Kwabase-Efese
2 Ngapha koko uThixo unenze naphila nangona nanifile ngenxa yeempazamo nezono zenu,+ 2 kuba nanikhe naphila ngendlela yeli hlabathi,+ ngendlela umlawuli wegunya lomoya afuna niphile ngayo.+ Ngoku lo moya+ usebenza kwabo bangamthobeliyo uThixo. 3 Sakhe saphila nabo, siziphethe ngokweminqweno yemizimba yethu enesono,+ sisenza izinto ezifunwa yimizimba yethu nesizicingayo,+ ibe sasingabantwana abafanelwe ngumsindo kaThixo.+ 4 Kodwa ekubeni uThixo onenceba ngeyona ndlela+ esithanda kakhulu,+ 5 wasenza saphila kunye noKristu, nangona sasijongwa njengabafileyo ngenxa yezono zethu,+ waza ngobubele bakhe* wanisindisa. 6 Ngaphezu koko, wasenza saphila waza wasihlalisa ezulwini simanyene noKristu Yesu,+ 7 ukuze kwihlabathi elizayo* asibonise ububele bakhe obungathethekiyo,* xa esenzela izinto ezintle thina bamanyene noKristu Yesu.
8 Nina ninokholo niye nasindiswa ngenxa yobu bubele,*+ ibe aniyisebenzelanga loo nto, kodwa sisipho sikaThixo. 9 Akukho mntu uyisebenzeleyo le nto,+ ukuze kungabikho mntu uza kuqhayisa. 10 Singumsebenzi kaThixo ibe sadalwa+ ngokumanyene noKristu Yesu,+ sidalelwa ukwenza imisebenzi emihle, uThixo awasibekela yona kwangaphambili.
11 Ngoko ke khumbulani ukuba, nina bantu beentlanga nanikhe nabizwa ngokuba anolukanga ngabo boluswe ngabantu. 12 Ngelo xesha naningamazi uKristu, kungekho nto inidibanisa nabantu bakwaSirayeli, ningabalwanga kwizivumelwano zesithembiso;+ naningenathemba yaye ningenaye uThixo emhlabeni.+ 13 Kodwa ngoku, ekubeni ningabalandeli bakaKristu Yesu, nina enanikade nikude niye nasondela ngegazi likaKristu. 14 Kuba usizisele uxolo+ lowo udibanise la maqela mabini,+ ibe uludilizile udonga obeluphakathi kwabo, lubahlula.+ 15 Ngomzimba* wakhe uye wabuphelisa obo butshaba, waphelisa nencwadi yoMthetho kaMoses, ukuze la maqela mabini amanyane naye, abe ngumntu omnye omtsha,+ aze adale uxolo, 16 adibanise la maqela ngokupheleleyo abe ngumzimba omnye kuThixo ngesibonda sokungcungcutheka,*+ kuba wasebenzisa umzimba wakhe ukuze aphelise obo butshaba.+ 17 Yaye weza ukuze ashumayele iindaba ezilungileyo zoxolo kuni nina nanikude noThixo nakwabo bakufutshane, 18 kuba ngenxa yakhe, thina bala maqela mabini, sisondela kuTata ngomoya omnye.
19 Ngoko anisengabo abantu abangaziwayo nabasemzini,+ kodwa ningabemi+ kunye nabo bangcwele namalungu endlu kaThixo,+ 20 yaye nakhelwe phezu kwesiseko esingabapostile nabaprofeti,+ ngoxa yena uKristu Yesu elilitye lekona elisisiseko.+ 21 Sonke esi sakhiwo simanyene naye, nesinamalungu adityaniswe kakuhle,+ sikhula sibe yitempile kaYehova* engcwele.+ 22 Ekubeni nimanyene naye, nani nakhiwa kunye ukuze nibe yindawo yokuhlala kaThixo ngomoya wakhe.+