ukuba zingoyiswa. Zivakalelwa kukuba zenze “umnqophiso nokuFa” wokuba kungazifikeli. Kodwa elo gwiba lazo lelize aliyi kuzikhusela. Loo magunya ezizimanye nawo ngawobuxoki. Ngokufanayo nanamhlanje, ukuqhogana kweNgqobhoko neenkokeli zehlabathi akuyi kuyikhusela xa kufika ixesha likaYehova lokuyiphendulisa. Ngokwenene, iza kuchithwa.—ISityhilelo 17:16, 17.
13. Ngubani ‘olilitye elilingiweyo,’ yaye iNgqobhoko iye yamgatya njani?
13 Ngoko ke, zifanele zijonge phi ezi nkokeli zonqulo? Ngoku uIsaya ubhala isithembiso sikaYehova, esithi: “Yabona, ndibeka ilitye lesiseko eZiyon, ilitye elilingiweyo, imbombo exabisekileyo yesiseko esiqinisekileyo. Akukho namnye ubonisa ukholo uya kuphakuzela. Ndiza kwenza okusesikweni ulutya lokulinganisa nobulungisa isixhobo sokulinganisa; yaye isichotho simele sitshayele indawo yokusabela yobuxoki, namanzi aya kukhukulisa yona kanye indawo yokuzifihla.” (Isaya 28:16, 17) Kungekudala emva kokuba uIsaya ethethe la mazwi, kubekwa uKumkani uHezekiya othembekileyo etroneni eZiyon, yaye ubukhosi bakhe bukhuselwa, kungekhona kukuzimanya kwakhe nemikhosi eselumelwaneni, kodwa kukungenelela kukaYehova. Noko ke, la mazwi aphefumlelweyo akazaliseki kuHezekiya. Umpostile uPetros, ecaphula la mazwi kaIsaya, wabonisa ukuba nguYesu Kristu, womnombo okude kaHezekiya, ‘olilitye elilingiweyo’ yaye akukho namnye okholwayo Kuye omele oyike. (1 Petros 2:6) Hayi indlela ekulusizi ngayo ukuba iinkokeli zeNgqobhoko, nangona zizibiza ngokuba zingamaKristu, ziye zenza oko uYesu walayo ukukwenza! Ziye zazifunela udumo negunya kweli hlabathi kunokuba zilindele kuYehova ukuba azise uBukumkani bakhe obulawulwa nguKumkani uYesu Kristu.—Mateyu 4:8-10.
14. ‘Umnqophiso kaYuda nokuFa’ uza kubhangiswa nini?
14 Xa “umkhukula ophuphumayo” wemikhosi yaseBhabhiloni uhlasela ilizwe, uYehova uza kulibhenca igwiba likaYuda lezobupolitika njengelobuxoki. “Ngokuqinisekileyo umnqophiso wenu nokuFa uya kubhangiswa,” utsho uYehova. “Umkhukula ophuphumayo, xa udlula—kanjalo nani nimele nibe yindawo yokunyathela kwawo. Ngokufuthi kangangoko xa udlula, . . . umele ube sisizathu sokungcangcazela ukuze uqondise abanye oko kuviweyo.” (Isaya 28:18, 19) Ewe, kukho isifundo esinamandla esinokusifunda koko kwenzeka kwabo bazibanga bekhonza uYehova kodwa babe bekholose ngemikhosi yeentlanga.
15. UIsaya ukuzekelisa njani ukunganeli kwenkuseleko kaYuda?
15 Phawula imeko ezi nkokeli zakwaYuda ezizifumana zikuyo ngoku. “Isingqengqelo singqineke sisifutshane gqitha ukuba uzolule kuso, neshiti elilukiweyo lilincinane gqitha xa uzisonga ngalo.” (Isaya 28:20) Kubonakala ngathi beziza kungqengqa ukuze ziphumle, kodwa oko kulilize. Ngenxa yokuba isigqubuthelo sisincinane, iinyawo zazo ziyavela zize zigodole xa zinabile, okanye imilenze ivele ize igodole xa ziqothole. Le yimeko engemnandanga ezazikuyo ngomhla kaIsaya. Yaye ikwayimeko abaya kuzifumana bekuyo nanamhlanje nabaphi na abakholosa ngegwiba leNgqobhoko lobuxoki. Hayi indlela elisikizi ngayo into yokuba ngenxa yokungenelela kwazo kwezobupolitika, ezinye iinkokeli zonqulo zeNgqobhoko ziye zazibona sezibandakanyeke kwizenzo ezimanyumnyezi njengokubulawa kwabantu okanye kohlanga ngenkohlakalo!
‘Isenzo Esimangalisayo’ SikaYehova
16. Siyintoni ‘isenzo esimangalisayo’ sikaYehova, yaye kutheni oku kungaqhelekanga nje?
16 Isiphelo seenkokeli zonqulo zakwaYuda siya kuba sesahluke ngokupheleleyo koko zikulindeleyo. UYehova uza kwenza into emangalisayo kula manxila okomoya akwaYuda. “UYehova uya kusuka kanye njengaseNtabeni yePerazim, uya kuphazamiseka kanye njengasentilini kufuphi neGibheyon, ukuze enze isenzo sakhe—isenzo sakhe esimangalisayo—nokuze asebenze umsebenzi wakhe—umsebenzi wakhe awuqhelekanga.” (Isaya 28:21) Ngemihla kaKumkani uDavide, uYehova wabenza abantu bakhe bawoyisa ngendlela ephawulekayo amaFilisti eNtabeni yePerazim nasentilini yaseGibheyon. (1 Kronike 14:10-16) Ngemihla kaYoshuwa, wada wenza ilanga lema ngxi phezu kweGibheyon ukuze uSirayeli awoyise ngokupheleleyo ama-Amori. (Yoshuwa 10:8-14) Oko kwakumangalisa ngokwenene! Ngoku uYehova uza kulwa kwakhona kodwa ngesi sihlandlo uza kulwa nabo bazibanga bengabantu bakhe. Ngaba kukho nantoni na emangalisa njengale? Akunjalo, ingakumbi xa sigqala isibakala sokuba iYerusalem isisazulu sonqulo lukaYehova nesixeko sokumkani othanjisiweyo kaYehova. Ukuza kuthi ga ngoku, indlu yasebukhosini kaDavide eseYerusalem ayikaze ibhukuqwe. Sekunjalo, ngokuqinisekileyo uYehova uza kuqhubeka ‘nesenzo sakhe esimangalisayo.’—Thelekisa uHabhakuki 1:5-7.
17. Ukugculela kuza kuba nayiphi indima ekuzalisekeni kwesiprofeto sikaIsaya?
17 Ngoko ke, uIsaya ulumkisa ngelithi: “Musani ukuzibonakalisa ningabagxeki, ukuze izibopho zenu zingabi nakomelela, kuba kukho intshabalaliso, yona kanye into ekugqitywe kuyo, endiyivileyo ivela kwiNkosi enguMongami, uYehova wemikhosi, ngelizwe eli lonke.” (Isaya 28:22) Nangona iinkokeli zigculela, isigidimi sikaIsaya siyinyaniso. Usive ngoYehova, lowo ezo nkokeli zenze umnqophiso naye. Ngokufanayo namhlanje, iinkokeli zeNgqobhoko ziyagculela xa zisiva ‘ngesenzo esimangalisayo’ sikaYehova. Ziyadlwayizela zibhebhethe. Kodwa isigidimi amaNgqina kaYehova asivakalisayo siyinyaniso. Sifumaneka eBhayibhileni, ncwadi leyo ezo nkokeli zithi zingabameli bayo.
18. UIsaya ukuzekelisa njani ukulungelelana kukaYehova xa enikela uqeqesho?
18 Bona abantu abanyanisekileyo abangazilandeliyo ezo nkokeli, uYehova uza kubalungisa ukuze bakholeke kuye. (Funda uIsaya 28:23-29.) Kanye njengokuba umlimi esebenzisa iindlela ezithambileyo zokubhula ukudla okuziinkozo okucekethekileyo, njengekumin, ngoko noYehova ulunikela uqeqesho lwakhe ngokweemeko zomntu ngamnye. Akakaze abe ngqwabalala okanye abe nogonyamelo kodwa usoloko enenjongo yokuba baguquke abo banxaxhayo. Ewe, ukuba kukho abo basamkelayo isibongozo sikaYehova, kukho ithemba ngabo. Ngokufanayo namhlanje, nangona iNgqobhoko iphela sele igwetyiwe, kodwa nabani na ozithobayo kuBukumkani bukaYehova unokuwuphepha lo mgwebo uqatha uzayo.
Yeha KwiYerusalem!
19. IYerusalem iza kuba ‘liziko lesibingelelo’ ngayiphi indlela, yaye oku kwenzeka nini yaye njani?
19 Noko ke, yintoni ngoku athetha ngayo uYehova? “Yeha kwiAriyeli, kwiAriyeli, idolophu awamisa inkampu kuyo uDavide! Yongezelelani unyaka phezu konyaka; mayizunguleze imithendeleko. Kuya kufuneka ndiyixinanisele iAriyeli, yaye imele ibe kukuzila nokwenza isijwili, kwaye kum imele ibe njengeziko lesibingelelo sikaThixo.” (Isaya 29:1, 2) Igama elithi “Ariyeli” lisenokuba lithetha ‘Iziko Lesibingelelo SikaThixo,’ ekubonakala ukuba apha libhekisela kwiYerusalem. Kulapho ikhoyo itempile nesibingelelo sayo sokwenza amadini. AmaYuda agcina isithethe sokwenza imisitho nemibingelelo apho, kodwa uYehova akayoliswa lunqulo lwawo. (Hoseya 6:6) Kunoko, uwisa ummiselo wokuba eso sixeko siza kuba ‘liziko lesibingelelo’ ngengqiqo eyahlukileyo. Njengesibingelelo, siza kuzala ligazi size sitshiswe ngomlilo. UYehova uchaza kwanendlela okuza kwenzeka ngayo oku, esithi: “Ndimele ndimise inkampu macala onke kuwe, yaye ndimele ndikungqinge ngothango lwezibonda ezitsolo ndize ndikumisele umsebenzi wokungqinga. Kwaye umele uthotywe kangangokuba uya kuthetha usemhlabeni kanye, yaye intetho yakho iya kuvakala kancinane njengoseluthulini.” (Isaya 29:3, 4) Oku kuzaliseka kuYuda nakwiYerusalem ngowama-607 B.C.E. xa umkhosi wamaBhabhiloni usingqinga uze usitshabalalise eso sixeko uze uyitshise itempile. IYerusalem ithotyelwa phantsi emhlabeni eyakhiwa kuwo.
20. Liya kuba yintoni ishwangusha leentshaba zikaThixo?
20 Ngaphambi kwelo xesha leshwangusha, babakho ookumkani abathile kwaYuda abawuthobelayo uMthetho kaYehova. Yintoni ke ngoko eza kwenzeka? UYehova uyabalwela abantu bakhe. Nangona utshaba lusenokuligubungela ilizwe, luba ‘njengomgubo ocolekileyo nomququ.’ Ngexesha lakhe elifanelekileyo, uYehova uza kuluchithachitha “ngendudumo nangokunyikima nangesandi esikhulu, umoya osisaqhwithi nesivuthuvuthu, nedangatye lomlilo oqwengayo.”—Isaya 29:5, 6.
21. Chaza umzekeliso okuIsaya 29:7, 8.
21 Imikhosi enobutshaba isenokulangazelela ukuyiphanga iYerusalem ize irhalele amaxhoba emfazwe. Kodwa iza kuyicel’ ivuthiwe! Njengomntu olambileyo ophupha esidla aze avuke esalambile, nazo iintshaba zikaYuda azizi kusifumana isidlo ezisirhalelayo. (Funda uIsaya 29:7, 8.) Phawula oko kwenzekayo kumkhosi wama-Asiriya okhokelwa nguSaneribhe xa usongela iYerusalem ngomhla kaKumkani uHezekiya othembekileyo. (Isaya, isahluko 36 nesama-37) Ngobusuku nje obunye, loo mkhosi woyikekayo wemfazwe wama-Asiriya uye warhoxiswa, kungakhange kuphakanyiswe zigalo—kwabulawa amajoni awo akhaliphileyo ali-185 000! Amaphupha oloyiso aza kuphuthiswa kwakhona xa umkhosi kaGogi wakwamaGogi kungekudala uxhobela abantu bakaYehova.—Hezekile 38:10-12; 39:6, 7.
22. Ukunxila kukaYuda ngokomoya kumchaphazela njani?
22 Ngexesha lokuvakalisa kukaIsaya le nxalenye yesiprofeto sakhe, iinkokeli zakwaYuda azinalo ukholo olunjengolukaHezekiya. Ziye zasela zada zayoba ngokomoya ngokuzimanya kwazo neentlanga ezingahloneli Thixo. “Zilazilani nize nithi manga; zimfamekiseni, nize nimfameke. Bayotyiwe kungengawayini; bayagxadazela kungengasiselo sinxilisayo.” (Isaya 29:9) Njengoko zinxilile ngokomoya, ezi nkokeli azikuqondi ukubaluleka kombono onikwe umprofeti wokwenyaniso kaYehova. UIsaya uthi: “Phezu kwenu uYehova uthulule umoya wobuthongo obunzulu; yaye uyawavala amehlo enu, abaprofeti, azigqubuthele neentloko zenu, iimboni. Yaye kuni umbono wayo yonk’ into uba njengamazwi encwadi etywiniweyo, abayinika lowo uwaziyo umbhalo, besithi: ‘Nceda, funda oku ngokuvakalayo,’ kuze kufuneke yena athi: ‘Andikwazi, kuba utywiniwe’; ize ke incwadi inikwe ongawaziyo umbhalo, uthile esithi: ‘Nceda, funda oku ngokuvakalayo,’ kuze kufuneke yena athi: ‘Andiwazi konke konke umbhalo.’”—Isaya 29:10-12.
23. Kutheni uYehova eza kumphendulisa uYuda, yaye uza kukwenza njani oko?
23 Iinkokeli zonqulo zakwaYuda zizibanga ziziingqondi ngokomoya, kodwa zimshiyile uYehova. Zifundisa ezazo iingcamango ezigqwethekileyo zokulungileyo nokuphosakeleyo, zikuthethelela ukungathembeki kwazo nokuziphatha kwazo okubi kwanokudedisela kwazo abantu kude nenkoliseko kaThixo. “Ngento emangalisayo”—‘isenzo sakhe esimangalisayo’—uYehova uza kuziphendulisa ngokuhanahanisa kwazo. Uthi: “Ngenxa yokuba esi sizwana sisondele kum ngomlomo waso, sandizukisa nje ngemilebe yaso, kodwa intliziyo yaso ikude lee kum, nokundoyika kwaso ngumyalelo wabantu ofundiswayo, ngoko ke, yabona, ndinguLowo uya kwenza kwakhona ngokumangalisayo kwesi sizwana, ngendlela emangalisayo nangento emangalisayo; yaye ubulumko babantu baso abazizilumko bumele butshitshe, nokuqonda kwabantu baso abaziingqondi kuya kuzifihla.” (Isaya 29:13, 14) Ubulumko nokuqonda kukaYuda kokuzingca kuza kuphela xa uYehova exhokonxa iGunya Lehlabathi LamaBhabhiloni ukuba liyitshabalalise yonke inkqubo yakhe yonqulo oluwexukileyo. Kwenzeka into efanayo nangenkulungwane yokuqala emva kokuba iinkokeli zamaYuda ezizibanga zizizilumko ziluwexulile uhlanga. Kuza kwenzeka okufanayo nakwiNgqobhoko yomhla wethu.—Mateyu 15:8, 9; Roma 11:8.
24. AmaYuda akubonakalisa njani ukuswela kwawo uloyiko lobuthixo?
24 Noko ke, okwangoku ezo nkokeli zizidlayo zakwaYuda zikholelwa kukuba zilumke ngokwaneleyo ukuba zingasiphepha isohlwayo sokugqwetha kwazo unqulo lokwenyaniso. Ngaba kunjalo ngokwenene? UIsaya uyazibhenca, edandalazisa ukungamoyiki kwazo uThixo nokungabi nabulumko bokwenyaniso kwazo, esithi: “Yeha ke abo bangena nzulu ekufihleni icebo likaYehova, nabo bazenzo zenzeke endaweni emnyama, ngoxa besithi: ‘Ngubani na osibonayo, ingubani na nosaziyo?’ Ubugwenxa benu! Ufanele agqalwe njengodongwe na umbumbi? Kuba into eyenziweyo ifanele itsho na kumenzi wayo ukuthi: ‘Akandenzanga’? Yaye ngaba yona kanye into eyiliweyo ingatsho na ngomyili wayo ukuthi: ‘Akabonakalisanga kuqonda’?” (Isaya 29:15, 16; thelekisa INdumiso 111:10.) Nokuba zicinga ukuba zifihlakele kangakanani na, “zize yaye zibhencekile” emehlweni kaThixo.—Hebhere 4:13.
“Izithulu Ngokuqinisekileyo Ziya Kuva”
25. “Izithulu” ziza kuva ngayiphi ingqiqo?
25 Noko ke, baza kusindiswa abo babonakalisa ukholo. (Funda uIsaya 29:17-24; thelekisa uLuka 7:22.) “Izithulu” ziya “kuva amazwi encwadi le,” isigidimi esiseLizwini likaThixo. Ewe, oku asikokuphiliswa kobuthulu bokwenyama. Kukuphiliswa kokomoya. Kwakhona uIsaya walatha phambili ekumiselweni koBukumkani bukaMesiya nokubuyiselwa konqulo lokwenyaniso emhlabeni lulawulo lukaMesiya. Oku kuye kwenzeka kwixesha lethu, yaye izigidi zabanyanisekileyo ziyavuma ukulungiswa nguYehova zize zifunde ukumdumisa. Hayi indlela okuchulumancisa ngayo oko! Ekugqibeleni, iza kufika imini apho wonk’ ubani, yonke into ephefumlayo, iya kumdumisa uYehova ize ingcwalise igama lakhe elingcwele.—INdumiso 150:6.
26. Ziziphi izikhumbuzo zokomoya ezizivayo “izithulu” namhlanje?
26 Yintoni eziyifundayo namhlanje ezo “zithulu” ziva iLizwi likaThixo? Zifunda ukuba amaKristu, ingakumbi lawo ibandla likhangele kuwo njengemizekelo, amele akuphephe ngenyameko ‘ukulahleka ngenxa yesiselo esinxilisayo.’ (Isaya 28:7) Kwakhona, asimele sidinwe kukuva izikhumbuzo zikaThixo, ezisinceda ukuba sibe nembono yokomoya ngezinto zonke. Ngoxa ngokufanelekileyo amaKristu ebathobela abasemagunyeni aseburhulumenteni yaye ekhangele kubo ukuba baphumeze iinkonzo ezithile, usindiso lona aluveli ehlabathini, kodwa luvela kuYehova uThixo. Kwakhona, masingaze silibale ukuba njengokuba kwakunjalo ekugwetyweni kweYerusalem ewexukileyo, nasekugwebeni kukaThixo esi sizukulwana akuyi kubakho babalekayo. Ngoncedo lukaYehova sinako ukuqhubeka sivakalisa isilumkiso sakhe phezu kwayo nje inkcaso, njengoko wenzayo uIsaya.—Isaya 28:14, 22; Mateyu 24:34; Roma 13:1-4.
27. Ziziphi izifundo anokuzifunda amaKristu kwesi siprofeto sikaIsaya?
27 Abadala nabazali banokufunda kwindlela uYehova anikela ngayo uqeqesho, kuba usoloko efuna ukubuyisela abenzi-bubi kwinkoliseko kaThixo, kungekhona nje ukubohlwaya kuphela. (Isaya 28:26-29; thelekisa uYeremiya 30:11.) Yaye sonke, kuquka nabaselula, sikhunjuzwa indlela ekubaluleke ngayo ukukhonza uYehova ngokusuka entliziyweni, kungekhona nje ukuba ngamaKristu okuzenzisa ukuze sikholise abantu. (Isaya 29:13) Simele sibonise ukuba ngokungafaniyo nabemi bakwaYuda abangathembekanga, thina simoyika ngokwenene uYehova yaye simhlonela ngokunzulu. (Isaya 29:16) Ngaphezu koko, kufuneka sibonise ukuba sikulungele ukulungiswa nguYehova nokufunda kuye.—Isaya 29:24.
28. Abakhonzi bakaYehova bazigqala njani izenzo zakhe zokusindisa?
28 Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukubonisa ukholo nokukholosa ngoYehova nangendlela yakhe yokwenza izinto! (Thelekisa INdumiso 146:3.) Kwabaninzi, isigidimi sesilumkiso esisishumayelayo siza kuvakala sisesobuntwana. Ukutshatyalaliswa okulindelweyo kwentlangano yeNgqobhoko, ezibanga ikhonza uThixo, kuyinto emangalisayo, nengaqhelekanga. Kodwa uYehova uza kusiphumeza ‘isenzo sakhe esimangalisayo.’ Akuthandabuzeki oko. Kungenxa yoko le nto ebudeni bemihla yokugqibela yale nkqubo yezinto, abakhonzi bakaThixo bekholose ngokupheleleyo ngoBukumkani bakhe nangoKumkani wakhe omiselweyo, uYesu Kristu. Bayazi ukuba izenzo zikaYehova zokusindisa—kuquka ‘umsebenzi wakhe omangalisayo’—ziya kuluzisela iintsikelelo ezingunaphakade lonke uluntu oluthobelayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a KwisiHebhere santlandlolo, uIsaya 28:10 unemvano-siphelo ephindaphindiweyo, evakala njengesicengcelezo sabantwana abancinane. Ngoko ke, isigidimi sikaIsaya sivakele singumlembelele wabantwana kwiinkokeli zonqulo.
[Imifanekiso ekwiphepha 289]
INgqobhoko ithembele kumanyano lwayo nabalawuli babantu kunokuthembela kuThixo
[Umfanekiso okwiphepha 290]
UYehova usiphumeze ‘isenzo sakhe esimangalisayo’ ngokuvumela iBhabhiloni itshabalalise iYerusalem
[Umfanekiso okwiphepha 298]
Abo babekade bezizithulu ngokomoya ‘banokuliva’ iLizwi likaThixo