Isaya
9 Kodwa ke, ubumnyama abuzukuba njengaxa ilizwe lalisentlungwini, njengakwixesha elidlulileyo xa ilizwe lakwaZebhulon nelakwaNafetali laphathwa ngendelelo.+ Kodwa kwixesha elizayo uThixo uza kulenza lizukiswe, ukuya kutsho kwindlela yaselwandle, kummandla weYordan, kwiGalili yeentlanga.
2 Abantu ababehamba ebumnyameni
Babone ukukhanya okuqaqambe kakhulu.
Ke bona abo bahlala elizweni lethunzi elimnyama,
Baye bakhanyiselwa.+
3 Ulwandisile uhlanga;
Ulonwabise gqitha.
Luye lwanemihlali phambi kwakho
Njengaxa abantu besiba nemihlali ngexesha lokuvuna,
Njengabo bavuyayo xa besahlulelana ngamaxhoba.
4 Kuba uyaphule yaziingceba idyokhwe yomthwalo wabo,
Intonga esemagxeni abo, nomsimelelo walowo ubasebenzisa nzima,
Njengemini yakwaMidiyan.+
5 Zonke izihlangu ezinyikimisa umhlaba xa zimatsha
Nayo yonke impahla ehlaliswe egazini
Iza kuphemba umlilo.
Igama lakhe iza kuba nguMcebisi Omangalisayo,+ uThixo Onamandla,+ uTata Ongunaphakade, iNkosana Yoxolo.
Noxolo aluzukuphela+
Etroneni kaDavide+ nasebukumkanini bakhe,
Ukuze kungabikho nto ibugungqisayo+ nokuze buxhaswe
Ngokusesikweni* nangobulungisa,+
Ngoku nangonaphakade.
UYehova wemikhosi uzimisele, ibe uza kuyenza le nto.
9 Yaye bonke abantu baza kulazi,
UEfrayim nabemi baseSamariya,
Abaye baphathwa likratshi nakukusa ezintliziyweni zabo, baza bathi:
Imithi yesikamore igawulwe,
Kodwa thina siza kusebenzisa eyemisedare.”
11 UYehova uza kuphakamisa iintshaba zikaRetsin ukuze zilwe naye,
Avuselele iintshaba zakhe ukuba zimchase ngokupheleleyo,
12 ISiriya ngasempuma namaFilisti ngasentshona,*+
Ziza kumginya uSirayeli ngemilomo evulekileyo.+
Ngenxa yale nto, umsindo wakhe awuzukujika,
Uza kuqhubeka esolulele ukubabetha isandla sakhe.+
16 Abo bakhokela esi sizwana bayasibhadulisa,
Nabo bakhokelwayo babhidekile.
17 Yiloo nto uYehova engazukuvuyiswa ngabafana babo,
Ibe akazukuba nanceba kubantwana abangenatata* nabahlolokazi,
Kwaye yonke imilomo ithetha izinto ezingekhoyo.
Kuba bonke bangabawexuki nabenzi-bubi.+
Ngenxa yale nto, umsindo wakhe awuzukujika,
Uza kuqhubeka esolulele ukubabetha isandla sakhe.+
18 Kuba ukwenziwa kwezinto ezimbi kuvutha njengomlilo,
Oqwenga amatyholo anameva nokhula.
Kuza kutshisa iintshinyela zehlathi,
Yaye ziza kunyuka zingumsi.
Akukho mntu uza kusizela nomntakwabo lo wembala.
Bobabini baza kulwa noYuda.+
Ngenxa yale nto, umsindo wakhe awuzukujika,
Uza kuqhubeka esolulele ukubabetha isandla sakhe.+